Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Akumnandi Nje—⁠Ukusebenza NoThixo!

Akumnandi Nje—⁠Ukusebenza NoThixo!

“Sisebenza ndawonye naye, nathi siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo.”—2 KORINTE 6:1.

IINGOMA: 75, 74

1. Nangona uYehova engOyena uPhakamileyo, ubacele ukuba benze ntoni abantu?

UYEHOVA ungOyena uPhakamileyo. Wadala yonk’ into ibe ubulumko namandla akhe azinamda. Emva kokuba encede uYobhi wayiqonda le nto, uYobhi wathi: “Ndiyazi ukuba uyakwazi ukuzenza zonke izinto, yaye akukho ngcamango ingenakufikeleleka kuwe.” (Yobhi 42:2) UYehova angenza nantoni na afuna ukuyenza engakhange acele ncedo lwamntu. Kodwa ubonisa indlela abathanda ngayo abantu ngokubacela ukuba bamncedise kumsebenzi wakhe.

2. Nguwuphi umsebenzi obalulekileyo uYehova awacela uYesu ukuba awenze?

2 Ngaphambi kokuba adale naye nabani na okanye nantoni na, uThixo waqala wadala uNyana wakhe uYesu. Emva koko wamvumela uNyana wakhe ukuba amncedise adale zonke ezinye izinto. (Yohane 1:1-3, 18) Umpostile uPawulos wabhala ngoYesu esithi: “Zadalwa ngaye zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo, kungakhathaliseki enoba ziitrone okanye ubukhosi okanye oorhulumente okanye amagunya. Zonke ezinye izinto zidalwe ngaye yaye zidalelwe yena.” (Kolose 1:15-17) Kuyacaca ke ukuba uYehova akazange nje anike uNyana wakhe umsebenzi obalulekileyo, kodwa waxelela nabanye ngaloo nto. Wonga lakwabani!

3. Yintoni uYehova awacela uAdam ayenze, ibe kwakutheni?

3 UYehova wacela nabantu ukuba basebenze naye. Ngokomzekelo, wavumela uAdam ukuba athiye izilwanyana. (Genesis 2:19, 20) Inoba kwakumnandi nyhani kuAdam ukwenza lo msebenzi! Wayeqwalasela isilwanyana ngasinye, ajonge izimbo zaso, aze asikhethele igama elisifaneleyo. NguYehova owadala izilwanyana, ngoko ngewayekhethe ukuzithiya ngokwakhe. Kodwa wabonisa uAdam indlela awayemthanda ngayo ngokumyeka azithiye. Kwakhona uThixo wanika uAdam umsebenzi wokwenza umhlaba wonke ube yiparadesi. (Genesis 1:27, 28) Kodwa ke uAdam wayeka ukusebenza noThixo, yaza loo nto yaba nemiphumo ebuhlungu kuye nakuyo yonke inzala yakhe.—Genesis 3:17-19, 23.

4. Abanye basebenza njani noThixo ekwenzeni umsebenzi wakhe?

4 Kamva uThixo wacela nabanye abantu ukuba basebenze naye. UNowa wakha umkhombe owasindisa yena nentsapho yakhe kuMkhukula. UMoses wakhulula amaSirayeli eYiputa. UYoshuwa wakhokela amaSirayeli ukuya kwiLizwe Lesithembiso. USolomon wakha itempile yaseYerusalem. UMariya waba ngumama kaYesu. Bonke aba nabanye abaninzi bancedisa uYehova enze umsebenzi wakhe.

5. Nguwuphi umsebenzi esinokuncedisa kuwo, yaye ngaba uYehova ebenyanzelekile ukuba asinike loo msebenzi? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

5 Namhlanje, uYehova uyasimema ukuba senze konke okusemandleni ethu ukuxhasa uBukumkani bakhe. Zininzi iindlela esinokumkhonza ngazo uThixo. Kodwa nakubeni singenakukwazi ukumkhonza ngendlela efanayo uYehova, sonke sinako ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani. UYehova ebenokuwenza ngokwakhe wonke lo msebenzi. Ebenokuthetha ngokwakhe nabantu abasemhlabeni. UYesu wathi uYehova unokwenza namatye la embala athethe ngoKumkani woBukumkani Bakhe. (Luka 19:37-40) Kodwa uYehova uyasivumela ukuba sibe ‘ngabasebenzi abangamadlelane akhe.’ (1 Korinte 3:9) Umpostile uPawulos wathi: “Sisebenza ndawonye naye, nathi siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo.” (2 Korinte 6:1) Liwonga elikhulu ukucelwa nguThixo ukuba usebenze naye. Makhe sibone ezinye izizathu ezenza kube mnandi ukusebenza naye.

