Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Usithembisa Ntoni Ngabantu Abaswelekileyo?

UThixo Usithembisa Ntoni Ngabantu Abaswelekileyo?

Sonke siza kusweleka. Ngaba sisiphelo sethu eso? Ngaba abantu abaswelekileyo balityelwe? Uthini uThixo ngabantu abaswelekileyo?

INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE

ABANTU ABASWELEKILEYO ABALITYALWANGA

‘Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baza kuphuma.’​—Yohane 5:28, 29.

UThixo akabalibalanga abantu abaswelekileyo, uza kubenza baphinde baphile.

ABANTU ABASEMANGCWABENI BAZA KUVUKA

“Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”​IZenzo 24:15.

Kuza kuvuswa abantu abaninzi baze baphile ngonaphakade eluxolweni.

SIYAKHOLWA UKUBA ABANTU BAZA KUVUSWA

UThixo ‘ubala inani leenkwenkwezi; zonke uzibiza ngamagama azo.’​—INdumiso 147:4.

Xa uThixo ezazi ngamagama zonke iinkwenkwezi, unokubakhumbula lula abantu aza kubavusa.