Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Umhlaba uza kuvelisa isiqhamo sawo; UThixo, uThixo wethu, uza kusisikelela.”​—INDUMISO 67:6

Ungasikelelwa NguMdali Wethu Ngonaphakade

Ungasikelelwa NguMdali Wethu Ngonaphakade

UThixo wathembisa umprofeti uAbraham ukuba inzala yakhe yayiza kuzisa intsikelelo kuzo “zonke iintlanga zomhlaba.” (Genesis 22:18) Yayiza kuba ngubani loo nzala?

Kwiminyaka emalunga neyi-2 000 eyadlulayo, uThixo wanika uYesu amandla okwenza imimangaliso emikhulu. Loo mimangaliso yayibonisa ukuba esa sithembiso uThixo wayesenze kuAbraham sasiza kwenzeka kwiintlanga ngoYesu Kristu.​—Galati 3:14.

Le mimangaliso kaYesu yenza abantu ababembukele batsho baqonda ukuba uThixo wayeza kusebenzisa yena ukuze asikelele abantu, ibe yayibonisa indlela uThixo aza kubasikelela ngayo abantu ngonaphakade. Imimangaliso eyenziwa nguYesu yasibonisa indlela aneempawu ezintle ngayo. Nazi ezinye zazo.

Wayebaphatha kakuhle abantu​—UYesu waphilisa abantu ababegula.

Ngenye imini, indoda eyayineqhenqa yacenga uYesu ukuba ayiphilise, uYesu wayibamba wathi: “Ndiyathanda!” Laphela ngoko nangoko iqhenqa layo.​—Marko 1:40-42.

Wayenobubele​—UYesu wondla abantu ababelambile.

UYesu wayengafuni ukuba abantu balambe. Wenza izonka neentlanzi ezincinci ezimbalwa zaninzi, waza wondla abantu abaninzi. Le nto zange ayenze nje kube kanye. (Mateyu 14:17-21; 15:32-38) Nasemva kokuba betyile baza bahlutha, kwashiyeka ukutya okuninzi.

Wayenosizi​—UYesu wavusa abantu abaswelekileyo.

‘Enosizi,’ uYesu wavusa unyana womhlolokazi ekuphela kwakhe ibe lo mhlolokazi wayengenaye umntu onokumncedisa ngaphandle kwaloo nyana.​—Luka 7:12-15.