Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHELISA INZONDO EQHUBEKAYO

3 | Susa Inzondo Engqondweni Yakho

3 | Susa Inzondo Engqondweni Yakho

Into Efundiswa YiBhayibhile:

“Guqukani ngokutshintsha indlela enicinga ngayo, ukuze nizibonele ngokwenu ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.”​—ROMA 12:2.

Into Ethethwa Sesi Sibhalo:

Indlela esicinga ngayo ibalulekile kuThixo. (Yeremiya 17:10) Simele sikuphephe ukuthetha amazwi amabi okanye ukwenza izinto ezimbi. Inzondo iqala engqondweni nasentliziyweni. Simele siyeke ukucinga ngezinto ezisenza sibe nenzondo. Xa sisenza loo nto “sinokutshintsha” size siphelise inzondo eqhubekayo.

Indlela Esinokukunceda Ngayo Esi Sibhalo:

Cingisisa kakuhle ngendlela ocinga novakalelwa ngayo ngabantu​—ingakumbi abo bolunye uhlanga okanye ilizwe. Zibuze: ‘Ndibajonga njani? Ngaba indlela endibajonga ngayo yenziwa yinto endiyaziyo ngabo okanye yenziwa lucalucalulo?’ Kuphephe ukubukela izinto ezikhuthaza inzondo nogonyamelo kwiiwebhsayithi zokuncokola, kwiimuvi okanye xa uzonwabisa.

ILizwi likaThixo lingasinceda siyeke inzondo esentliziyweni nasengqondweni yethu.

Akusoloko kulula ukubona iingcinga neemvakelelo zethu ngendlela efanelekileyo. ILizwi likaThixo lingakwazi ukusinceda ‘sibone iingcinga nezinto ezifunwa yintliziyo.’ (Hebhere 4:12) Ngoko qhubeka uyifunda iBhayibhile. Jonga into elikufundisa yona kwindlela ocinga ngayo uze uzame ukucinga ngendlela evuyisa uThixo. ILizwi likaThixo lingasinceda siyeke ukuba nenzondo “eyendeleyo” entliziyweni nasengqondweni.​—2 Korinte 10:4, 5.