Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IMBONISELO No. 2 2017 | Uza Kusamkela Isipho Esikhulu SikaThixo?

UCINGA NTONI?

Sesiphi esona sipho sikhulu esisinikwe nguThixo?

IBhayibhile ithi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.”Yohane 3:16.

Le Mboniselo ichaza isizathu sokuba uThixo athumele uYesu emhlabeni ukuze asifele nangendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyasixabisa eso sipho.

 

INQAKU ELINGUMXHOLO

Isipho Esingafaniyo Nezinye

IBhayibhile ichaza isipho esingenakulinganiswa nanto, esinokubanika ubomi obungunaphakade abo basifumanayo. Ngaba singakho isipho esikhulu kakhulu?

INQAKU ELINGUMXHOLO

Isipho Esikhulu SikaThixo—Kutheni Sixabisekile?

Ziintoni ezibangela isipho sixabiseke kakhulu kunezinye? Ukucinga ngezi zinto kungasinceda siyixabise kakhulu intlawulelo.

INQAKU ELINGUMXHOLO

Uza Kwenza Ntoni Ngesipho Esikhulu SikaThixo?

Uthando lukaKristu lusinyanzela ukuba senze ntoni?

Ngaba Abashumayeli AbangamaKristu Kufuneka Bangatshati?

Ezinye iinkonzo zifuna iinkokeli okanye abefundisi bazo bangatshati. Izibhalo zifundisa ntoni ngale nto?

Ukuphuma Kubukhoboka—Kudala Nangoku

Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu bakaThixo baphuma kubukhoboka. Okubuhlungu kukuba, izigidi zabantu zisesentlungwini yokuphathwa kakubi.

Vuyela Iinzuzo Zokupha

Ukupha kunceda wena nabanye. Kubangela ukuba nisebenzisane nize nibe ngabahlobo. Ungaba nguye njani umphi ochwayitileyo?

Ithini IBhayibhile?

IBhayibhile ithi, ‘imihla yokugqibela’ iza kuba ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Ngaba la maxesha ngala siphila kuwo?

Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi

Ukuzincama KukaYesu Kuyiyo Njani “Intlawulelo Kwabaninzi”?

Intlawulelo isenza sikhululeke njani esonweni ?