Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMdali Wethu Onothando Usikhathalele

UMdali Wethu Onothando Usikhathalele

1. UMDALI WETHU WENZA ILANGA LIPHUME

Ucinga ukuba kunganjani ukuphila emhlabeni xa kunokungabikho langa? Ilanga linika imithi amandla okuvelisa amagqabi, iintyantyambo, iziqhamo, iinuts nembewu. Enye into, ilanga lenza imithi ifunxe amanzi ngeengcambu. La manzi ayenyuka aye kumagqabi omthi, de atshintshe abe ngumphunga.

2. UMDALI WETHU USINIKA IMVULA

UThixo wenza kunethe imvula ngexesha layo, eyenza umhlaba ukwazi ukukhulisa ukutya okwaneleyo, aze aqinisekise ukuba siyonwaba.

3. UMDALI WETHU UYASONDLA AZE ASINIKE IMPAHLA YOKUNXIBA

Ootata abaninzi baxhalabele ukondla iintsapho zabo, nokuqiniseka ukuba zinempahla yokunxiba eyaneleyo. IBhayibhile ithi: “Bukelani iintaka; azityali mbewu, azivuni ibe aziqokeleli kutya koovimba, kodwa zondliwa nguTata wenu osemazulwini. Anibalulekanga ngaphezu kwazo na nina?”​—Mateyu 6:25, 26.

“Fundani isifundo kwindlela ezikhula ngayo iintyatyambo zasendle . . . ; kodwa ndithi kuni, kwaneempahla ezimbeje-mbeje zikaSolomon zazingazogqithi ngobuhle. Ngoko ke, ukuba uThixo uzinxibisa ngaloo ndlela izityalo zasendle . . . , akazukuninxibisa bhetele na nina?”​—Mateyu 6:28-30.

Kuba uThixo esinika ukutya nempahla, siqinisekile ukuba angakwazi ukusinika nezinye izinto esizidingayo. Ukuba senza ukuthanda kukaThixo, angasinceda xa sizama ukufumana ukutya, naxa sifuna umsebenzi ukuze sikwazi ukuthenga izinto esizidingayo.​—Mateyu 6:32, 33.

Sitsho simthande kakhulu uThixo xa sicinga ngelanga, imvula, iintaka neentyantyambo. Inqaku elilandelayo liza kusibonisa indlela uThixo aye wathetha ngayo nabantu.