Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uzenza Njani Izigqibo Zakho?

Uzenza Njani Izigqibo Zakho?

“Qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.”—EFESE 5:17.

IINGOMA: 69, 57

1. Yiyiphi eminye imizekelo yemithetho eseBhayibhileni, ibe ukuyithobela kusinceda njani?

EBHAYIBHILENI, uYehova usinike imithetho ecacileyo esixelela oko afuna sikwenze. Ngokomzekelo, usixelela ukuba singanquli izithixo, sibe, sinxile, okanye siziphathe kakubi. (1 Korinte 6:9, 10) UNyana kaYehova, uYesu, wabayalela ngokuthe ngqo abafundi bakhe wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza egameni loYise neloNyana nelomoya oyingcwele, nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona. Yaye, khangelani! ndinani yonke imihla de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.” (Mateyu 28:19, 20) Konke uYehova noYesu abasixelela ukuba sikwenze kunceda kwathina. Imithetho kaYehova isifundisa indlela yokuzinyamekela thina kunye neentsapho zethu, nendlela yokuhlala sisempilweni size sonwabe. Okona kubaluleke nangakumbi kukuba xa sithobela imiyalelo kaYehova kuquka nomyalelo wokushumayela, uyavuya aze asisikelele.

2, 3. (a) Kutheni iBhayibhile ingasiniki imithetho ngazo zonke iimeko zobomi? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

2 Kwangaxeshanye, iBhayibhile ayisiniki mithetho ngayo yonke into ebomini. Ngokomzekelo, akukho miyalelo ithe ngqo eBhayibhileni esixelela indlela yokunxiba. Oku kusibonisa indlela uYehova anobulumko ngayo. Nangona ifashoni itshintsha njengoko kuhamba ixesha, nabantu ehlabathini lonke benxiba iimpahla ezahlukahlukeneyo, yona iBhayibhile ayiphelelwa lixesha. Kwakhona, ayisiniki mithetho ngemisebenzi nangendlela yokuzonwabisa esimele siyikhethe okanye eyona nto ekufuneka siyenze ukuze sihlale sisempilweni. UYehova uvumela mntu ngamnye neentloko-ntsapho ukuba zizenzele ezi zigqibo.

3 Ngenxa yoko, xa kufuneka senze isigqibo esibalulekileyo ngobomi bethu sibe singafumani mthetho ngaso oseBhayibhileni, sisenokuzibuza: ‘Ngaba uYehova unomdla kwisigqibo endisenzayo? Ngaba angavuyiswa nayintoni na endikhetha ukuyenza logama nje ingangqubani namthetho useBhayibhileni? Ndingaqiniseka njani ukuba uza kuvuyiswa zizigqibo endizenzayo?’

IZIGQIBO ZETHU ZICHAPHAZELA THINA NABANYE ABANTU

4, 5. Izigqibo zethu zisichaphazela njani thina nabanye?

4 Abanye abantu bacinga ukuba banelungelo lokuhamba ngabayibonayo. Kodwa ke sifuna ukwenza izinto ezivuyisa uYehova. Ngoko ke, ngaphambi kokuba senze isigqibo, kubalulekile ukuba sicinge ngoko iBhayibhile ikutshoyo size siyithobele. Ngokomzekelo, iBhayibhile isixelela ngendlela uThixo avakalelwa ngayo ngokusetyenziswa kwegazi, ngoko silandela oko ikutshoyo. (Genesis 9:4; IZenzo 15:28, 29) Sinokuthandaza kuYehova sicele uncedo lokwenza izigqibo eziza kumvuyisa.

5 Izigqibo zethu ziyasichaphazela. Isigqibo esihle sinokusenza sisondele ngakumbi kuYehova. Sona isigqibo esibi sinokubonakalisa ubuhlobo bethu naye. Izigqibo zethu ziyabachaphazela nabanye. Asifuni kwenza nto inokukhubekisa okanye yenze buthathaka ukholo lwabazalwana bethu. Kwakhona, asifuni kuxabanisa abazalwana ebandleni. Ngoko ke, kubalulekile ukuba senze izigqibo ezihle.—Funda amaRoma 14:19; Galati 6:7.

