Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba unqulo lweza nabantu?

ABANYE ABANTU BATHI unqulo lweza nabantu; abanye bacinga ukuba uThixo usebenzisa unqulo ukuze atsale abantu. Wena uthini?

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

Kukho “unqulo oluhlambulukileyo nolungadyobhekanga ngokwembono kaThixo noBawo wethu.” (Yakobi 1:27) Unqulo oluhlambulukileyo okanye lokwenyaniso luvela kuThixo.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Ukuze unqulo lumkholise uThixo lumele lusekelwe kwinyaniso eseBhayibhileni.—Yohane 4:23, 24.

  • Unqulo olusekelwe kwiimbono zabantu lububuxoki.—Marko 7:7, 8.

Ngaba kubalulekile ukuba nonqulo lwakho?

UBUYA KUTHINI?

  • Ewe

  • Hayi

  • Kuyaxhomekeka

OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.” (Hebhere 10:24, 25) UThixo ufuna ukuba abantu abamnqulayo bahlanganisane.

ENYE INTO ESIYIFUNDA EBHAYIBHILENI

  • Abantu abamnqula kunye uThixo bafanele bakholelwe kwinto efanayo.—1 Korinte 1:10, 11.

  • Abantu abanqula ngendlela ekholisa uThixo babumba iqela labazalwana abasehlabathini.—1 Petros 2:17.