Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umbhalo othathwe kwincwadi kaIsaya kwiMisongo Yolwandle Olufileyo nenguqulelo kaIsaya ngesiArabhu sanamhlanje. Umyalezo okwiLizwi likaThixo awutshintshanga

Ngaba Incwadi Evela KuThixo Itshintshiwe?

Ngaba Incwadi Evela KuThixo Itshintshiwe?

Abantu bayazibuza ukuba Incwadi Evela KuThixo ayitshintshwanga na. Umprofeti uIsaya wathi iLizwi LikaThixo “lihlala lihleli ngonaphakade.” (Isaya 40:8) Sinokuqiniseka njani ukuba izithembiso zikaThixo azitshintshwanga?

UThixo unamandla okugcina nokukhusela incwadi yakhe ukuba ingatshintshwa. Kudala, xa abantu babekhuphela Incwadi Evela KuThixo, babebala igama ngalinye kwimibhalo engcwele, ukuze baqiniseke ukuba akukho nto ifakwayo, itshintshwayo okanye ikhutshwayo. Kodwa abantu abafezekanga, ngoko abanye bazenza iimpazamo ezimbalwa.

SINOKUQINISEKA NJANI UKUBA INCWADI EVELA KUTHIXO YANGOKU ISENALAA MYALEZO WOKUQALA KATHIXO?

Imibhalo-ngqangi yakudala yeNcwadi Evela KuThixo ineekopi ezininzi. Xa kukho ikopi eyahlukileyo nokuba kukancinci, inokuthelekiswa nezinye ukuze kubonwe ukuba ichanile na.—Ukuze ufunde ezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ngaba IBhayibhile Itshintshiwe?” ku-jw.org/xh.

Ngokomzekelo, kukho amaphepha akudala abizwa ngokuba Yimisongo Yolwandle Olufileyo, afunyanwa ngamaBhedu kwimiqolomba ekufutshane noLwandle Olufileyo ngo-1947. Le misongo yayinezinye izibhalo ezikwiNcwadi Evela KuThixo, ezineminyaka engaphezu kweyi-2 000 zikho. Iingcali zathelekisa le mibhalo-ngqangi yakudala neNcwadi Evela KuThixo esiyisebenzisayo namhlanje. Bafumana ntoni?

Abaphengululi bafumanise ukuba izinto ezikwiNcwadi Evela KuThixo namhlanje ziyafana nezinto ezikwimibhalo yakudala. * Le nto iyasiqinisekisa ukuba izinto esizifunda kwiNcwadi Evela KuThixo ngulaa myalezo kaThixo wokuqala. Singatsho ukuba uThixo uye waqiniseka ukuba izinto ezikwincwadi yakhe esizisebenzisayo namhlanje, ziyinyani.

Ngoko sinokuyifunda iNcwadi Evela KuThixo siqinisekile ukuba ichanile. Njengoko sesibonile ukuba sinokuyithemba le ncwadi, masijonge ukuba sinokufunda ntoni ngoThixo kubaprofeti bakhe.

^ isiqe. 7 Incwadi ethi The Complete Dead Sea Scrolls in English, kaGeza Vermes, iphepha 16.