Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungakwazi Ukukhetha Ukuba Liza Kuba Njani Ikamva Lakho

Ungakwazi Ukukhetha Ukuba Liza Kuba Njani Ikamva Lakho

Kwiminyaka eyi-3500 eyadlulayo, uYehova uThixo waxelela abakhonzi bakhe into abamele bayenze ukuze babe nekamva eliqinisekileyo: “Ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Khethani ubomi ukuze niphile, nina nenzala yenu.”—Duteronomi 30:19.

Ukuze babe nekamva elibhetele, kwakufuneka aba bakhonzi bakaThixo bakhethe kakuhle. Nathi namhlanje kufuneka sikhethe kakuhle. IBhayibhile iyasixelela ukuba sinokukhetha njani ukuba nekamva eliqinisekileyo: “Ngokuthi nimthande uYehova uThixo wenu, nilimamele ilizwi lakhe.”Duteronomi 30:20.

SINGENZA NJANI UKUZE SIMTHANDE UYEHOVA SIZE SIMAMELE ILIZWI LAKHE?

FUNDA NGAYE EBHAYIBHILENI: Ukuze uthande uYehova kufuneka uqale ufunde ngaye eBhayibhileni. Ukuba uyayenza loo nto uza kuyiqonda ukuba nguThixo okuthandayo ibe ufuna wonwabe. Ufuna uthandaze kuye ‘kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) IBhayibhile iyakuthembisa ukuba, ukuba uyazama ukusondela kuye naye ‘uza kusondela kuwe.’—Yakobi 4:8.

YENZE INTO OYIFUNDILEYO: Xa umamela uThixo loo nto ithetha ukuba wenza loo nto akucebisa yona eBhayibhileni. Ukuba uyayenza loo nto, “uza kuphumelela uze wenze ngobulumko.”—Yoshuwa 1:8.

^ isiqe. 7 Ifumaneka ngeelwimi eziyi-7, eziquka isiMandarin neCantonese Chinese.