Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni UThixo Engayiphenduli Yonke Imithandazo?

Kutheni UThixo Engayiphenduli Yonke Imithandazo?

UTata wethu wasezulwini, uYehova uThixo, usoloko efuna ukumamela imithandazo yethu esuka entliziyweni ibe iyamvuyisa loo nto. Kodwa zikhona izinto ezinokumenza angayiphenduli imithandazo yethu. Ziintoni ezo, ibe sifanele sikhumbule ntoni xa sithandaza? Nazi izinto ezithethwa yiBhayibhile.

“Ungaphinda-phindani nento enye xa uthandaza.”—Mateyu 6:7.

UYehova akayithandi into yokuba sinkqaye imithandazo size siphinda-phindane nayo, okanye sifunde incwadi yomthandazo. Kodwa ufuna sithethe ngokusuka entliziyweni. Khawucinge nje ngendlela obunokuziva ngayo xa unomhlobo osoloko ethetha into enye qho edibana nawe. Enye into, abahlobo bamanyhani abafihli-nto ibe banyanisekile. Xa sisebenzisa amazwi ethu xa sithetha noTata wethu wasezulwini, sibonisa ukuba simjonga njengomhlobo.

“Naxa nimcela akaniniki nto, kuba nicela ninenjongo embi.”—Yakobi 4:3.

Siyazi ukuba uThixo akanakusiphendula xa sinokucela asincede ukuze senze izinto angazifuniyo okanye xa sinokucela ukuba nezinto angazithandiyo. Masenze umzekelo, ukuba bekukho umntu owenza umdlalo wemali, aze acele kuThixo ukuba amnike ilakhi ukuze ayifumane loo mali, ngaba uYehova angawuphendula loo mthandazo? Masikhumbule ukuba uYehova usixelela ngokucacileyo ukuba singanyoluki ibe singakholelwa kwizinto ezingekhoyo ezifana nelakhi. (Isaya 65:11; Luka 12:15) Asinakulindela ukuba uYehova ayiphendule imithandazo enjalo! Ukuze uThixo asiphendule xa sithandaza, sifanele siqiniseke ukuba izinto esizicelayo ziyahambisana nezinto eziseBhayibhileni.

“Umntu owalayo ukumamela umthetho, kwenyanyeka nomthandazo lo wakhe.”—IMizekeliso 28:9.

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uThixo wayengayiphenduli imithandazo yabantu ababengafuni ukumthobela. (Isaya 1:15, 16) Usenjalo nangoku. (Malaki 3:6) Ukuba sifuna uThixo ayiphendule imithandazo yethu, sifanele siphile ngemithetho yakhe. Kuthekani ukuba sakhe senza izinto ezimbi, ngaba loo nto ithetha ukuba uYehova akasoze asimamele? Hayi, uThixo usixolela ngothando xa sibonisa ukuba siyazisola ngezinto ezimbi esakha sazenza, size senze konke okusemandleni ethu ukuze simvuyise.—IZenzo 3:19.