Inyani Ingakunceda
UThixo ongasoze axoke ukuthembisa ukuba unokuphila ‘ubomi obungunaphakade.’—Yohane 3:16.
YINTONI OFANELE UYENZE?
Funda iLizwi LikaThixo elisoloko linenyani.—Yohane 17:3, 17.
Thobela uThixo.—Duteronomi 30:19, 20.
Sebenzisa amacebiso kaThixo ebomini bakho.—Yakobi 1:25.
Emhlabeni wonke, amaNgqina KaYehova onwabile kuba efunde inyani eBhayibhileni. Angakuvuyela ukukubalisela ngezinto azifundayo.
Ukuze ufunde ngakumbi ngeenyani eziseBhayibhileni, jonga incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! yamaNgqina kaYehova efumaneka ku-www.pr418.com/xh.