Eyona Nyani Ngekamva
Ucinga ukuba kuza kwenzeka ntoni emhlabeni njengokuba ixesha lihamba? IBhayibhile isixelela ngezinto eziza kwenzeka nendlela abaza kuncedakala ngayo abantu.
UYesu wasicacisela indlela esiza kubona ngayo xa ‘uBukumkani BukaThixo bukufutshane.’ (Luka 21:31) Wathi ezinye izinto esiza kuzibona ziimfazwe, iinyikima, indlala nezifo. Zonke ezi zinto ziyenzeka kule mihla.—Luka 21:10-17.
IBhayibhile isixelela ukuba kule ‘mihla yokugqibela’ abantu baza kuba ngabantu ababi. Ungayifunda le nkcazelo kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5. Xa ubona ezi zinto zisenzeka namhlanje, ungangqina ukuba iBhayibhile ithetha inyani.
Yintoni ke eza kwenzeka? UBukumkani BukaThixo bukufutshane ibe buza kunceda abantu abaninzi bonwabe. (Luka 21:36) IBhayibhile isixelela ukuba uThixo uza kubenzela izinto ezintle abantu abasemhlabeni aze nawo awulungise. Nazi izinto aza kuzenza.
ABANTU BAZA KULAWULWA KAKUHLE
“[UYesu] wanikwa ulawulo nesidima nobukumkani, ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze. Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”—DANIYELI 7:14.
Ithetha ukuthini le nto? Wonke umntu uza konwaba phantsi kolawulo loNyana kaThixo.
ABANTU BAZA KUBA SEMPILWENI
“Akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’”—ISAYA 33:24.
Ithetha ukuthini le nto? Soze uphinde ugule okanye ubone umntu onezinto angakwaziyo ukuzenza ibe soze uyicinge into yokuba ungafa ngenye imini.
ABANTU BAZA KUBA NOXOLO
“Uphelisa iimfazwe kuse esiphelweni somhlaba.”—INDUMISO 46:9.
Ithetha ukuthini le nto? Akuzukubakho mfazwe.
KUZA KUBAKHO ABANTU ABALUNGILEYO BODWA EMHLABENI
“Kusele ithutyana, angabikho ongendawo . . . Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.”—INDUMISO 37:10, 11.
Ithetha ukuthini le nto? Akuzubakho bantu benza izinto ezimbi, kuza kubakho abantu abathobela uThixo qha.
UMHLABA UZA KUBA YIPARADESI ENTLE
“Baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo.”—ISAYA 65:21, 22.
Ithetha ukuthini le nto? Umhlaba uza kuba mhle. UThixo uza kuqinisekisa ukuba kuyenzeka ukuthanda kwakhe “nasemhlabeni.” —Mateyu 6:10.