Ngaba UThixo Uyayiva Imithandazo Yethu?
Wawukhe wazibuza ukuba uThixo uyakuva na xa uthandaza? Ukuba yayikhe yenzeka loo nto awuwedwa. Baninzi abantu abathandaza kuThixo ngeengxaki abanazo kodwa zingapheli. Ngaba loo nto ithetha ukuba uThixo akayimameli imithandazo yethu? Hayi. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo uyasimamela xa sithandaza kuye ngendlela efanelekileyo. Makhe sizijonge ezi zinto zithethwa yiBhayibhile.
UTHIXO UYAMAMELA.
“Owu wena umamela imithandazo, zonke iintlobo zabantu ziza kuza kuwe.”—INdumiso 65:2.
Abanye abantu bathandaza kuba besithi ukuthandaza kubanceda bazive bebhetele kodwa abayikholelwa into yokuba ukhona umntu omameleyo. Umthandazo usinceda nakwezinye izinto, awuyonto nje enokusenza sizive bhetele xa sineengxaki qha. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba, “UYehova * usondele kubo bonke abo bakhalela kuye, bonke abo bakhalela kuye benyanisekile. . . . Uyabeva xa bekhalela uncedo.”—INdumiso 145:18, 19.
Masiqiniseke ukuba uYehova uyayiva imithandazo yabakhonzi bakhe. Ngothando uthi: “Niza kundibiza, nize nithandaze kum, yaye ndiza kunimamela.”—Yeremiya 29:12.
UTHIXO UFUNA UTHANDAZE KUYE.
“Hlalani nithandaza.”—Roma 12:12.
EBhayibhileni sikhuthazwa ukuba “singayeki ukuthandaza” size “siqhubeke sisebenzisa zonke iindlela zokuthandaza.” Kucacile ukuba, uYehova uThixo ufuna sithandaze kuye.—Mateyu 26:41; Efese 6:18.
Kutheni uThixo efuna sithandaze kuye? Khawucinge ngale nto: Ukhona utata ongafuniyo ukuva umntwana wakhe omncinci esithi “Ndicel’ undincede, Tata”? Amaxesha amaninzi, utata udla ngokuba sele eyazi into edingwa ngumntwana wakhe okanye indlela aziva ngayo. Kodwa xa esiva umntwana wakhe emcela uncedo, loo nto iye ibonise ukuba uyamthemba ibe usondele kuye. Ngokufanayo, xa sicela uncedo kuYehova uThixo ngomthandazo sibonisa ukuba siyamthemba ibe sifuna ukusondela kuye.—IMizekeliso 15:8; Yakobi 4:8.
UTHIXO UKUKHATHALELE NYHANI.
“Liphoseni kuye lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.
UThixo ufuna sithandaze kuye kuba esithanda ibe esikhathalele. Uzazi zonke iingxaki zethu nezinto ezisenza ixhala, ibe ufuna ukusinceda.
UKumkani uDavide wathandaza kuYehova ecela uncedo ubomi bakhe bonke, ibe wayemxelela izinto azicingayo nendlela aziva ngayo. (INdumiso 23:1-6) UThixo wayeziva njani ngoDavide? Wayemthanda ibe wayeyimamela imithandazo yakhe emininzi. (IZenzo 13:22) Ngendlela efanayo, uThixo uyayimamela imithandazo yethu kuba esikhathalele.
“NDIYAMTHANDA UYEHOVA KUBA UYALIVA ILIZWI LAM”
La ngamazwi awabhalwa ngumdumisi eBhayibhileni. Wayeqinisekile ukuba uThixo uyayiva imithandazo yakhe, ibe loo nto yamnceda kakhulu. Wasondela kakhulu kuThixo ibe wafumana amandla okumelana neengxaki zakhe ezazimkhathaza.—INdumiso 116:1-9.
Xa siqinisekile ukuba uThixo uyayiva imithandazo yethu, asizukuyeka ukuthetha naye. Khawujonge into eyenzeka kuPedro ohlala eSpain. Waswelekelwa ngunyana wakhe ona-19 engozini. Njengokuba wayesentlungwini, uPedro waxelela uThixo eyona ndlela aziva ngayo ibe zange ayeke ukuthandazela ukuthuthuzelwa nokucela uncedo. Uyayazi ukuba kwenzeka ntoni emva koko? UPedro uthi, “UYehova wayiphendula imithandazo yam, wasebenzisa abantu endikhonza nabo ukuze baxhase mna nenkosikazi yam baze basithuthuzele.”
Nangona unyana kaPedro engazange avuke, ukuthandaza kwamnceda kakhulu nentsapho yakhe. Inkosikazi yakhe uMaría Carmen ithi: “Umthandazo wandinceda ndakwazi ukunyamezela intlungu yam, ndandisazi ukuba uYehova uThixo undazi kakuhle kuba xa ndithandaza kuye ndandiye ndibe seluxolweni futhi ndivele ndizole.”
IBhayibhile nezinto ezenzeka kubantu abaninzi zibonisa ngokucacileyo ukuba uThixo uyayiva imithandazo. Kodwa, kucacile ukuba uThixo akayiphenduli yonke imithandazo. Kutheni ke uThixo eyiphendula eminye imithandazo kodwa eminye engayiphenduli?
^ isiqe. 5 UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.