6. Simele sizenze njani izigqibo zethu?

6 Xa iBhayibhile ingasixeleli ngokungqalileyo oko simele sikwenze, sinokuzenza njani izigqibo ezihle? Kunokuba senze ukuthanda kwethu, simele sicingisise kakuhle ngemeko yethu size senze isigqibo esikholisa uYehova. Ngoko sinokuqiniseka ukuba uza kusinceda sifumane imiphumo emihle.—Funda iNdumiso 37:5.

YINTONI UYEHOVA AFUNA NDIYENZE?

7. Xa kungekho mthetho oseBhayibhileni, sinokukwazi njani oko uYehova afuna sikwenze kwimeko ethile?

7 Sinokukwazi njani oko kuza kukholisa uYehova? AmaEfese 5:17 athi: “Qhubekani nikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.” Xa kungekho mthetho othe ngqo eBhayibhileni, simele siqonde oko uYehova afuna sikwenze kuloo meko. Sinokukwenza njani oko? Kufuneka sithandaze kuye size sivumele umoya wakhe oyingcwele usikhokele.

8. UYesu wakuqonda njani oko uYehova afuna akwenze? Yenza umzekelo.

8 UYesu wayesoloko ekuqonda oko uYehova afuna akwenze. Ngokomzekelo, xa izihlwele zazilambile, uYesu wathandaza waza wazondla ngommangaliso kwada kwakabini. (Mateyu 14:17-20; 15:34-37) Kodwa ngoxa wayelambile esentlango ibe uMtyholi emlinga ukuba ajike amatye abe zizonka, uYesu akazange avume. (Funda uMateyu 4:2-4.) Wayemazi kakuhle uYise, ngoko wayesazi ukuba uYehova akanakufuna asebenzise umoya oyingcwele ukuze anelise iimfuno zakhe. Wayeqinisekile ukuba uYise wayeya kumkhokela aze amnike ukutya xa ekudinga.

9, 10. Yintoni eza kusinceda senze izigqibo zobulumko? Zekelisa.

9 NjengoYesu, nathi sinako ukwenza izigqibo ezihle ukuba nje sivumela uYehova asikhokele. IBhayibhile ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho. Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo. Yoyika uYehova, usuke ebubini.” (IMizekeliso 3:5-7) Xa sifunda iBhayibhile size sifunde nangendlela uYehova acinga ngayo, siza kukuqonda oko afuna sikwenze kuloo meko sijamelene nayo. Yaye okukhona sifunda ngendlela uYehova acinga ngayo, kokukhona kuza kuba lula ukwenza izigqibo eziza kumvuyisa. Ngale ndlela, ‘zitsho iintliziyo zethu ziluthobele ulwalathiso lukaThixo.’—Hezekile 11:19.

10 Masithi ibhinqa elitshatileyo lisevenkileni lize libone izihlangu ezihle. Kodwa ke zibiza imal’ enjengemali. Nangona umyeni walo engekho, liyakwazi oko aza kukucinga xa lisebenzisa imali engako. Liyazi njani loo nto? Kaloku sele benexesha betshatile, ngoko liyayazi indlela afuna bayisebenzise ngayo imali abanayo. Ngokufanayo, xa sifunda ngendlela uYehova acinga ngayo nezinto azenzileyo kwixesha elidlulileyo, siza kukwazi oko afuna sikwenze kwiimeko ezahlukahlukeneyo.

UNOKUKWAZI NJANI OKO UYEHOVA AKUCINGAYO?

11. Yiyiphi imibuzo esinokuzibuza yona xa sifundisisa iBhayibhile? (Jonga ibhokisi ethi “ Xa Ufundisisa IBhayibhile, Zibuze.”)

