Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

Buza Kwenza Ntoni UBukumkani BukaThixo?

UYesu wathi abafundi bakhe mabathandazele ukuba uBukumkani bukaThixo bufike. Wayesazi ukuba izinto ezimbi ezenzeka emhlabeni asikokuthanda kukaThixo, nokuba bobu Bukumkani kuphela obuza kuziphelisa iingxaki zabantu. Buza kwenza ntoni uBukumkani bukaThixo?

IZINTO EZENZIWE BUBUKUMKANI BUKATHIXO

Kwinqaku elingaphambi kweli, kuthethwe ngezinto uYesu awayethe ziza kwenzeka. Ukwenzeka kwezo zinto kubonisa ngokucacileyo ukuba uBukumkani bukaThixo bamiselwa ezulwini, ibe uYesu nguKumkani wabo.

IBhayibhile ithi xa uYesu wafumana igunya lokuba nguKumkani, wamgxotha uSathana needemon zakhe ezulwini. Ngoku uSathana needemon zakhe bazama ngamandla abo onke ukubangela iingxaki emhlabeni. Yiyo loo nto izinto zisiya zisiba mbi ukususela ngo-1914.—ISityhilelo 12:7, 9.

Nangona kusiya kusiba kubi kakhulu emhlabeni wonke, uKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu, wenze izinto ezinceda abantu. Ngenxa yomsebenzi wokufundisa iBhayibhile uYesu awathi uza kwenziwa emhlabeni wonke, abantu abaninzi bayayifunda ibe bayayisebenzisa ebomini babo. (Isaya 2:2-4) Iimiliyoni zabantu zifunde ukukhuthala emsebenzini, zafunda izinto ezinokunceda iintsapho zazo, nendlela efanelekileyo yokuthanda izinto ezinazo. Izinto abazifundayo ziyabanceda kule mihla ibe zibenza babe ngabantu uThixo afuna babekhona kwihlabathi elitsha, xa kulawula uBukumkani bakhe.

BUZA KWENZA NTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO?

Nangona uYesu elawula ezulwini, emhlabeni kusalawula abantu. Kodwa ke, uThixo wathi kuYesu: “Yiya kwiintshaba zakho uzoyise.” (INdumiso 110:2) Kungekudala, uYesu uza kuzoyisa ngokupheleleyo iintshaba zakhe xa egweba. Uza kubanceda abantu abafuna ukuthobela uThixo.

UBukumkani bukaThixo ngelo xesha:

  • Buza kuphelisa iicawa zobuxoki. Iicawa ezifundisa ubuxoki ngoThixo nezicinezela abantu, ziza kupheliswa. IBhayibhile ifanisa iicawa zobuxoki nomfazi othengisa ngomzimba. Ukupheliswa kwazo kuza kothusa abantu abaninzi.—ISityhilelo 17:15, 16.

  • Buza kuphelisa oorhulumente babantu. UBukumkani bukaThixo buza kubaphelisa bonke oorhulumente babantu.—ISityhilelo 19:15, 17, 18.

  • Buza kususa abantu abenza izinto ezimbi. Kuza kwenzeka ntoni kubantu abenza izinto ezimbi nabangafuniyo ukulawulwa buBukumkani bukaThixo? IBhayibhile ithi: “Ke bona abenzi-bubi baza kususwa emhlabeni.”—IMizekeliso 2:22.

  • Buza kuvalela uSathana needemon. USathana needemon baza kuvalelwa emngxunyeni, bangabi sakwazi ‘ukulahlekisa iintlanga.’—ISityhilelo 20:3, 10.

Le nto ithetha ntoni kubantu abaza kulawulwa buBukumkani bukaThixo?

IZINTO UBUKUMKANI OBUZA KUZENZELA ABANTU

Xa uKumkani wasezulwini uYesu elawula, uza kwenza izinto ezininzi abalawuli abangabantu abangasoze bakwazi ukuzenza. Uza kulawula nabantu abayi-144 000 abakhethwe emhlabeni. (ISityhilelo 5:9, 10; 14:1, 3) Uza kuqinisekisa ukuba kuyenzeka ukuthanda kukaThixo emhlabeni. UBukumkani bukaThixo buza kubenzela ntoni abantu abahlala emhlabeni?

  • Buza kuphelisa ukugula nokufa. “Akakho umhlali wakhona oza kuthi: ‘Ndiyagula,’” ibe ‘akuzubakho kufa.’—Isaya 33:24; ISityhilelo 21:4.

  • Buza kuqinisekisa ukuba abantu baseluxolweni ibe bakhuselekile. “Oonyana bakho baza kuba noxolo oluninzi,” ibe “ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya, kungabikho mntu uboyikisayo.”—Isaya 54:13; Mika 4:4.

  • Buza kunika abantu umsebenzi ovuyisayo. “Abantu bam abakhethiweyo baxhamle ngokupheleleyo kwimisebenzi abayenze ngezandla zabo. Abazukubulalekela into engekhoyo.”—Isaya 65:22, 23.

  • Buza kulungisa umhlaba. “Iza kuvuya intlango nommandla owomileyo, intlango iza konwaba ize ityatyambe.”—Isaya 35:1.

  • Buza kufundisa abantu ukuze baphile ngonaphakade. “Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade, kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene, nalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

UYehova angavuya nyhani xa unokubakho xa kusenzeka ezi zinto. (Isaya 48:18) Inqaku elilandelayo, liza kukuchazela into omele uyenze ngoku ukuze uphile kamnandi kwixesha elizayo.