Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba IBhayibhile Isabutshintsha Ubomi Bakho?

Ngaba IBhayibhile Isabutshintsha Ubomi Bakho?

“Guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu.”—ROMA 12:2.

IINGOMA: 61, 52

1-3. (a) Luluphi utshintsho ekusenokuba nzima ukulwenza emva kokubhaptizwa? (b) Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona xa kunzima ukwenza utshintsho? (Jonga imfanekiso esekuqaleni.)

KANGANGEMINYAKA emininzi, uKevin wayengcakaza, etshaya, enxila yaye esebenzisa iziyobisi. [1] (Jonga umbhalo osekugqibeleni.) Wathi akufunda ngoYehova, wafuna ukuba ngumhlobo wakhe. Kodwa ukuze enze oko, kwafuneka enze utshintsho olukhulu ebomini bakhe. Wakwazi ukulwenza olo tshintsho ngoncedo lukaYehova neLizwi lakhe iBhayibhile.—Hebhere 4:12.

2 Emva kokuba uKevin ebhaptiziwe, kwakusafuneka enze utshintsho kubuntu bakhe ukuze abe ngumKristu olunge ngakumbi. (Efese 4:31, 32) Ngokomzekelo, wayekhawuleza ukuba nomsindo. Kwamothusa ukubona indlela ekunzima ngayo ukulawula umsindo wakhe. UKevin ude athi ukulawula umsindo wakhe kwakunzima nangaphezu kokuyeka zonke izinto izimbi awayezenza ngaphambi kokuba abhaptizwe! Kodwa wakwazi ukwenza utshintsho ngokubongoza uYehova ukuba amncede nangokufundisisa iBhayibhile.

3 Ngaphambi kokuba sibhaptizwe, abaninzi kuthi kwafuneka benze utshintsho olukhulu ebomini babo ukuze baphile ngendlela iBhayibhile ethi masiphile ngayo. Kodwa nangoku sisaqaphela ukuba kukho izinto ezincinane ekufuneka sizitshintshe ukuze sibe njengoThixo noKristu. (Efese 5:1, 2; 1 Petros 2:21) Ngokomzekelo, sisenokuqaphela ukuba siyathanda ukukhalaza okanye sisoloko sihleba abanye size sithethe izinto ezingentlanga ngabo. Okanye ngamanye amaxesha sisenokuba nexhala lokuba baza kuthini abantu, side singayenzi eyona nto ilungileyo. Mhlawumbi kukho izinto esineminyaka sizama ukuzitshintsha, kodwa sitsho phantsi. Ngoko sisenokuzibuza: ‘Kutheni le nto ndinzinyelwa ukwenza olu tshintsho luncinane? Yintoni endimele ndiyenze ukuze ndisebenzise oko iBhayibhile ikutshoyo ndize ndiqhubeke ndiphucula ubuntu bam?’

UNAKO UKUMKHOLISA UYEHOVA

4. Kutheni singakwazi ukusoloko simkholisa uYehova?

4 Siyamthanda uYehova, ibe sikunqwenela ngentliziyo yethu yonke ukumkholisa. Kodwa okubuhlungu kukuba, asikwazi ukusoloko simkholisa kuba asifezekanga. Sivakalelwa ngendlela awayevakalelwa ngayo umpostile uPawulos owathi: “Umnqweno ukho kum, kodwa amandla okwenza oko kuhle akakho.”Roma 7:18; Yakobi 3:2.

5. Luluphi utshintsho esalwenzayo ngaphambi kokuba sibhaptizwe, kodwa bubuphi ubuthathaka ekusenokwenzeka ukuba sisajijisana nabo?

5 Ngaphambi kokuba sibe yinxalenye yebandla, kwafuneka siyeke ukwenza izinto azicaphukelayo uYehova. (1 Korinte 6:9, 10) Kodwa ke asikafezeki. (Kolose 3:9, 10) Ngoko sisazenza iimpazamo nokuba sele sineminyaka sibhaptiziwe. Ngamaxesha athile, sisenokuba neengcinga neemvakalelo ezingafanelekanga, okanye sinzinyelwe kukulawula ubuthathaka esinabo kubuntu bethu. Kusenokude kuphele iminyaka emininzi sijijisana nobu buthathaka.

6, 7. (a) Yintoni esinceda sikwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova nangona singafezekanga? (b) Kutheni singamele silibazise ukucela ukuxolelwa nguYehova?

6 Sinokuba ngabahlobo bakaYehova size simkhonze nangona singafezekanga. Hlala ukhumbula ukuba kwakutheni ukuze ube ngumhlobo kaYehova. Nguye owabona izinto ezintle kuwe, waza wafuna ukuba umazi. (Yohane 6:44) Wayeyazi into yokuba unobu buthathaka unabo, ibe uza kuzenza iimpazamo. Sekunjalo, uYehova wayefuna ukuba ube ngumhlobo wakhe.

