Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

4 | IBhayibhile Isinika Amacebiso Anokusinceda

4 | IBhayibhile Isinika Amacebiso Anokusinceda

IBHAYIBHILE ITHI: ‘Sonke iSibhalo . . . siyanceda.’ —2 TIMOTI 3:16.

Ithetha Ukuthini Loo Nto?

Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi yezonyango kodwa inamacebiso asebenzisekayo nanokusinceda ingakumbi ukuba sinezigulo eziphazamisa iimvakalelo. Cinga ngale mizekelo.

Isinceda Njani Le Nto?

“Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo.”—MATEYU 9:12.

IBhayibhile ithi sisenokufuna uncedo oluvela kugqirha. Abantu abaninzi baye bancedakala kukufumana uncedo olusuka kugqirha nangokufunda ngezigulo zabo ezibangelwa ziimvakalelo.

‘Ukuqeqesha umzimba kuyanceda.’ —1 TIMOTI 4:8.

Ukusebenzisa ixesha namandla akho kwizinto ezinceda impilo yakho kunokusinceda sibe ngcono isigulo sakho. Ezinye izinto onokuqiniseka ukuba uyazenza kukujima qho, kukutya kakuhle nokulala ngokwaneleyo.

“Intliziyo evuyayo iliyeza, kodwa umoya ophantsi utheza amandla.”—IMIZEKELISO 17:22.

Ukufunda iivesi zeBhayibhile ezikhuthazayo nokuzibekela usukelo lwezinto ofuna ukuzenza kunokukunceda uhlale uvuya. Ukuba uhlala ucinga ngezinto ezikuhambela kakuhle ebomini uze ube nethemba lokuba izinto ziza kuba bhetele kwixesha elizayo, uza kukwazi ukumelana neengxaki ezibangelwa sisigulo onaso.

“Ubulumko bobabo bathobekileyo.”—IMIZEKELISO 11:2.

Bavumele abanye bakuncede kuba usenokufumanisa ukuba awukwazi ukuzenzela zonke izinto ngokwakho. Abahlobo nabantu bakowenu basenokufuna ukukunceda, kodwa basenokungayazi ukuba mabenze ntoni. Baxelele ukuba yintoni eyona nto enokukunceda. Sukulindela ukuba bakwenzele yonke into kodwa hlala ubabulela ngezinto abakwaziyo ukwenzela zona.

Indlela IBhayibhile Ebanceda Ngayo Abantu Abanezigulo Ezahlukeneyo

“Ndandisiva ukuba kukho into engahambi kakuhle. Ngoko ndaya kubona ugqirha owandixelelayo ukuba ndigula yintoni. Le nto yandinceda ndayamkela imeko yam ndaze ndafunda ngezinye iindlela ezikhoyo zokuhoya impilo yam.”—UNicole a onesigulo sebipolar.

“Ndifumanise ukuba ukufunda iBhaybhile qho nomfazi wam kundinceda ndiqale usuku ngalunye ndicinga ngezinto ezakhayo. Kuye kubekho iimini apho kuye kube nzima ukumelana neengxaki endinazo, kodwa ndiye ndifumane ivesi ethile yeBhayibhile endithuthuzelayo.”—UPeter onesigulo sedepression.

“Kwakunzima ukuxelela abanye ngesigulo sam kuba sasindenza iintloni kakhulu. Kodwa ndandinomhlobo osondeleyo owayeyiqonda ingxaki yam nowayevelana nam. Wandenza ndaziva bhetele ibe ndandingaziva ndindodwa.”—UJi-yoo onesigulo sokutya ngendlela engaqhelekanga.

“IBhayibhile iye yandinceda ukuba ndingazibaxi kakhulu izinto ndize ndiphumle ngokwaneleyo ndingaziqobi ngomsebenzi. Ubulumko bayo buye bakwazi ukundinceda ndamelana neemvakalelo ezibuhlungu ebezindigqiba amandla.”—UTimothy onengxaki yoloyiko olubaxiweyo (OCD).

a Amanye amagama atshintshiwe.