Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Qhubeka Ukhonza UYehova Ngovuyo

Qhubeka Ukhonza UYehova Ngovuyo

KHAWUCINGE ngeyona mini ikuvuyisayo ebomini bakho. Ngaba yileyo wawutshata ngayo okanye yileyo wafumana ngayo umntwana wakho wokuqala? Okanye ngaba yileyo wawubhaptizwa ngayo? Kumel’ ukuba leyo yeyona mini ibalulekileyo nevuyisayo ebomini bakho. Yaye ngaloo mini, hayi indlela ababevuya ngayo abazalwana noodadewenu xa bebona ukumthanda kwakho uYehova ngentliziyo, umphefumlo, ingqondo namandla akho onke!—Marko 12:30.

Umele ukuba ufumene uvuyo olukhulu ekukhonzeni uYehova oko wabhaptizwa. Kodwa ke, abavakalisi abaninzi baye baphulukana novuyo ababenalo. Kwenzeke njani oku? Ziziphi izizathu esinazo zokuqhubeka sikhonza uYehova ngovuyo?

ISIZATHU SOKUBA ABANYE BAPHULUKANE NOVUYO

Isithembiso soBukumkani sisizisela uvuyo olukhulu. Ngoba? Kuba uYehova uthembisa ukuba obu Bukumkani sele buza kuphelisa ubungendawo obusehlabathini buze buzise ihlabathi lakhe elitsha. UZefaniya 1:14 uthi: “Imini enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” Kodwa ukuba sivakalelwa kukuba simele silinde ixesha elide kakhulu, singaphulukana novuyo esinalo. Loo nto ingabangel’ ukuba siyekelele ekukhonzeni uThixo.—IMizekeliso 13:12.

Xa sichith’ ixesha nabazalwana noodade siyakhuthazeka ukuze siqhubeke sikhonza uYehova ngovuyo. Mhlawumbi siye satsaleleka enyanisweni ngenxa yehambo entle yabantu bakaYehova, saza saqalisa ukumkhonza ngovuyo. (1 Petros 2:12) Kodwa ke, yintoni enokwenzeka xa omnye umzalwana okanye udade ohlwayiwe kuba engakhange ayithobele imithetho kaThixo? Loo nto ingabatyhafisa abanye ebandleni, ize ibenze baphulukane novuyo.

Izinto eziphathekayo nazo zingasenza siphulukane novuyo. Njani? Ihlabathi likaSathana lisikhuthaza ukuba sithenge izinto esingazidingiyo. Ngoko simele sikhumbule amazwi kaYesu athi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye. Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.” (Mateyu 6:24) Asinakumkhonza ngovuyo uYehova size kwangaxeshanye sizame ukufumana konke esinokukufumana kweli hlabathi.

UKUKHONZA UYEHOVA NGOVUYO

Ukukhonza uYehova akungomthwalo kwabo bamthandayo. (1 Yohane 5:3) Khumbula ukuba uYesu wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mateyu 11:28-30) Ukuba ngumKristu wokwenene kuyahlaziya yaye kusizisela uvuyo. Ngokuqinisekileyo sinezizathu ezivakalayo zokukhonza uYehova ngovuyo. Ngoku makhe sithethe ngezithathu zazo.—Habhakuki 3:18.

Sikhonza uMniki-Bomi, uThixo onoyolo. (IZenzo 17:28; 1 Timoti 1:11) Siyaqonda ukuba nguThixo osidalileyo. Ngoko masiqhubeke simkhonza ngovuyo, kungakhathaliseki ukuba lide kangakanani ixesha sibhaptiziwe.

UHéctor uhlala evuya ngokukhumbula ithemba loBukumkani nangokuhlala eshumayela

Khawucinge nje ngoHéctor, oneminyaka eyi-40 ekhonza uYehova njengomveleli ohambahambayo. ‘Kwanasebudaleni bakhe’ usaqhubeka emkhonza ngovuyo. (INdumiso 92:12-14) Ukugula komfazi wakhe kuye kwamphazamisa kancinane ekukhonzeni kwakhe uThixo, kodwa akakhange aphulukane novuyo lwakhe. Uthi: “Nangona kubuhlungu ukubona impilo yomfazi wam isiba buthathaka yaye kunzima ukumnyamekela, andikhange ndiyivumele loo nto indenze ndiphulukane novuyo endinalo ekukhonzeni uThixo wenyaniso. Ukwazi ukuba ndiphilela uYehova, obadale ngenjongo abantu, sesona sizathu sindenza ndimthande kakhulu yaye ndimkhonze ngentliziyo yam yonke. Ndizama kangangoko ukuhlala ndixakekile emsebenzini wokushumayela, yaye ndihlala ndicinga ngethemba loBukumkani ukuze ndingaphulukani novuyo lwam.”

