Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHELISA INZONDO EQHUBEKAYO

2 | Sukufuna Ukuziphindezela

2 | Sukufuna Ukuziphindezela

Into Efundiswa YiBhayibhile:

“Sanukuphindisa ububi ngobubi nakubani na. . . . Zamani kangangoko ninako ukuba seluxolweni nabantu bonke. Sanukuziphindezela, . . . kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘“Ndim ophindisayo, ndim obuyekezayo,” utsho uYehova.’”​—ROMA 12:17-19.

Into Ethethwa Sesi Sibhalo:

Nangona kuyinto eqhelekileyo ukuba nomsindo xa senziwe into embi, uThixo akafuni siziphindezele. Endaweni yaloo nto uyasicenga ukuba silindele kuye, kuba uza kuzilungisa izinto kungekudala.​—INdumiso 37:7, 10.

Indlela Esinokukunceda Ngayo Esi Sibhalo:

Xa abantu abanesono beziphindezela loo nto yenza inzondo engakumbi. Ngoko xa umntu eyewasikhathaza okanye wasivisa kabuhlungu, kufuneka singaziphindezeli. Zama ukuzibamba uze uphendule kakuhle. Kwezinye iimeko kunokuba ngcono ukungayihoyi into eyenzekileyo. (IMizekeliso 19:11) Siyavuma kona ukuba, ngamanye amaxesha kusenokuba ngcono ukuthetha ngaloo nto yenzekileyo. Ngokomzekelo kwimeko apho senziwe into embi efuna ukulungiswa ngumthetho, sisenokukhetha ukuya emapoliseni okanye kwabanye abasemagunyeni.

Ukuziphindezela okuqhubekayo kuchana kwawena

Uza kuthini ukuba ayikho indlela yokuyilungisa ngoxolo loo ngxaki? Okanye, uza kuthini ukuba sowuzame ngandlela zonke ukuze uyilungise ngoxolo? Sukuziphindezela. Loo nto inokwenza imeko ibe mbi nakakhulu. Ukuba awuziphindezeli, loo nto iza kunceda ekupheliseni inzondo. Unokuthembela kwiindlela zikaYehova zokulungisa iingxaki. “Thembela ngaye, uza kukuxhasa.”​—INdumiso 37:3-5.