Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Funda Kubakhonzi BakaYehova Abanyanisekileyo

Funda Kubakhonzi BakaYehova Abanyanisekileyo

“Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—MIKA 6:8.

IINGOMA: 63, 43

1, 2. UDavide wabonisa njani ukuba unyanisekile kuThixo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

USAWULE namajoni akhe ayi-3 000 babekhangela uDavide kwintlango yakwaYuda befuna ukumbulala. Kodwa ngobunye ubusuku, uDavide kunye nomkhosi wakhe bambhaqa uSawule namajoni akhe. Ngoxa babelele yoyi, uDavide noAbhishayi bachwechwa de baya kufika kuSawule. UAbhishayi wasebezela uDavide wathi: “Makhe ndimqhame nomhlaba ngomkhonto kube kanye nje, hayi kabini.” Kodwa uDavide zange amvumele ukuba abulale uSawule. Wathi kuye: “Musa ukumonakalisa, kuba ngubani na owolulele isandla sakhe kothanjisiweyo kaYehova waza wahlala emsulwa?” Waphinda wathi: “Makube lee, kum, ngokwembono kaYehova, ukolula isandla sam nxamnye nothanjisiweyo kaYehova!”—1 Samuweli 26:8-12.

2 UDavide wayekuqonda kakuhle oko amele akwenze ukuze anyaniseke kuYehova. Wayesazi ukuba ufanele amhlonele uSawule, ibe akazange ayicinge nokuyicinga into yokumenzakalisa. Ngoba? Kuba uThixo wayekhethe uSawule ukuba abe ngukumkani wakwaSirayeli. Nanamhlanje, uYehova ufuna bonke abakhonzi bakhe banyaniseke kuye, baze babahlonele abo abavumelayo ukuba babe negunya.—Funda uMika 6:8.

3. UAbhishayi wayenyaniseke njani kuDavide?

3 UAbhishayi wayemhlonela uDavide kuba wayesazi ukuba ukhethwe nguThixo ukuba abe ngukumkani. Kodwa emva kokuba uDavide emiselwe njengokumkani, wenza izono ezinzulu. Walala nomfazi kaUriya, waza wayalela uYowabhi ukuba aqinisekise ukuba u-Uriya uyabulawa emfazweni. (2 Samuweli 11:2-4, 14, 15; 1 Kronike 2:16) UYowabhi wayengumntakwabo Abhishayi, ngoko uAbhishayi umel’ ukuba weva ngoko kwenziwa nguDavide, kodwa waqhubeka emhlonela. Ukongezelela, uAbhishayi wayeyinkokeli yomkhosi, ibe wayesenokusebenzisa igunya lakhe ukuze azenze ukumkani, kodwa akazange akwenze oko. Kunoko, wamkhonza uDavide waza wamkhusela kwiintshaba zakhe.—2 Samuweli 10:10; 20:6; 21:15-17.

4. (a) UDavide waba nguye njani umzekelo wokunyaniseka kuThixo? (b) Yiyiphi eminye imizekelo esiza kuthetha ngayo?

4 UDavide wayenyanisekile kuYehova ubomi bakhe bonke. Ngoxa wayeselula, wabulala ingxilimbela enguGoliyati owayengcikiva uYehova namaSirayeli. (1 Samuweli 17:23, 26, 48-51) Xa uDavide wayenguKumkani, umprofeti kaYehova uNatan kwafuneka amluleke ngezono awayezenzile. Ngoko nangoko, uDavide wazivuma izono zakhe waza waguquka. (2 Samuweli 12:1-5, 13) Kamva, xa uDavide wayesele aluphele, wanikela ngezinto zakhe zexabiso ukuze axhase ukwakhiwa kwetempile kaYehova. (1 Kronike 29:1-5) Kucacile ukuba nangona uDavide wenza iimpazamo ezinzulu ebomini bakhe, akazange ayeke ukunyaniseka kuThixo. (INdumiso 51:4, 10; 86:2) Kweli nqaku, siza kuthetha ngomzekelo kaDavide nabanye ababephila ngexesha lakhe, sifunde nangendlela esinokunyaniseka ngayo kuYehova ngaphezu kwakhe nabani na. Yaye siza kuthetha ngezinye iimpawu eziya kusinceda senze kanye oko.

NGABA UZA KUNYANISEKA KUYEHOVA?

