Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | ESONA SIPHO SIZODLULA ZONKE

Khangela Esona Sipho Siza Kuthandwa

Khangela Esona Sipho Siza Kuthandwa

Akuyonto elula ukukhangelela umntu esona sipho aza kusithanda. Kakade ke, ixhomekeke kulo mntu uza kumpha ukuba uza kusithanda kangakanani. Izinto esizithandayo azifani.

Ngokomzekelo, esona sipho sinokuthandwa ngumntu osemtsha sisixhobo se-elekroniki esitsha. Bona abantu abadala bathanda kakhulu ukuphiwa izinto ezixabisekileyo, njengezinto ebezigcinwe kangangeminyaka emininzi. Kwezinye iindawo, kubhetele umntu umphe imali ukuze azithengele loo nto ayifunayo nokuba usemtsha okanye mdala.

Abantu abaninzi bayaqhubeka bekhangelela umntu abamthandayo esona sipho aza kusithanda kakhulu. Nangona kungekho lula, ziintoni ezinokukunceda ufumane esona sipho aza kusithanda loo mntu? Makhe sithethe ngezinto ezine onokucinga ngazo.

Izinto azibawelayo. Eny’ indoda yaseBelfast, kuMntla weIreland ithi esona sipho yakha yasithanda yibhayisekile eyayiphiwa xa yayineminyaka eyi-10 okanye eyi-11. Kutheni isitsho? Ithi: “Kungenxa yokuba ndandiyibawela nyhani.” Le nto ibonisa ukuba xa umntu umpha eyona nto ayibawelayo uza kusithanda nyhani isipho sakho. Ngoko, cinga ngalo mntu ufuna ukumpha. Cinga ngezinto azithandayo, kuba izinto azithandayo udla ngokuzibawela. Ngokomzekelo, oomakhulu nootamkhulu bayakuthanda ukuchitha ixesha neentsapho zabo. Basenokubawela ukubabona qho abantwana kunye nabazukulwana babo. Ngoko esona sipho banokusithanda ngaphezu kwazo zonke, kukuphuma khe babethwe ngumoya kunye nentsapho yonke.

Eyona nto ibalulekileyo ukuze uyazi into ebawelwa ngumntu kukummamela kakuhle. IBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sikhawuleze ukuva, sicothe ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) Njengoko uncokola nomhlobo wakho okanye umntu wakowenu, mmamele kakuhle, uza kumva apha encokweni ukuba ziintoni azithandayo nangazithandiyo. Xa usenza loo nto, uza kukwazi ukumpha into aza kuyithanda.

Izinto azidingayo. Nokuba incinci kangakanani na, umntu usenokuyithanda loo nto umpha yona xa eza kukwazi ukuyisebenzisa. Kodwa uza kuyazi njani into ayidingayo umntu?

Kusenokubonakala ngathi eyona ndlela ilula kukumbuza into ayidingayo okanye ayibawelayo. Kodwa ke, abantu abaphayo abayithandi ncam le ndlela kuba bafuna ukupha umntu kanye le nto ayidingayo engalindelanga. Kanti abanye abantu basenozichaza izinto abazithandayo nabangazithandiyo kodwa badla ngokungazichazi abazidingayo.

Ngoko, zazi kakuhle iimeko zalo mntu ufuna ukumnika isipho. Ngaba usemtsha okanye sele ekhulile? Utshatile okanye akatshatanga? Ngaba uphelelwe ngumtshato okanye uswelekelwe ngumntu ebetshate naye? Uyaphangela okanye udl’ umhlala phantsi? Cinga ukuba ziintoni azidingayo loo mntu.

Ukuze uzazi izinto azidingayo lo mntu ufuna ukumpha into, buza abanye abantu ababekhe bakwimeko efanayo neyakhe. Basenokukuchazela izinto asenokuba uyazidinga ezingaziwayo ngabanye abantu. Le nto iza kukunceda ukwazi ukumpha into eyahlukileyo kodwa ibe yile nto kanye ayidingayo.

Ixesha ompha ngalo. IBhayibhile ithi: “Hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!” (IMizekeliso 15:23) Esi sibhalo sisenza sibone ukuba kubalulekile ukuthetha ngexesha elifanelekileyo. Kunjalo ke nakwizinto esizenzayo. Njengokuba amazwi athethwe ngexesha elifanelekileyo emvuyisa lowo athethwe kuye, kuba njalo nangesipho xa umntu esiphiwe kanye ngexesha elifanelekileyo.

Abanye abantu bathanda ukupha abantu izinto xa: Abahlobo babo betshata, umntu osemtsha sele eza kugqiba esikolweni okanye abantu abatshatileyo beza kufumana umntwana kungekudala. Abanye bakhetha ukuzibhala phantsi izinto ezikhethekileyo eziza kwenzeka kunyaka ozayo. Le nto ibanceda bakwazi ukuceba kusengaphambili ukuba bafanele bafune isipho esinjani. *

Akunyanzelekanga ulinde ixesha elithile ukuze uphe umntu into. Ungampha nanini na. Kodwa ke, ufanele ulumke. Ngokomzekelo, ukuba indoda isuka nje iphe umntu obhinqileyo isipho kungekho sizathu, loo mntu usenokucinga ukuba le ndoda inomdla kuye. Esi sipho sinokubangela ingxaki ukuba yona le ndoda ibingakhange ithi qatha kwaukuthi qatha kuyo into enjalo. Le nto isisa kwenye into esinokucinga ngayo xa sifuna ukunika umntu isipho.

Isizathu sokuba simphe. Njengoko sibonile kulo mzekelo ungasentla, sifanele siqale sicinge ukuba lo mntu simphayo akazokucingela enye into na. Kwelinye icala, lo uphayo ufanele acinge ukuba kutheni esipha lo mntu. Abantu abaninzi bafuna ukuba nezizathu ezifanelekileyo zokupha, kanti abanye banika abantu izipho ngamaxesha athile enyakeni kuba beziva benyanzelekile. Abanye bapha kuba befuna ukuthandwa okanye kuba befuna ukuphiwa nabo.

Yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba upha uneenjongo ezintle? IBhayibhile ithi: “Zonke izinto zenu mazenziwe ngothando.” (1 Korinte 16:14) Ukuba umntu umpha kuba umthanda ibe umkhathalele uza kusithanda kakhulu isipho sakho, futhi nawe uza kuvuya kuba umphile. NoBawo wethu osezulwini uyavuya xa ebona ukuba unobubele. Umpostile uPawulos wawancoma amaKristu aseKorinte kuba abonisa ububele aza awanceda evuya amaKristu akwaYuda. UPawulos wathi kuwo: “uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”—2 Korinte 9:7.

Ukwenza ezi zinto sithethe ngazo kungasinceda siphe abantu izinto abaza kuzithanda. NoThixo wacinga ngezi zinto, nezinye xa wayesipha abantu esona sipho sizodlula zonke abakha bazifumana. Sicela ufunde inqaku elilandelayo ukuze ubone ukuba sesiphi esi sipho.

^ isiqe. 13 Abantu abaninzi bathanda ukunika abanye izipho xa bebhiyozela umhla wokuzalwa okanye ezinye iiholide. Kodwa ke, ezi zinto zibhiyozelwayo zidla ngokungqubana noko kufundiswa yiBhayibhile. Funda inqaku elithi “Imibuzo Yabafundi—Ikho Into Edibanisa AmaKristu NeKrismesi?” kule magazini.