11 Sinokukwazi njani oko uYehova akucingayo? Eyona nto ibalulekileyo esinokuyenza kukufunda iBhayibhile rhoqo. Njengoko sifunda, sisenokuzibuza: ‘Le nto indifundisa ntoni ngoYehova? Kwakutheni ukuze enze ngale ndlela?’ NjengoDavide, nathi simele sicele uYehova asincede simqonde ngakumbi. UDavide wabhala wathi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho. Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam. Bendithembele kuwe imini yonke.” (INdumiso 25:4, 5) Xa sifunda ngoYehova, sinokucinga ngeemeko apho sinokulusebenzisa khona olo lwazi silufumeneyo. Ngaba sinokulusebenzisa entsatsheni, emsebenzini, okanye entsimini? Xa sicinga ngemeko ethile, kuza kuba lula ukuyazi indlela uYehova afuna silusebenzise ngayo ulwazi esilufumeneyo.

Ukuze sazi oko uYehova akucingayo simele sifunde iBhayibhile rhoqo

12. Zinokusinceda njani iimpapasho neentlanganiso zethu sazi indlela uYehova acinga ngayo ngemibandela eyahlukahlukeneyo?

12 Enye indlela esinokufunda ngayo ngoYehova, kuxa sinikela ingqalelo koko sikufundiswa yintlangano yakhe ngeBhayibhile. Ngokomzekelo, xa kufuneka senze isigqibo, iWatch Tower Publications Index kunye neSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova zinokusinceda sikuqonde oko uYehova akucingayo.Kwakhona, sinokungenelwa kwiintlanganiso zamaKristu xa siphulaphula ngenyameko size sigqabaze, naxa sicamngca ngoko sikufundiswayo. Oku kuza kusinceda sicinge ngendlela uYehova acinga ngayo. Siza kutsho sikwazi ukwenza izigqibo eziza kumvuyisa aze asisikelele.

CAMNGCA NGOKO UYEHOVA AKUCINGAYO NGAPHAMBI KOKWENZA ISIGQIBO

13. Yenza umzekelo wendlela esinokusenza ngayo isigqibo sobulumko xa sicinga ngendlela uYehova acinga ngayo?

13 Makhe sihlolisise umzekelo wendlela esinokwenza ngayo izigqibo zobulumko xa sicinga ngendlela uYehova acinga ngayo. Mhlawumbi ufuna ukuba nguvulindlela, ibe sele wenze utshintsho ebomini bakho ukuze uchithe ixesha elininzi entsimini. Kodwa awuqinisekanga enoba uza kuyimela na into yokuba nemali encinane nezinto ezimbalwa. Ewe kona, iBhayibhile ayitsho ukuba simele sibe ngoovulindlela ukuze sikhonze uYehova. Sinako ukumkhonza ngokuthembeka singabavakalisi. Kwelinye icala, uYesu wathi uYehova uyabasikelela abo bancama izinto zabo ngenxa yoBukumkani. (Funda uLuka 18:29, 30) IBhayibhile ikwathi uYehova uyavuya xa siziqongqotha ukuze simzukise, ibe ufuna simkhonze sonwabile. (INdumiso 119:108; 2 Korinte 9:7) Ngokuthandaza size sicamngce ngezi zinto, sinako ukwenza isigqibo sobulumko aza kusisikelela uYehova.

14. Sinokukwazi njani ukuba indlela ethile yokunxiba iyamkholisa uYehova?

14 Nanku omnye umzekelo: Masithi uthanda indlela ethile yokunxiba, kodwa uyazi ukuba abanye ebandleni bangaphazamiseka xa unxiba ngolo hlobo. IBhayibhile ayithethi nto ngaloo ndlela yokunxiba. Ngoko ke, ungakwazi njani oko uYehova akucingayo? IBhayibhile ithi: ‘Abafazi mabazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu, kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo, oko kukuthi, ngemisebenzi elungileyo.’ (1 Timoti 2:9, 10) Phofu ke, bonke abakhonzi bakaYehova, kuquka namadoda, banokufunda nto ithile kula mazwi. Xa sithozamile, siyayicingela indlela abanye abanokuvakalelwa ngayo ngeempahla esizinxibayo. Ibe ngenxa yokuba sibathanda abazalwana bethu siyakuphepha ukubakhubekisa nokubacaphukisa. (1 Korinte 10:23, 24; Filipi 3:17) Ukuba sicinga ngoko iBhayibhile ikutshoyo kunye nendlela uYehova acinga ngayo, sinako ukwenza izigqibo aza kuvuyiswa zizo.