5. Sifunda ntoni kwimpazamo ka-Abhishayi?

5 Xa uAbhishayi wayezimisele ukubulala uSawule, wayefuna ukunyaniseka kuDavide. Kodwa ekubeni uDavide wayesazi ukuba kuphosakele ukonzakalisa ‘othanjisiweyo kaYehova,’ akazange amvumele ukuba ambulale. (1 Samuweli 26:8-11) Oku kusifundisa isifundo esibalulekileyo: Xa kufuneka senze isigqibo sokuba simele sinyaniseke kubani kuqala, sifanele sicinge ngemigaqo yeBhayibhile enokusinceda.

Okona kubalulekileyo kukunyaniseka kuYehova kunaye nabani na

6. Nangona kuyinto eqhelekileyo ukufuna ukunyaniseka kwintsapho nabahlobo, kutheni simele silumke?

6 Yinto eqhelekileyo ukufuna ukunyaniseka kumntu esimthandayo, njengomhlobo okanye ilungu lentsapho. Kodwa ekubeni singafezekanga, iimvakalelo zethu zisenokusilahlekisa. (Yeremiya 17:9) Ngoko ukuba umntu esimthandayo wenza into embi aze ashiye intlangano, simele sikhumbule ukuba okona kubalulekileyo kukunyaniseka kuYehova kunaye nabani na.—Funda uMateyu 22:37.

7. Omnye udade wahlala njani enyanisekile kuThixo nangona kwakunzima?

7 Ukuba ilungu lentsapho yakho liye lasuswa kubudlelane, unokubonisa uYehova ukuba unyanisekile kuye. Ngokomzekelo, ngenye imini umama ka-Anne, owayesusiwe kubudlelane, wamfowunela esithi ufuna ukumtyelela. [1] (Jonga umbhalo osekugqibeleni.) Wathi iyamkhathaza into yokuba intsapho ingafuni ukuthetha naye. Waba buhlungu uAnne, waza wamthembisa ukuba uza kumphendula ngeleta. Ngaphambi kokuba ambhalele, wacingisisa ngemigaqo yeBhayibhile. (1 Korinte 5:11; 2 Yohane 9-11) Emva koko, wamchazela ngobubele umama wakhe eleteni ukuba nguye oshiye intsapho ngokuthi one aze angafuni ukuguquka. UAnne wamxelela umama wakhe ukuba ekuphela kwendlela anokonwaba ngayo kwakhona kukubuyela kuYehova.—Yakobi 4:8.

8. Ziziphi iimpawu eziya kusinceda sinyaniseke kuThixo?

8 Abakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo bexesha likaDavide babethobekile, benobubele nenkalipho. Makhe sibone indlela ezi mpawu ezinokusinceda ngayo sinyaniseke kuYehova.

SIMELE SITHOBEKE

9. Kwakutheni ukuze uAbhinere azame ukubulala uDavide?

9 Unyana kaSawule uYonatan kunye nomphathi-mkhosi wakwaSirayeli uAbhinere, bambona uDavide esisa intloko kaGoliyati kuKumkani uSawule. UYonatan waba ngumhlobo kaDavide waza wahlala enyanisekile kuye. (1 Samuweli 17:57–18:3) Kodwa yena uAbhinere akazange enjenjalo. Kangangokuba kamva wade wancedisa uSawule, owayefuna ukubulala uDavide. (1 Samuweli 26:1-5; INdumiso 54:3) UYonatan noAbhinere babesazi ukuba uThixo wayefuna uDavide abe ngukumkani olandelayo wakwaSirayeli. Kodwa emva kokufa kukaSawule, uAbhinere akazange amxhase uDavide. Kunoko, wazama ukwenza unyana kaSawule uIshe-bhosheti ukumkani. Kamva, uAbhinere umel’ ukuba wayezifunela ukuba ngukumkani yena kuqala, ibe mhlawumbi yiloo nto eyamenza walala nomnye wabafazi bakaKumkani uSawule. (2 Samuweli 2:8-10; 3:6-11) Kutheni uYonatan noAbhinere babevakalelwa ngokwahluke kangaka ngoDavide? Kungenxa yokuba uYonatan wayenyanisekile kuYehova ibe ethobekile, kodwa yena uAbhinere wayengenjalo.

