Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto Abantu Abazithethayo Ngokuthandaza

Izinto Abantu Abazithethayo Ngokuthandaza

“Xa ndithandaza kubangathi uThixo ulapha ecaleni kwam, undibambe isandla ibe xa ndilahleka uyandikhokela.”—UMARÍA.

“Inkosikazi yam yasweleka emva kweminyaka eyi-13 isilwa necancer. Yonke imihla ndandithandaza kuThixo ibe kwakubangathi undimamele nyhani xa ndisentlungwini. Ndandivele ndibe noxolo lwengqondo.”—URAÚL.

“Umthandazo sisipho esihle esivela kuThixo awasinika abantu.”—UARNE.

UMaría, uRaúl, uArne nabanye abantu abaninzi bathi umthandazo sisipho esikhethekileyo. Bathi umthandazo ubanceda bakwazi ukuthetha noThixo, bakwazi ukumbulela baze bacele noncedo lwakhe. Bayayithemba into ethethwa yiBhayibhile ngokuthandaza kuThixo, kuba ithi: “Siqinisekile ukuba uyasiva xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe.”—1 Yohane 5:14.

Kwelinye icala, abantu abaninzi kunzima kubo ukuyikholelwa le nto ithethwa sesi sibhalo. USteve usibalisela indlela awayeziva ngayo ngokuthandaza. Uthi: “Xa ndandina-17, abahlobo bam abathathu basweleka. Omnye owayena-27 wasweleka kwingozi yemoto, baza bona ababini ababena-19 batshona elwandle.” Uyayazi ukuba uSteve wenza ntoni? Uthi, “Ndathandaza kuThixo kuba ndandifuna ukwazi ukuba kutheni zenzekile ezi zinto, kodwa zange andiphendule. Ndazibuza ukuba, ‘Kunceda ngantoni ke ukuthandaza?’” Abantu abaninzi bathi imithandazo yabo ayiphendulwa, loo nto ibenza bazibuze ukuba kubaluleke ngantoni ukuthandaza.

Abanye abantu banazo nezinye izizathu ezibenza bacinge ukuba ukuthandaza akubancedi nganto. Abanye bathi akuyomfuneko ukuba sixelele uThixo izinto asele ezazi kuba wazi yonk’ into, uyazazi iingxaki zethu nezinto esizidingayo.

Abanye bakholelwa ukuba uThixo akazukuyimamela imithandazo yabo ngenxa yeempazamo ababekhe bazenza. UJenny uthi, “Eyona ngxaki yam kukuba ndiziva ndingabalulekanga tu. Kukho izinto endazenzayo endizisola ngazo, yiloo nto ndivele ndizixelele ukuba uThixo akafanelanga andimamele.”

Wena uziva njani ngokuthandaza? Ukuba nawe ukhe awayithemba indlela obaluleke ngayo umthandazo, iBhayibhile ingakubonisa indlela ekunceda ngayo. Into ethethwa yiBhayibhile ngomthandazo * ingakunceda kuba inokukubonisa iimpendulo zale mibuzo ilandelayo:

  • Ngaba nyhani uThixo uyayiva imithandazo yethu?

  • Kutheni eminye imithandazo ingaphendulwa?

  • Ungathandaza njani ukuze uviwe nguThixo?

  • Ukuthandaza kungakunceda njani?

^ isiqe. 9 IBhayibhile isixelela ngemithandazo eyenziwa ngabakhonzi bakaThixo abaninzi, naleyo yenziwa nguYesu Kristu. ITestamente Endala inemithandazo engaphezu kweyi-150.