Izinto Onokuzenza Ukuze Uphile Kwihlabathi Elitsha
Amanqaku adlulileyo asibonise ukuba kungekudala uThixo uza kubaphelisa bonke abantu abenza ububi neengxaki abazenzayo. Siqinisekile ukuba le nto iza kwenzeka. Kutheni siqinisekile nje? Kungenxa yokuba iLizwi likaThixo eliyiBhayibhile lisithembisa le nto:
“Ihlabathi liyadlula.”—1 YOHANE 2:17.
Siqinisekile ukuba bakhona abantu abaza kusinda kuba kwa esi sibhalo sinye sisithembisa ukuba:
“Lowo wenza ukuthanda kukaThixo uza kuhlala ngonaphakade.”
Ngoko ukuba sifuna ukusinda kufuneka senze izinto uThixo azifunayo. Ukuze sizazi ezi zinto uThixo azifunayo, kufuneka siqale sazi yena.
UNOKUSINDA XA KUPHELISWA IHLABATHI UKUBA ‘UMAZI KAKUHLE’ UTHIXO
UYesu wathi: “Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade, kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene.” (Yohane 17:3) Kufuneka ‘simazi kakuhle’ uThixo ukuba sifuna ukusinda size siphile ngonaphakade. Ukumazi uThixo akuthethi nje ukukholelwa kuye okanye ukwazi izinto ezimbalwa ngaye. Kufuneka sibe ngabahlobo bakhe. Xa sifuna ubuhlobo bethu kunye nomntu buqine, kuye kufuneke sichithe ixesha kunye naye. Kuyafana ke nangobuhlobo bethu noThixo. Khawucinge ngeenyaniso eziseBhayibhileni nezisinceda sikhulise ubuhlobo bethu kunye noThixo size sibugcine bomelele.
LIFUNDE ILIZWI LIKATHIXO IBHAYIBHILE YONKE IMIHLA
Sitya ukutya ukuze siqhubeke siphila. Kodwa uYesu wathi: “Umntu akamele aphile ngokutya kuphela, kodwa umele aphile nangawo onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.”—Mateyu 4:4.
Kule mihla siphila kuyo, izinto ezithethwa nguYehova sizifumana eBhayibhileni. Njengoko ufunda iBhayibhile, uza kufunda izinto uThixo azenzileyo kwixesha elidlulileyo, azenzayo ngoku nezinto aseza kuzenza kwixesha elizayo.
THANDAZA KUTHIXO UCELE UKUBA AKUNCEDE
Ungenza njani ukuba ufuna ukuthobela uThixo kodwa kube kunzima ukuyeka izinto angazifuniyo? Xa kunjalo kuza kukunceda kakhulu ukumazi kakuhle uThixo.
Khawukhe ucinge ngomnye usisi esizakuthi nguSakura xa simbiza, owayeziphatha kakubi ngesondo. Xa waqalisa ukufunda iBhayibhile wafunda umyalelo kaThixo wokuba angaziphathi kakubi ngesondo. (1 Korinte 6:18) USakura wathandaza kuThixo wamcela ukuba amphe amandla waza wakwazi ukuyeka le nto imbi wayeyenza. Kodwa kusafuneka esebenze nzima ukuze ayeke ukuziphatha kakubi. Uthi: “Xa iingcinga zokuziphatha kakubi zifika engqondweni ndiye ndithandaze kuYehova ngokunyanisekileyo kuba ndisazi ukuba andinokuzoyisa ngokwam ezi ngcinga. Umthandazo uye wandinceda ndasondela kakhulu kuYehova.” NjengoSakura, baninzi abaya bemazi uThixo. Ubanika amandla ukuze bakwazi ukutshintsha izinto ezithile ebomini babo baze baphile ngendlela emvuyisayo.—Filipi 4:13.
Xa usiya umazi bhetele uza kwaziwa nguThixo njengomhlobo wakhe osondeleyo. (Galati 4:9; INdumiso 25:14) Loo nto iza kukwenza ukwazi ukuphila kwihlabathi elitsha. Kodwa kuza kubanjani kwihlabathi elitsha? Inqaku elilandelayo liza kusixelela.
a UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.