Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantu Baqikelela Ikamva

Abantu Baqikelela Ikamva

Wakha wacinga ukuba ubomi bakho nobentsapho yakho buza kuba njani kwiminyaka ezayo? Ucinga ukuba niza kuba zizityebi okanye anizi kuba nanto? Niza kube nimanyene okanye umntu uza kuphila yedwa? Niza kuphila ixesha elide okanye niza kukhawuleza nisweleke? Kangangeminyaka abantu bebesoloko becinga ngemibuzo efana nale.

Namhlanje iingcali zijonga indlela ezenzeka ngayo izinto zize ziqikelele ikamva. Ezinye izinto eziziqikeleleyo ziye zenzeka kodwa ezinye khange ziqalise. Ngokomzekelo, ngo-1912, uGuglielmo Marconi, owenza irediyo yokuqala engenazintambo, wathi: “Xa iirediyo ezingenazintambo zixhaphakile, iimfazwe azizi kubakho.” Umntu weNkampani yokurekhoda ebizwa ngokuba yiDecca, zange avume ukusebenza neqela leeBeatles ngo-1962 kuba wayesithi amaqela adlala isigingci ayeza kuyeka ukuthandwa.

Abaninzi baya kubantu abanamandla angaqhelekanga ukuze bazi ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Abanye baya kubavumisi ngeenkwenkwezi. Kukho iimagazini namaphephandaba asoloko enendawo ebonisa into exelwa ziinkwenkwezi ngemihla yokuzalwa. Kanti abanye baya kubaxeli-thamsanqa okanye koosiyazi abathi bafunda ngento eza kwenzeka emntwini kumakhadi emilingo, kumanani okanye kwimigca yesandla.

Abantu bakudala ababefuna ukwazi into eza kwenzeka kwixesha elizayo, babesiya kubefundisi okanye kubefundisikazi ababeye bachaze into ababeyithatha kuthixo wabo. Ngokomzekelo, kuthiwa uKumkani uCroesus waseLydia wasa isipho esinexabiso elikhulu kumfundisi waseDelphi, eGrisi, kuba wayefuna ukwazi ngento eza kwenzeka xa elwe noKoreshi wasePersi. Lo mfundisi wathi uCroesus wayeza kuwoyisa umkhosi omkhulu kaKoreshi. Waya eqinisekile ukuba uza koyisa, kodwa yangumkhosi wakhe owoyiswayo.

Nakuba le nto yayithethwa ngulo mfundisi ingazange yenzeke kanye ngohlobo awathetha ngalo, kodwa wona umkhosi omkhulu, nokuba ngowaliphi icala wawuza koyiswa. UCroesus walahlekelwa yiyo yonke into awayenayo kuba waqhathwa. Ngaba ezanamhlanje iindlela zokuqikelela ikamva zithetha inyani?