Xa Ubona Ngathi Ubomi Abunyamezeleki
Ngokomzekelo, uSally * ohlala eMerika, walahlekelwa yiyo yonke into awayenayo xa kwabakho intlekele. Uthi: “Kwakungathi ayikho enye into endinokukwazi ukuyinyamezela. Ngamanye amaxesha kwakungathi ndiza kushiywa ziingqondo.”
Enye into enzima nyhani kukuswelekelwa. UJanice ohlala eOstreliya uthi: “Xa ndaswelekelwa ngoonyana bam ababini, kwaba ngathi ubomi bam buphelile, ibe kwafuneka ndiphinde ndiphakame, ndizivuthulule ndize ndithathise ngandlela zonke. Ndamcenga uThixo ndathi: ‘Ndincede Thixo, andisakwazi ukuyinyamezela le nto! Ndiyeke ndife.’”
Kwelinye icala, uDaniel wakhathazeka kakhulu xa inkosikazi yakhe ingazange ithembeke. Uthi: “Xa inkosikazi yam yandixelela ukuba ikhe yathandana nomnye umntu, yaba buhlungu kakhulu intliziyo yam. Kwaqengqeleka iinyanga ndinale ntlungu ibuhlungu ingapheliyo.”
Le Mboniselo iza kubonisa indlela abantu abanokunyamezela ngayo xa
Masiqale ngale; Singenza njani xa kwehle intlekele?
^ isiqe. 3 Amanye amagama akule magazini atshintshiwe.