Intshayelelo
NGABA IBHAYIBHILE ISABALULEKILE?
Ekubeni iteknoloji inayo yonke inkcazelo efunekayo namhlanje, ngaba iBhayibhile isabalulekile? IBhayibhile ithi:
“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.”—2 Timoti 3:16.
Le Mboniselo isenza sibone ukuba inyanisile na iBhayibhile xa isithi inokusikhokela kubo bonke ubomi bethu.