10. Kwakutheni ukuze uAbhisalom anganyaniseki kuThixo?

10 UAbhisalom, unyana kaKumkani uDavide, wayenganyanisekanga kuThixo kuba wayengathobekanga. Wayefuna ukuba ngukumkani, ngoko “wazenzela inqwelo, inamahashe namadoda angamashumi amahlanu abaleka phambi kwakhe.” (2 Samuweli 15:1) Kwakhona waphembelela amaSirayeli amaninzi ukuba anyaniseke kuye. Wada wazama nokubulala uyise uDavide, nangona wayesazi ukuba uYehova wayemenze ukumkani wakwaSirayeli.—2 Samuweli 15:13, 14; 17:1-4.

11. Sinokufunda ntoni kwiingxelo zeBhayibhile ezingoAbhinere, uAbhisalom noBharuki?

11 Xa umntu engathobekanga yaye ezifunela igunya, kuba nzima ngaye ukuhlala enyanisekile kuThixo. Siyamthanda uYehova, yaye asifuni kucingela iziqu zethu size sibe ngabantu abangendawo njengoAbhinere noAbhisalom. Kodwa simele silumke singangenwa ngumnqweno wokuba nemali eninzi okanye umsebenzi osenza sizive sibalulekile. Oko kuya konakalisa ubuhlobo bethu noYehova. Ngokomzekelo, uBharuki unobhala kaYeremiya, wanqwenela izinto awayengenazo, waza akonwaba ekukhonzeni kwakhe uThixo. Ngoko uYehova wathi kuye: “Khangela! Oko ndikwakhileyo ndiyakuchitha, noko ndikutyalileyo ndiyakuncothula, kwanelizwe lonke. Kodwa wena ke, uyaqhubeka uzifunela izinto ezinkulu. Musa ukuqhubeka uzifuna.” (Yeremiya 45:4, 5) UBharuki wamphulaphula uYehova. Nathi simele simphulaphule, kuba kungekudala uza kulitshabalalisa eli hlabathi lingendawo.

Xa ucela umzalwana wakho ukuba aye kufuna uncedo lwabadala, ubonisa ububele kuye nokunyaniseka kuYehova

12. Chaza ukuba kutheni singenakunyaniseka kuThixo xa sicingela iziqu zethu kuphela.

12 UDaniel, umzalwana waseMexico, kwafuneka akhethe ukuba anyaniseke kubani. Wayefuna ukutshata intombi eyayingengomkhonzi kaYehova. UDaniel uthi: “Ndaqhubeka ndiyibhalela kwanasemva kokuba ndithathe ubuvulindlela.” Kodwa waqonda ukuba wayecingela isiqu sakhe kuphela. Wayenganyanisekanga kuYehova, ibe kwakufuneka athobeke. Ngoko waxelela umdala onamava ngale ntombazana. UDaniel uthi: “Wandinceda ndabona ukuba ukuze ndinyaniseke kuThixo, ndimele ndiyeke ukubhalelana nayo. Emva kokuthandaza kaninzi ndisezinyembezini, ndayeka. Oko kwandinceda ndayithanda ngakumbi intsimi.” Ngoku uDaniel unomfazi omthandayo uYehova, yaye ungumveleli wesiphaluka.

UKUNYANISEKA KUTHIXO KUSENZA SIBE NOBUBELE

Ukuba ufumanisa ukuba umhlobo wakho wenze isono esinzulu, ngaba uya kuthetha naye uze uqinisekise ukuba ufumana uncedo lwabadala? (Jonga isiqendu 14)

13. UNatan wahlala njani enyanisekile kuThixo nakuDavide xa uDavide wonayo?

13 Xa sinyanisekile kuYehova, sinokunyaniseka nakwabanye size sibancede kakhulu. Umprofeti uNatan wahlala enyanisekile kuYehova, waza wanyaniseka nakuDavide. Emva kokuba uDavide ethathe umfazi wenye indoda waza wayibulala, uYehova wathumela uNatan ukuba amluleke. UNatan waba nenkalipho waza wamthobela uYehova. Kodwa kwakhona waba nobulumko waza wathetha ngobubele noDavide. Wayefuna ukumnceda aqonde ubunzulu bezono zakhe. Ngoko wambalisela ngendoda esisityebi eyaba imvu yendoda elihlwempu eyayikuphela kwayo. Akukuva oku uDavide, wavutha ngumsindo ngenxa yento eyenziwe yile ndoda isisityebi. Emva koko uNatan wathi kuye: “Wena ngokwakho uyiloo ndoda!” UDavide waqonda ukuba umonile uYehova.—2 Samuweli 12:1-7, 13.

