Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Usenokonwaba Nangoku

Usenokonwaba Nangoku

KWIXESHA elizayo akukho mntu uza kugula, aluphale aze afe. Nawe usenokubakho apho. Kodwa okwangoku abantu baseneengxaki ezininzi. Yintoni ke onokuyenza ukuze wonwabe kwangoku? IBhayibhile iyakuxelela into onokuyenza. Makhe sifunde ngezinye iingxaki esinazo ebomini size sibone indlela iBhayibhile enokusinceda ngayo.

YONELA ZIZINTO ONAZO

Icebiso leBhayibhile: “Musani ukuba ngabathandi bemali, kunoko yanelani zizinto ezikhoyo.”​Hebhere 13:5.

Namhlanje abantu bathi masibe nale naleya. Kodwa yona iBhayibhile ithi ‘masanele zizinto ezikhoyo.’ Sinoyenza njani loo nto?

‘Sukuyithanda imali.’ Abantu baxolele ukugula, ukungavani neentsapho zabo, ukulahla abahlobo, ukuziphatha kakubi nokuphelelwa sisidima ngenxa nje ‘yokuthanda imali.’ (1 Timoti 6:10) Yintoni ke abayifumanayo ekugqibeleni? Umntu othanda ubutyebi “akayi kwaneliswa.”​—INtshumayeli 5:10.

Thanda abantu kunezinto. Ukuba nezinto zokuphila kubalulekile. Kodwa ezo zinto soze zisithande. Ngabantu qha abanokusithanda. Kukuba nabahlobo okuza kusinceda sanele okanye sonwabe.​—IMizekeliso 17:17.

XA SISENZA IZINTO EZISEBHAYIBHILENI, SINOKONWABA KWANANGOKU

ZAMA UKUNYAMEZELA XA UGULA

Icebiso leBhayibhile: “Intliziyo evuyayo iyaphilisa.”​IMizekeliso 17:22.

Ukuvuya kufana neyeza kumntu ogulayo kuba kunokumenza anyamezele. Kodwa unokonwaba njani umntu egula?

Yiba nombulelo. Ukuba sicinga ngeengxaki esinazo “yonke imihla,” asizukonwaba. (IMizekeliso 15:15) IBhayibhile ithi ‘masihlale sinombulelo.’ (Kolose 3:15) Zixabise izinto ezintle ebomini noba zincinci kangakanani. Ezinye izinto ezinokukonwabisa kukubukela indlela ekuba kuhle ngayo xa kutshona ilanga, impepho etsho kamnandi noncumo lomntu omthandayo.

Yenzela abantu izinto. Nokuba siyagula, “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Xa abantu besibulela ngento esiyenzileyo, siyavuya size silibale kancinci ngeengxaki esinazo. Siziva bhetele xa sinceda abanye.

QINISA UMTSHATO

Icebiso leBhayibhile: ‘Qiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’​Filipi 1:10.

Abantu abatshatileyo abangafane babe kunye benza umtshato wabo ube neengxaki. Ngoko umtshato wabo umele ube yenye yezona zinto zibalulekileyo kubo.

Yenzani izinto kunye. Kunokuba umntu enze izinto yedwa, zamani ukuzenza kunye. IBhayibhile ithi: “Ababini balunge ngakumbi kunomnye.” (INtshumayeli 4:9) Zenzeni kunye izinto, njengokupheka, ukujima nezinye izinto.

Thandanani. IBhayibhile ithi indoda mayimthande umfazi wayo nomfazi ayihloniphe indoda yakhe. (Efese 5:28, 33) Ukuncumelana, ukubambana nokuphana izinto nje ezincinci kuza kunenza nithandane nyhani. Umntu otshatileyo umele abelane ngesondo nomntu atshate naye qha.​—Hebhere 13:4.