Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Oluza Kupheliswa Ngayo Utshaba Olukukufa

Indlela Oluza Kupheliswa Ngayo Utshaba Olukukufa

UKUNGATHOBELI kuka-Adam noEva, kwabangela ukuba abantu babe nesono baze bafe. Loo nto ayizange iyitshintshe injongo awayenayo uThixo ngabantu. Kwiivesi ezininzi zeBhayibhile, uThixo uthi injongo yakhe ayitshintshanga.

  • “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, Ahlale kuwo ngonaphakade.”​INdumiso 37:29.

  • “Uya kuginya ukufa ngonaphakade, yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.”​Isaya 25:8.

  • “Olokugqibela utshaba oluya kutshitshiswa kukufa.”​—1 Korinte 15:26.

  • “Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”​—ISityhilelo 21:4.

UThixo uza ‘kukuginya’ njani ukufa, nto leyo eza kubangela olu tshaba luphele? IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba ‘amalungisa aza kuhlala ngonaphakade.’ Kodwa kwayona ithi “akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo.” (INtshumayeli 7:20) Ukuze aphelise ukufa, ngaba uThixo uza kuyijika le nto? Akanakuyenza loo nto kuba ‘uThixo, akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Ngoko yintoni uThixo aza kuyenza ukuze kwenzeke injongo awayenayo xa wayedala abantu?

UTHIXO UZA ‘KUGINYA UKUFA NGONAPHAKADE.’​—ISAYA 25:8

UKUFA KUZA KUPHELISWA NGENTLAWULELO

UYehova uThixo wakhulula abantu ekufeni ngentlawulelo. Xa iBhayibhile ithetha ngentlawulelo, ithetha ngokubhatalwa kwento emoshiweyo ngento elingana nayo. Ekubeni bonke abantu benesono kwaye besifa, iBhayibhile ithi: “Akukho namnye kubo onokumkhulula nangayiphi na indlela umzalwana wakhe, okanye anike uThixo intlawulelo ngaye; (yaye ixabiso lokubakhulula lixabisekile kangangokuba liphele ukusa kwixesha elingenammiselo).”​—INdumiso 49:7, 8.

Xa umntu onesono esifa, uhlawulela izono zakhe; akanakuzikhulula okanye ahlawulele izono zabanye abantu. (Roma 6:7) Kwakufuneka umntu ongenasono, owayeza kunikela ngobomi bakhe ukuze ahlawulele izono zethu.​—Hebhere 10:1-4.

Yiloo nto kanye eyenziwa nguThixo. Wathumela uNyana wakhe, uYesu, owayengenasono ukuba aze kuzalwa emhlabeni. (1 Petros 2:22) UYesu wathi ‘weza kunikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Marko 10:45) Wafela ukusikhulula kutshaba olukukufa ukuze singaphindi sife.​—Yohane 3:16.

KUYA KUPHELISWA NINI UKUFA?

Namhlanje kwenzeka into eyaprofetwa yiBhayibhile, siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Le nto ibonisa ukuba ‘sikwimihla yokugqibela.’ (2 Timoti 3:1) Le mihla yokugqibela iya kuphela ‘ngemini yomgwebo neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.’ (2 Petros 3:3, 7) Abantu abathanda uThixo baza kusinda baze baphile ‘ngonaphakade.’​—Mateyu 25:46.

UYesu weza ‘kunikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’​—Marko 10:45

Abantu abaninzi abaza kuvuswa baza kufumana ithuba lokuphila bangaphinde basweleke. Xa wayeye kwisixeko saseNayin, uYesu wavusa umntu oswelekileyo. Wafika apho kusweleke unyana womhlolokazi, ‘waba nosizi,’ wamvusa. (Luka 7:11-15) Umpostile uPawulos wathi: “Ndinethemba kuThixo, themba elo abanalo naba bantu ngokwabo, lokuba kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.”​—IZenzo 24:15.

Abantu abaninzi banokuphila ngonaphakade. IBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Ngelo xesha baya kube bevuyiswa ngamazwi kampostile uPawulos awawabhala malunga neminyaka eyi-2 000 eyadlulayo: “Kufa, luphi na uloyiso lwakho? Kufa, luphi na ulwamvila lwakho?” (1 Korinte 15:55) Olu tshaba luhlupha abantu lukukufa alusoze luphinde lubekho.