Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

1 | Umthandazo—“Liphoseni Kuye Lonke Ixhala Lenu”

1 | Umthandazo—“Liphoseni Kuye Lonke Ixhala Lenu”

IBHAYIBHILE ITHI: “Liphoseni kuye [UThixo] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 PETROS 5:7.

Ithetha Ukuthini Loo Nto?

UYehova uThixo uyasimema ukuba simxelele zonke izinto ezisikhathazayo. (INdumiso 55:22) Akukho ngxaki inkulu okanye incinci esingenakuyithandazela. Ukuba ibalulekile kuthi, ibalulekile nakuYehova kuba usikhathalele ibe ukhathalele nendlela esiziva ngayo. Ukuthandaza kuye yeyona nto ibalulekileyo ukuze sifumane uxolo lwengqondo.—Filipi 4:6, 7.

Ingasinceda Njani Loo Nto?

Xa sinezigulo eziphazamisa iimvakalelo, sisenokuziva sisodwa. Abanye abantu basenokungasoloko beyiqonda indlela esivakalelwa ngayo. (IMizekeliso 14:10) Kodwa xa simxelela uThixo emthandazweni indlela esivakalelwa ngayo, siza kutsho sifumane umntu osimamela enovelwano ibe esiqonda. UYehova uyasazi, uyayazi intlungu yethu nezinto ezisixhalabisayo, ibe ufuna sithandazele nantoni na esikhathazayo.—2 Kronike 6:29, 30.

Ukuthetha noYehova ngomthandazo kuyasiqinisekisa ukuba usikhathalele. Singavakalelwa njengomdumisi owathandaza wathi: “Kuba uyibonile inkxwaleko yam; uyayibona intlungu yam engathethekiyo.” (INdumiso 31:7) Ukwazi ukuba uYehova uyayazi intlungu esikuyo, loo nto ingakwazi ukusinceda sikwazi ukuqhubeka nobomi ngamaxesha anzima. Akapheleli nje ekuboneni izinto ezisikhathazayo. Ngokungafaniyo nabantu uyayiqonda imeko esikuyo ibe uyafuna ukusinceda sifumane intuthuzelo nokhuthazo oluseBhayibhileni.