Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Ukukhathalele

UThixo Ukukhathalele

IBHAYIBHILE inawona macebiso anokusinceda kuba ivela kuThixo. Ayoncwadi yezonyango, kodwa inokusinceda sikwazi ukumelana neemeko ezinzima, ukucinga ngokungafanelekanga, iimvakalelo ezibuhlungu, ukuba nelungu lomzimba elibuhlungu kunye neengxaki zezigulo eziphazamisa iimvakalelo.

Eyona nto ibalulekileyo kukuba iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uMdali wethu uYehova uThixo, a uyayiqonda indlela esivakalelwa nesicinga ngayo ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu. Ufuna nyhani ukusinceda kwiingxaki esijamelene nazo. Ngokomzekelo, cinga ngezi vesi zimbini zeBhayibhile zithuthuzelayo:

“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; Uyabasindisa abo batyumkileyo emoyeni.”—INDUMISO 34:18

“Kuba mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, Ndithi kuwe, ‘Sukoyika. Mna lo ndiza kukunceda.’”—ISAYA 41:13

Ngoko uYehova usinceda njani sikwazi ukumelana neengxaki zezigulo eziphazamisa iimvakalelo? Njengoko uza kubona kumanqaku alandelayo, uYehova usibonisa iindlela ezininzi asinceda ngazo.

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.