7 UYehova wasithanda kakhulu wada wasipha isipho esixabisekileyo. Wathumela uNyana wakhe, uYesu emhlabeni ukuze anikele ngobomi bakhe bube yintlawulelo yezono zethu. (Yohane 3:16) Xa senze impazamo, sinokumcela uYehova asixolele. Ibe ngenxa yentlawulelo, sinokuqiniseka ukuba uza kusixolela yaye siza kuhlala singabahlobo bakhe. (Roma 7:24, 25; 1 Yohane 2:1, 2) Khumbula ukuba uYesu wafela aboni abaguqukayo. Ngoko nokuba sibona ngathi into esiyenzileyo imbi kakhulu, asimele siyeke ukuthandazela ukuba uYehova asixolele. Ukungafuni ukucela uxolo kuye, kufana nokungafuni ukuhlamba izandla ezimdaka. Sinombulelo gqitha ngokuba uYehova elungiselele ukuba sikwazi ukuba ngabahlobo bakhe nangona singafezekanga!—Funda eyoku-1 kuTimoti 1:15.

Ukuba sifuna ukusondela ngakumbi kuYehova, kufuneka siqhubeke sizama ukuba njengaye noNyana wakhe

8. Kutheni kufuneka singabubethi ngoyaba ubuthathaka bethu?

8 Kakade ke, asinakububetha ngoyaba ubuthathaka bethu, okanye simane sibuthethelela. UYehova usixelele ukuba ufuna abahlobo bakhe babe ngabantu abanjani. (INdumiso 15:1-5) Ngoko ukuba sifuna ukusondela ngakumbi kuye, kufuneka siqhubeke sizama ukuba njengaye noNyana wakhe. Kufuneka siqhubeke sizama nokulawula iminqweno engafanelekanga, ibe sisenokude sikwazi ukohlukana neminye yayo. Nokuba sinexesha elide kangakanani sibhaptiziwe, simele siqhubeke sibuphucula ubuntu bethu.—2 Korinte 13:11.

9. Sazi njani ukuba singaqhubeka sisambatha ubuntu obutsha?

9 Umpostile uPawulos wawaxelela oku amaKristu: ‘Nifanele nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili nobonakaliswe yiminqweno yabo ekhohlisayo. Kodwa mawaqhubeke ehlaziyeka amandla engqondo yenu, nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.’ (Efese 4:22-24) Oku kuthetha ukuba kufuneka siqhubeke sizama ukutshintsha size ‘sambathe ubuntu obutsha.’ Ngoko nokuba sinexesha elide kangakanani sikhonza uYehova, ihlala ikho into esinokuyifunda ngeempawu zakhe. Ibe iBhayibhile inokusinceda siqhubeke sibutshintsha ubuntu bethu ukuze sifane naye.

KUTHENI KUNZIMA KANGAKA?

10. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siqhubeke sisenza utshintsho sincedwa yiBhayibhile, ibe yiyiphi imibuzo esinokuyibuza?

10 Sonke sifuna ukwenza oko kuthethwa yiBhayibhile. Kodwa kufuneka sisebenze nzima ukuba sifuna ukuqhubeka sitshintsha. Kutheni kufuneka senze umgudu ongaka? Ngaba uYehova ebengenako ukusenzela kube lula ukwenza okulungileyo?

11-13. Kutheni uYehova elindele ukuba senze umgudu wokoyisa ubuthathaka bethu?

11 Xa sicinga ngendalo, asithandabuzi ukuba uYehova unamandla okwenza nantoni na. Ngokomzekelo, wadala ilanga elinamandla angummangaliso. Mzuzwana ngamnye, livelisa ukukhanya nobushushu obukhulu, kodwa lisuntswana nje elincinane lokukhanya nobushushu belanga obufunekayo ukuze ubomi buqhubeke emhlabeni. (INdumiso 74:16; Isaya 40:26) Kwakhona, uYehova uyabanika amandla abakhonzi bakhe abasemhlabeni xa bewadinga. (Isaya 40:29) Kucacile ke ukuba, uYehova ebenako ukukwenza kube lula kakhulu ukulwa nobuthathaka neengcinga zethu ezingafanelekanga, ukuba ebefuna. Ngoko kutheni engayenzi nje loo nto?

12 UYehova usinike inkululeko yokuzikhethela. Usivumela sizikhethele ngokwethu ukuba siza kumthobela na okanye akunjalo. Xa sizikhethela ukumthobela size sisebenze nzima ukwenza ukuthanda kwakhe, sibonisa ukuba siyamthanda yaye sifuna ukumkholisa. USathana ume ngelithi uYehova akanalungelo lokulawula. Kodwa xa sithobela uYehova, sibonisa ukuba sifuna ukulawulwa nguye. Ibe sinokuqiniseka ukuba uBawo wethu onothando uyixabisa yonke imigudu esiyenzayo ukuze simthobele. (Yobhi 2:3-5; IMizekeliso 27:11) Xa sizama kangangoko ukulawula ubuthathaka bethu nangona kungekho lula ukwenza oko, sibonisa ukuba sinyanisekile kuYehova yaye sikhetha yena njengoMlawuli wethu.