UYehova ulungiselele idini lentlawulelo, ukuze sikwazi ukuhlala sivuya. Ngokwenene, “uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) Ewe, izono zethu zinokuxolelwa, ibe sinokufumana ubomi obungunaphakade xa sibonisa ukholo kwisipho sothando sikaThixo sentlawulelo. Esi sesona sizathu sikhulu sokuba nombulelo! Yaye umbulelo esinawo uza kusenza simkhonze ngovuyo uYehova.

UJesús wabenza lula ubomi bakhe waza wakhonza uYehova ngovuyo kangangeminyaka

UJesús, umzalwana owayehlala eMexico, wathi: “Ndandilikhoboka lomsebenzi, maxa wambi ndisebenza ixesha elongezelelekileyo nangona ndinganyanzelekanga. Ndandisenzela nje ukufumana imali eninzi. Kodwa ndafunda ngoYehova nangendlela awancama ngayo uNyana wakhe ukuze afele abantu. Ndandifuna nyhani ukumkhonza. Ngoko ndazahlulela kuYehova, ndaza ndayeka emsebenzini emva kokusebenza iminyaka eyi-28, ndangenela inkonzo yexesha elizeleyo.” Leyo yindlela uJesús awaqalisa ngayo ukukhonza uYehova ngovuyo.

Siziphatha ngendlela ecocekileyo, nto leyo esenza sonwabe. Ngaba uyakhumbula ukuba babunjani ubomi bakho ngaphambi kokuba ukhonze uYehova? Umpostile uPawulos wakhumbuza amaKristu aseRoma ukuba ayekhe ‘angamakhoboka esono’ kodwa ngoku ‘ayengamakhoboka obulungisa.’ Ayenethemba lobomi obungunaphakade kuba eziphethe ngendlela ecocekileyo. (Roma 6:17-22) Nathi siphila ngendlela uYehova afuna ngayo, ngoko siyakhuseleka kwiinkathazo eziza nokuphila ubomi obungacocekanga nobunogonyamelo. Isivuyisa nyhani loo nto!

“Ubomi bam bube mnandi kakhulu ukususela oko ndaqalisa ukukhonza uYehova.”—UJaime

Cinga ngoJaime, owayeyimbethi-manqindi, nowayengakholelwa kuThixo kodwa ekholelwa ukuba izinto zazivelela. Waqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, ibe wachukunyiswa yindlela awamkelwa ngayo ngothando. Ukuze akwazi ukuyeka indlela awayephila ngayo, kwafuneka athandaze kuYehova amcele ukuba amncede akholelwe kuye. UJaime uthi: “Kancinci kancinci ndaye ndikholelwa ukuba uThixo ukho yaye unguBawo onothando nenceba. Ukuphila ngendlela afuna ngayo uYehova kuye kwandikhusela. Ukuba ndandingazange nditshintshe ngesendifile ngoku, njengabahlobo bam endandidlala nabo amanqindi. Ubomi bam bube mnandi kakhulu ukususela oko ndaqalisa ukukhonza uYehova.”

SUKUNCAMA!

Simele sivakalelwe njani njengoko silinde ukuba kupheliswe eli hlabathi lingendawo? Khumbula kaloku ukuba senza ukuthanda kukaThixo, ibe sikhangele phambili kubomi obungunaphakade. “Ngoko masingayeki ukwenza okuhle, kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.” (Galati 6:8, 9) Ngoncedo lukaYehova, masinyamezele, sisebenze nzima ukuhlakulela iimpawu ezifunekayo ukuze sisinde ‘kwimbandezelo enkulu’ size siqhubeke sikhonza uYehova ngovuyo.—ISityhilelo 7:9, 13, 14; Yakobi 1:2-4.

Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusivuza ngenxa yokunyamezela kwethu, kuba uyakwazi konke oko simenzele kona nothando esinalo ngaye negama lakhe. Ukuba siqhubeka simkhonza ngovuyo, siya kufana nomdumisi uDavide owathi: “UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo. Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa. Ngoko ke intliziyo yam inemihlali, nozuko lwam lutyekele ekuvuyeni. Nenyama yam iya kuhlala inqabisekile.”—INdumiso 16:8, 9.