Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Singonwaba nyhani xa singathobela imithetho kaThixo

Abantu Abathobela UThixo Bayasikelelwa

Abantu Abathobela UThixo Bayasikelelwa

Umprofeti uMoses wathi ukuba sithobela imithetho kaThixo, uza kusisikelela. (Duteronomi 10:13; 11:27) Asithobeli uThixo kuba sisoyika ukohlwaywa, kodwa iimpawu zikaThixo ezintle zisenza sifune ukumthobela. Kuba simthanda, siphepha nantoni na enokumkhathaza. “Kuba ukuthanda uThixo kuthetha ukuba sithobele imithetho yakhe, ibe ayikho nzima imithetho yakhe.”​—1 Yohane 5:3.

Kodwa sinokuzifumana njani iintsikelelo xa sithobela uThixo? Sizifumana ngezi ndlela zimbini.

1. UKUTHOBELA UTHIXO KUZA KUSENZA SIBE NOBULUMKO

“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa izinto ezikuncedayo, Lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.”​—ISAYA 48:17.

UYehova uThixo nguMdali wethu, uyasazi ibe usibonisa indlela esifanele siphile ngayo. Ukuba sifuna izinto asifundisa zona zikwazi ukusinceda sizenze kakuhle izigqibo, simele sifunde izinto azifunayo kwincwadi esuka kuye, size sizenze.

2. UKUTHOBELA UTHIXO KUZA KUSENZA SONWABE

“Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”​—LUKA 11:28.

Namhlanje, abantu abasebenzisa amacebiso akwiLizwi LikaThixo bonwabe nyhani. Ngokomzekelo, khawucinge ngendoda yaseSpain eyayikhawuleza ukucaphuka ibe ibaphatha kakubi nabantu, nditsho nomfazi wayo lo. Ngenye imini, xa yayifunda izinto ezabhalwa ngumprofeti uMoses, yafunda ngendlela awayezole ngayo uYosefu, unyana kaYakobi. UYosefu wathengiswa waza walikhoboka, wavalelwa engenzanga nto, kodwa wahlala engumntu ozolileyo noxolelayo. (IGenesis isahluko 37 ukuya ku-45) Le ndoda yaseSpain ithi: “Ukucinga ngomzekelo kaYosefu kwandinceda kakhulu, kuba ngoku ndizolile, ndinobubele, kwaye ndiyakwazi ukuzibamba. Ngenxa yaloo nto, ndonwabe kakhulu ngoku.”

INcwadi Esuka KuThixo isifundisa izinto ezininzi ngendlela esifanele sibaphathe ngayo abantu. Inqaku elilandelayo lithetha ngazo.