13 UYehova usixelela ukuba simele sisebenze nzima ukuze sibe neempawu ezifana nezakhe. (Kolose 3:12; funda eyesi-2 kaPetros 1:5-7.) Ulindele nokuba sisebenze nzima ukuze silawule iingcinga neemvakalelo zethu. (Roma 8:5; 12:9) Nanini na sisebenza nzima ukuze senze utshintsho size siphumelele, siye sivuye nyhani.

VUMELA ILIZWI LIKATHIXO LIQHUBEKE LIKUTSHINTSHA

14, 15. Yintoni esinokuyenza ukuze sibe neempawu uYehova azithandayo? (Jonga ibhokisi ethi “ IBhayibhile Nomthandazo Yabutshintsha Ubomi Babo.”)

14 Simele senze ntoni ukuze sibe neempawu uYehova azithandayo? Simele sivumele uThixo asibonise izinto ekufuneka sizitshintshe, singazikhetheli ngokwethu. AmaRoma 12:2 athi: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” Ngoko ukuze sikwazi oko kufunwa nguYehova, simele sithembele ngoncedo asinike lona. Simele sifunde iBhayibhile yonke imihla, sicingisise nzulu ngoko sikufundayo, size sithandaze kuYehova ukuba asinike umoya wakhe oyingcwele. (Luka 11:13; Galati 5:22, 23) Xa sisenza ezi zinto, uYehova unokusinceda sikuqonde oko kumkholisayo, ibe sinokutsho sikwazi ukucinga ngendlela acinga ngayo. Ngenxa yoko, izinto esizicingayo, esizithethayo nesizenzayo ziya kumkholisa uYehova, ibe siya kutsho sikwazi ukubulawula ubuthathaka bethu. Kodwa ke loo nto ayithethi kuthi siza kutsho siphumle ekulweni nobuthathaka bethu.—IMizekeliso 4:23.

Qokelela amanqaku kwiincwadi zethu okanye izibhalo eziseBhayibhileni ezikunceda ulwe nobuthathaka bakho, uze umane uzifunda (Jonga isiqendu 15)

15 Asimele siphelele nje ekuyifundeni yonke imihla iBhayibhile. Kufuneka siyifundisise sisebenzisa iincwadi ezisekelwe kuyo, ezifana neMboniselo noVukani! Amanqaku amaninzi kwezi magazini asifundisa indlela esinokuba nazo ngayo iimpawu zikaYehova size silwe nobuthathaka bethu. Sisenokufumana amanqaku okanye izibhalo ezingathi zibhalelwe thina ngokukhethekileyo. Sinokuwaqokelela la manqaku nezi zibhalo ukuze simane siwafunda.

16. Kutheni singafanele sityhafe xa sibona ngathi asikhawulezi ukwenza utshintsho?

16 Kuthath’ ixesha ukuba neempawu zikaYehova. Ngoko ukuba ubona ngathi awukatshintshi kangangoko ubufuna, musa ukutyhafa. Kusenokufuneka uqale uzinyanzele ukuba wenze oko kuthethwa yiBhayibhile. Kodwa okukhona ucinga uze wenze oko kufunwa nguYehova, kuya kuba lula ukuba njengaye uze wenze okulungileyo.—INdumiso 37:31; IMizekeliso 23:12; Galati 5:16, 17.

CINGA NGEKAMVA LETHU ELIHLE

17. Xa sinyanisekile kuYehova, liliphi ikamva esinokukhangela phambili kulo?

17 Sijonge ngamehlo abomvu kwixesha laxa siza kufezeka size sikhonze uYehova ngonaphakade. Ngelo xesha, akukho buthathaka siza kube sisilwa nabo, ibe kuza kuba lula nyhani ukuba njengoYehova. Kodwa nangoku siyakwazi ukumnqula uYehova kuba usiphe isipho sentlawulelo. Nangona singafezekanga, sinako ukumkholisa ukuba siqhubeka sizama kangangoko sinako ukutshintsha size senze oko asifundisa kona eBhayibhileni.

18, 19. Sinokuqiniseka njani ukuba iBhayibhile inako ukusinceda siqhubeke sisenza utshintsho ebomini bethu?

18 UKevin wazama kangangoko ukufunda ukulawula umsindo wakhe. Wacingisisa ngoko wakufunda eBhayibhileni waza wazama ukwenza utshintsho ebomini bakhe. Waphulaphula namacebiso awawafumana kwamanye amaKristu. Nangona kwamthatha ixesha ukuba aphucule, ethubeni waba sisicaka solungiselelo. Yaye ngoku uneminyaka eyi-20 engumdala. Kodwa nangoku, uyazi ukuba kusafuneka alwe nobuthathaka bakhe.

19 Nathi njengoKevin sinako ukuqhubeka sibuphucula ubuntu bethu. Xa sikwenza oko, siya kuqhubeka sisondela kuYehova. (INdumiso 25:14) Uza kusinceda siphumelele xa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze sitshintshe. Sinokuqiniseka ukuba iBhayibhile inako ukusinceda siqhubeke sisenza utshintsho ebomini bethu.—INdumiso 34:8.

^ [1] (isiqendu 1) Igama litshintshiwe.