KUYASIVUYISA UKUSEBENZA NOTHIXO

6. Izibulo likaThixo lithi lalivakalelwa njani xa lalisebenza naye?

6 Bekusoloko kubavuyisa abakhonzi bakaYehova ukusebenza kunye naye. Ngaphambi kokuba lize emhlabeni, izibulo likaThixo lathi: “UYehova wandivelisa njengentlahlela yendlela yakhe . . . ndandisecaleni kwakhe njengomsebénzi onobuchule, yaye wayendithanda ngokukhethekileyo imihla ngemihla, ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke.” (IMizekeliso 8:22, 30) Xa uYesu wayesebenza noYise, wayevuya kuba wenza izinto ezininzi yaye wayesazi ukuba uyathandwa nguYehova. Kodwa kuthekani ngathi?

Awukho omnye umsebenzi owanelisayo ebesinokuwenza ukodlula ukufundisa abanye inyaniso (Jonga isiqendu 7)

7. Kutheni ukushumayela kusivuyisa?

7 UYesu wathi siyavuya xa sisipha naxa siphiwa. (IZenzo 20:35) Savuya xa sasifumana inyaniso, kodwa kutheni sivuya naxa sishumayela? Sivuyiswa kukubona abantu beziqonda iimfundiso zeBhayibhile baze babe nolwalamano noThixo. Sivuya nyhani xa sibabona betshintsha ubomi babo nendlela abacinga ngayo. Ukushumayela ngowona msebenzi ubalulekileyo nowanelisayo esinokuwenza. Wenza abantu esishumayela kubo babe ngabahlobo bakaThixo, baze babe nethemba lokufumana ubomi obungunaphakade.—2 Korinte 5:20.

8. Baluchaza njani abanye uvuyo abanalo lokusebenza noYehova?

8 Xa sinceda abanye bafunde ngoYehova, siyazi ukuba uyakuthanda oko, ibe uyayixabisa imizamo yethu yokumkhonza. Nathi kuyasivuyisa oku. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:58.) UMarco ohlala eItali, uthi: “Kundivuyisa nyhani ukusebenzela uYehova ngamandla am onke, kungekhona umntu oza kukhawuleza awulibale umsebenzi wam.” Kanti noFranco okwakhonza eItali, uthi: “NgeLizwi lakhe nangeemfundiso esizifumana kwintlangano yakhe, uYehova usikhumbuza mihla le ukuba uyasithanda nokuba izinto esimenzela zona zibalulekile, enoba thina siyazeya. Yiloo nto ndikuvuyela ukusebenza noThixo, ibe nobomi bam bunenjongo.”

UKUSEBENZA NOTHIXO KUSISONDEZA KUYE NAKWABANYE

9. Babunjani ubuhlobo bukaYehova noYesu, yaye ngoba?

9 Xa sisebenza nabantu esibathandayo, siyasondelelana nabo. Siye sibuqonde ngakumbi ubuntu babo neempawu zabo. Siye sibone izinto abazimisele ukuzenza nendlela abazama ngayo ukuziphumeza. Mhlawumbi uYesu wasebenza noYehova kangangeebhiliyoni zeminyaka. Bathandana kakhulu kangangokuba kwakungekho nto yayinokubaxabanisa. UYesu wachaza indlela abangabahlobo ngayo noYise xa wathi: “Mna noBawo sibanye.” (Yohane 10:30) Babemanyene nyhani kwaye besebenzisana kakuhle.