15, 16. . (a) Uvakalelwa njani uYehova xa siqhubeka sicinga ngokuziphatha okubi? (b) Xa sikhetha iindlela zokuzonwabisa, sinokukwazi njani oko kwamkelekileyo kuYehova? (c) Izigqibo ezibaluleke kakhulu zifanele zenziwe njani?

15 EBhayibhileni sifunda indlela aba buhlungu kakhulu ngayo uYehova xa abantu besenza izinto ezimbi, naxa becinga ngezinto ezimbi. (Funda iGenesis 6:5, 6.) Icacile ke into yokuba uYehova akafuni sizonwabise ngeengcinga zokuziphatha kakubi. Enyanisweni, ukuba siqhubeka sicinga ngezi zinto sisenokuzibhaqa sizenza. Kunoko, uYehova ufuna sicinge ngezinto ezinyulu nezicocekileyo. Umfundi uYakobi wabhala wathi ngobulumko bukaYehova, “Okokuqala nje bunyulu, bandule ke bube boboxolo, bube nengqiqo, bulungele ukuthobela, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo, abucaluli ngokukhetha ubuso, abunaluhanahaniso.” (Yakobi 3:17) Ngoko iBhayibhile isifundisa ukuba siphephe nayiphi na indlela yokuzonwabisa enokusenza sicinge okanye sinqwenele ukwenza izinto ezingamanyala nezimbi. Yaye ukuba sikuqonda kakuhle oko uYehova akuthandayo nakuthiyileyo, kuza kuba lula ngathi ukukhetha iincwadi, iimuvi, okanye imidlalo efanelekileyo. Asisayi kubuza kwabanye ngoko sifanele sikwenze.

16 Xa kufuneka senze isigqibo, kudla ngokubakho amacebiso amaninzi esinokukhetha kuwo asenokuvuyisa uYehova. Kodwa xa kufuneka senze isigqibo esibaluleke kakhulu, kungakuhle ukufuna icebiso kumdala, kumzalwana okanye udade onamava. (Tito 2:3-5; Yakobi 5:13-15) Ewe kona, asimele sicele loo mntu ukuba asenzele isigqibo. Kunoko, simele sicinge ngoko sikwaziyo okuseBhayibhileni, sandule ke senze isigqibo sethu. (Hebhere 5:14) Umpostile uPawulos wathi: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.”—Galati 6:5.

17. Ziziphi iingenelo esizifumanayo xa sisenza izigqibo ezivuyisa uYehova?

17 Xa sisenza izigqibo ezivuyisa uYehova, sisondela ngakumbi kuye, ibe uya kukholiswa sithi aze asisikelele. (Yakobi 4:8) Ngaloo ndlela, ukholo lwethu luya komelela nangakumbi. Ngoko ke, masicamngce ngoko sikufundayo eBhayibhileni ukuze siyiqonde indlela uYehova acinga ngayo. Kakade ke, siya kusoloko sinento entsha esinokuyifunda ngoYehova. (Yobhi 26:14) Kodwa ukuba sisebenza nzima ngoku sifunda ngoYehova, siya kuba nobulumko size sikwazi ukwenza izigqibo ezihle. (IMizekeliso 2:1-5) Amacebo abantu ayatshintsha, kodwa uYehova yena akatshintshi. Umdumisi wathi: “Icebo likaYehova liya kuma kuse kwixesha elingenammiselo; iingcamango zentliziyo yakhe zisuka kwesinye isizukulwana ziye kwesinye.” (INdumiso 33:11) Kucacile ukuba, sinokwenza ezona zigqibo zihle xa sifunda ukucinga ngendlela uYehova acinga ngayo, size senze oko kumvuyisayo.