14. Unokunyaniseka njani kuYehova nakumhlobo okanye isalamane sakho?

14 Nawe unako ukunyaniseka kuYehova kuqala, uze unyaniseke nakwabanye ngokuthi ube nobubele. Ngokomzekelo, usenokuba nobungqina bokuba umzalwana othile wenze isono esinzulu. Usenokufuna ukuhlala unyanisekile kuye, ingakumbi ukuba ungumhlobo osenyongweni okanye ilungu lentsapho. Kodwa uyazi nokuba okona kubalulekileyo kukunyaniseka kuYehova. Ngoko njengoNatan, thobela uYehova kodwa ube nobubele kumzalwana wakho. Mxelele ukuba acele uncedo lwabadala ngokukhawuleza. Ukuba akafuni, umele ubaxelele ngokwakho abadala. Ngokwenjenjalo, uhlala unyanisekile kuYehova. Ibe kwangaxeshanye, ubonisa ububele kuye kuba abadala baza kumnceda abe nobuhlobo obuhle noYehova kwakhona. Baza kumluleka ngobubele.—Funda iLevitikus 5:1; Galati 6:1.

SIMELE SIBE NENKALIPHO UKUZE SINYANISEKE KUTHIXO

15, 16. UHushayi wayibonisa njani inkalipho ukuze anyaniseke kuThixo?

15 UHushayi wayengomnye wabahlobo abanyanisekileyo bakaKumkani uDavide. Xa abantu babefuna ukwenza uAbhisalom ukumkani, kwafuneka uHushayi abe nenkalipho ukuze ahlale enyanisekile kuDavide nakuThixo. Wayesazi ukuba uAbhisalom wayeze eYerusalem namajoni akhe, waza uDavide wabaleka. (2 Samuweli 15:13; 16:15) Kodwa wenza ntoni uHushayi? Ngaba wamshiya uDavide waza waxhasa uAbhisalom? Hayi. Nangona uDavide wayaluphele ibe abantu abaninzi befuna ukumbulala, uHushayi wahlala enyanisekile kuye ngenxa yokuba wayemiselwe nguYehova njengokumkani. Ngoko uHushayi waya kwiNtaba yemiNquma ukuze adibane noDavide.—2 Samuweli 15:30, 32.

16 UDavide wamcela uHushayi ukuba abuyele eYerusalem aze azenze ngathi ungumhlobo ka-Abhisalom, ukuze ameyisele ekubeni aphulaphule icebiso lakhe kunelika-Ahitofele. UHushayi waba nenkalipho, waza wabeka ubomi bakhe esichengeni, ukuze athobele uDavide aze ahlale enyanisekile kuYehova. UDavide wathandazela ukuba uYehova amncede uHushayi, ibe wenjenjalo. UAbhisalom waphulaphula uHushayi endaweni ka-Ahitofele.—2 Samuweli 15:31; 17:14.

17. Kutheni kufuneka sibe nenkalipho ukuze sinyaniseke?

17 Simele sibe nenkalipho ukuze sinyaniseke kuYehova size simthobele, endaweni yokwenza oko kufunwa ngamalungu entsapho, abantu esisebenza nabo, okanye amagosa aseburhulumenteni. Ngokomzekelo, uTaro waseJapan ukhule esenza konke okusemandleni ukuze avuyise abazali bakhe. Wayebathobela yaye enyanisekile kubo, hayi nje kuba enyanzelekile, kodwa kuba ebathanda. Kodwa xa waqhutyelwa isifundo ngamaNgqina kaYehova, abazali bakhe babefuna siphele. Wayebuhlungu, yaye ekufumanisa kunzima kakhulu ukubaxelela ukuba wayegqibe ekubeni aye ezintlanganisweni. UTaro uthi: “Bandiqumbela, yaye kwaphela iminyaka bengafuni ndigoduke. Ndathandazela inkalipho yokunamathela kwisigqibo sam. Ngoku isimo sabo sengqondo sitshintshile, yaye ndibatyelela rhoqo.”—Funda iMizekeliso 29:25.

18. Ungenelwe njani kwesi sifundo?

18 NjengoDavide, uYonatan, uNatan noHushayi, ngamana nathi singafumana ulwaneliseko olubangelwa kukuhlala sinyanisekile kuYehova. Asifuni kufana noAbhinere noAbhisalom ababenganyanisekanga. Iyinyaniso into yokuba asifezekanga, ibe siyazenza iimpazamo. Kodwa masimbonise uYehova ukuba ukunyaniseka kuye yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.

^ [1] (isiqendu 7) Amanye amagama atshintshiwe.