Ukushumayela kwenza ukholo lwethu lomelele ngoba kusikhumbuza ngezithembiso zikaThixo nangemilinganiselo yakhe yothando

10. Kutheni ukushumayela kusisondeza kuThixo nakwabanye?

10 UYesu wacela uYehova ukuba akhusele abafundi bakhe. Kwakutheni? Wathandaza wathi: “Ukuze babe banye kanye njengoko sinjalo thina.” (Yohane 17:11) Xa siphila ngendlela uThixo ayithandayo size sishumayele, sitsho siziqonde kakuhle iimpawu zakhe ezimangalisayo. Sifunda nokuba kutheni kububulumko ukuthembela ngaye nokulandela ulwalathiso lwakhe. Yaye xa sisondela kuThixo naye uyasondela kuthi. (Funda uYakobi 4:8.) Siyasondela nakubazalwana noodadewethu kuba sineengxaki ezifanayo, sivuyiswa zizinto ezifanayo ibe sinenjongo efanayo ngobomi. Sisebenza, sivuye size sinyamezele kunye. UOctavia ohlala eBritani uthi: “Ukusebenza noYehova kundisondeza kwabanye.” Uthi oko kubangelwa kukuba ubuhlobo bakhe kunye nabo busekelwe “kwinjongo efanayo.” Ngokuqinisekileyo, nathi sivakalelwa ngokufanayo. Xa sibona imizamo yabazalwana bethu yokukhonza uYehova, sisondela nangakumbi kubo.

11. Kutheni siya kusondela ngakumbi kuYehova nakubazalwana bethu kwihlabathi elitsha?

11 Siyamthanda uThixo nabazalwana bethu, kodwa siya kubathanda nangakumbi kwihlabathi elitsha. Khawucinge nje ngoko siza kukwenza kwihlabathi elitsha! Siza kwamkela abo bavusiweyo size sibafundise ngoYehova. Siza kwenza nomhlaba ube yiparadesi. Kuya kuba mnandi kakhulu ukusebenza ndawonye, size siye sifezeka njengoko silawulwa nguKristu. Abantu baya kusondelelana ngakumbi, basondele nakuYehova, oya kuthi ngokuqinisekileyo ‘anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.’—INdumiso 145:16.

UKUSEBENZA NOTHIXO KUYAKHUSELA

12. Kusikhusela njani ukushumayela?

12 Simele sikhusele ubuhlobo bethu noYehova. Siphila kwihlabathi likaSathana ibe asifezekanga, ngoko ke kulula ngathi ukucinga size senze njengehlabathi. Kufana nokuqubha emlanjeni onomsinga okutsalela kwicala ongalifuniyo. Ngoko sifanele sizame ngamandla ethu onke ukuqubhela kweli cala silifunayo. Ngokufanayo, simele silwe nzima nempembelelo yehlabathi likaSathana. Kusikhusela njani ke ukushumayela? Xa sithetha ngoYehova nangeBhayibhile, sihlala sicinga ngezinto ezibalulekileyo kungekhona ezinokulwenza buthathaka ukholo lwethu. (Filipi 4:8) Ukushumayela kwenza ukholo lwethu lomelele ngoba kusikhumbuza ngezithembiso zikaThixo nangemilinganiselo yakhe yothando. Kusinceda nokuba sihlale sineempawu ezifunekayo ukuze sizikhusele kuSathana nakwihlabathi lakhe.—Funda amaEfese 6:14-17.

Xa sixakekile kukushumayela asibi nalo ixesha lokuziqhekez’ intloko ngeengxaki zethu

13. Livakalelwa njani elinye iNgqina laseOstreliya ngokushumayela?

13 Xa sixakeke kukushumayela, ukufundisisa nokunceda abanye ebandleni siyakhuseleka, ngoba asibi nalo ixesha lokuziqhekez’ intloko ngeengxaki zethu. UJoel, ohlala eOstreliya uthi: “Ukushumayela kundinceda ndingabikho semaphupheni, kunoko kundikhumbuza ngeengxaki abanye abanazo nangendlela endincedakele ngayo ngokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bam. Ukushumayela kundinceda ndizame ukuhlala ndithobekile; kundinika ithuba lokuthembela kuYehova nakubazalwana noodadewethu.”

