Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zonke izixhobo zemfazwe ziza kuzipheliswa

Ithini IBhayibhile?

Ithini IBhayibhile?

Ngaba lungaze lubekho uxolo emhlabeni?

Ubuya kuthini?

  • Ewe

  • Hayi

  • Mhlawumbi

Oko kuthethwa yiBhayibhile

Xa kulawula uYesu Kristu, kuya kubakho ‘ubuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga’​—okuthetha ukuba ngonaphakade.​—INdumiso 72:7.

Enye into esiyifunda eBhayibhileni

  • Abantu abenza izinto ezimbi baza kususwa emhlabeni, baze abalungileyo bakwazi ukuzonwabisa “ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”​—INdumiso 37:10, 11.

  • UThixo uza kuziphelisa zithi tu iimfazwe.—INdumiso 46:8, 9.

Ngaba abantu bangakwazi ukuba noxolo lwengqondo ngoku?

Abanye abantu bathi . . .

Soze abantu babe noxolo lwengqondo kusekho izinto ezibuhlungu kangaka nokungabikho kobulungisa emhlabeni. Wena uthini?

Oko kuthethwa yiBhayibhile

Nangoku, abo basondela kuThixo banganalo “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.”​—Filipi 4:6, 7.

Enye into esinokuyifunda eBhayibhileni

  • UThixo uthembisa ukuba uza kuziphelisa zonke izinto ezimbi nokungabikho kobulungisa, ‘zonke izinto uza kuzenza ntsha.’​—ISityhilelo 21:4, 5.

  • Singanalo uxolo lwengqondo ngokuhoya izinto ezakha ukholo lwethu.​—Mateyu 5:3.