Ihlabathi Elibhetele Likufuphi!
UAntónio Guterres ongunobhala jikelele weZizwe Ezimanyeneyo wathi: “Siphila kwihlabathi elineengxaki ezininzi.” Ngokuqinisekileyo uyavumelana naye.
Ezindabeni kuthethwa ngezinto ezibuhlungu ezenzekayo
Izigulo neezifo ezingubhubhani
Iintlekele zemvelo
Ukuhlupheka nendlala
Ukungcoliswa komhlaba nokutshintsha kwemozulu ngendlela engaqhelekanga
Ukwaphulwa komthetho, ubundlobongela nokuqhathwa kwabantu
Iimfazwe
Ezi zinto zibonisa ukuba silidinga nyhani ihlabathi elibhetele. Kulo, kuza kubakho:
Abantu abasempilweni
Indawo ekhuselekileyo yomntu wonke
Ukutya okuninzi
Umhlaba ococekileyo
Ubulungisa ndawo yonke
Uxolo emhlabeni wonke
Kodwa ke, sithetha ngantoni xa sithetha ngehlabathi elibhetele?
Kuza kwenzeka ntoni kulo mhlaba siphila kuwo ngoku?
Yintoni esinokuyenza ukuze siphile kwihlabathi elibhetele?
Le Mboniselo iza kubonisa indlela iBhayibhile eyiphendula ngokuthuthuzela ngayo le mibuzo neminye imibuzo efana nale.