14. Kutheni ukukhuthalela kwethu ukushumayela kubonisa ukuba sincedwa ngumoya kaThixo?

14 Ukushumayela kusiqinisekisa ngakumbi ukuba umoya kaThixo unathi. Ngokomzekelo: Masithi uqeshelwe ukunika abantu basekuhlaleni isonka. Awubhatalwa futhi neendleko zakho uzibhatala ngokwakho. Ibe abantu abaninzi abasifuni esi sonka, abanye bade bakucaphukele ngenxa yaso. Ungahlala ixesha elide kangakanani kuloo msebenzi? Ungakhawulez’ utyhafe mhlawumbi ungade uwuyeke. Kodwa uninzi lwethu lusaqhubeka lushumayela unyaka nonyaka, nangona sisebenzisa ixesha nemali yethu, yaye abantu behlekisa ngathi okanye babe nomsindo. Oku kubonisa ukuba sincedwa ngumoya kaThixo.

UKUSEBENZA NOTHIXO KUBONISA UKUBA SIYAMTHANDA YENA NABANYE

15. Ukushumayela kwethu iindaba ezilungileyo kunxibelelene njani nenjongo kaThixo ngoluntu?

15 Ukushumayela kunxibelelene njani nenjongo kaYehova ngoluntu? Injongo kaThixo yayikukuba abantu baphile ngonaphakade, ibe ayizange itshintshe xa uAdam wonayo. (Isaya 55:11) UThixo wenza ilungiselelo lokuba sikhululeke esonweni nasekufeni. Njani? UYesu weza emhlabeni waza wanikela ngobomi bakhe. Kodwa ukuze abantu bakwazi ukuxhamla kweli lungiselelo, kwakuza kufuneka bathobele uThixo. Ngoko uYesu wafundisa abantu oko kufunwa nguThixo kubo, ibe wayalela abafundi bakhe ukuba benze okufanayo. Xa sishumayela size sincede abanye babe ngabahlobo bakaThixo, sisebenzisana ngokuthe ngqo noThixo kwilungiselelo lakhe lothando lokuhlangula abantu esonweni nasekufeni.

16. Ukushumayela kwethu kunxibelelene njani neyona miyalelo kaThixo mikhulu?

16 Xa sinceda abanye bafumane indlela esa kubomi obungunaphakade, sibonisa ukuba siyabathanda bona noYehova. UThixo ‘uthanda ukuba zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Timoti 2:4) Xa umFarisi wabuza uYesu ukuba nguwuphi owona myalelo mkhulu kaThixo, uYesu wathi: “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala. Owesibini, njengawo, ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’” (Mateyu 22:37-39) Ngoko xa sishumayela iindaba ezilungileyo, sithobela le miyalelo.—Funda iZenzo 10:42.

17. Uvakalelwa njani ngelungelo onalo lokushumayela iindaba ezilungileyo?

17 Sisikeleleke ngeyona ndlela! UYehova usinike umsebenzi osivuyisayo, osisondeza kuye nakubazalwana bethu, nokhusela ubuhlobo bethu naye. Lo msebenzi ukwasinika nethuba lokubonisa ukuba siyamthanda uThixo nabanye. UYehova unezigidi zabakhonzi ehlabathini lonke ibe bonke baneemeko ezingafaniyo. Kodwa enoba sibancinane okanye sibadala, sizizityebi okanye singamahlwempu, somelele okanye sibuthathaka, senza konke okusemandleni ethu ukuze sishumayele kwabanye. Nathi sivakalelwa njengoChantel waseFransi, othi: “Oyena Mntu unamandla kwindalo, uMdali wezinto zonke, uThixo onoyolo, uthi kum: ‘Hamba! Thetha! Ndithethele, thetha ngokusuka entliziyweni. Ndikunika amandla am, iLizwi lam iBhayibhile, inkxaso yasezulwini, abazalwana bakho abasemhlabeni, uqeqesho oluqhubekayo nemiyalelo ecacileyo ngexesha elililo.’ Kulilungelo nyhani ukusebenza noYehova nokwenza oko akufunayo!”