Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zimisele Ukubonisa “Uthando Lobuzalwana”!

Zimisele Ukubonisa “Uthando Lobuzalwana”!

“Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke.”—HEBHERE 13:1.

IINGOMA: 72, 119

1, 2. Kwakutheni ukuze uPawulos abhale incwadi yamaHebhere?

NGONYAKA ka-61, onke amabandla kwaSirayeli ayeseluxolweni. Nangona umpostile uPawulos wayesentolongweni eRoma, wayenethemba lokuba uza kukhululwa kungekudala. UTimoti owayehamba naye wayesanda kukhululwa entolongweni, ibe bobabini babenqwenela ukutyelela abazalwana kwaYuda. (Hebhere 13:23) Kodwa kwiminyaka emihlanu eyayiza kulandela, amaKristu akwaYuda, ingakumbi lawo ahlala eYerusalem, kwakuza kufuneka asabe ngokukhawuleza. Ngoba? Kaloku uYesu wayexelele abalandeli bakhe ukuba xa bebona iYerusalem ingqingwe ngamajoni, bafanele basabe.—Luka 21:20-24.

2 Kwakusele kudlule iminyaka eyi-28 uYesu enike abalandeli bakhe eso silumkiso. Ngalo lonke elo xesha, amaKristu kwaSirayeli ahlala ethembekile nangona ayetshutshiswa. (Hebhere 10:32-34) Kodwa uPawulos wayefuna ukuwaxhobisela oko kwakuza kwenzeka. Ukholo lwawo lwaluza kuvavanywa ngeyona ndlela. (Mateyu 24:20, 21; Hebhere 12:4) Kwakuza kufuneka anyamezele yaye abe nokholo olomeleleyo ukuze akwazi ukuthobela umyalelo kaYesu wokuba asabe, njengokuba ubomi bawo babuxhomekeke koko. (Funda amaHebhere 10:36-39.) Ngoko uYehova waphefumlela uPawulos ukuba awabhalele incwadi yamaHebhere loo maKristu, ngenjongo yokuwomeleza.

3. Kutheni sifanele sibe nomdla kwincwadi yamaHebhere?

3 Nathi namhlanje, sifanele sibe nomdla kwincwadi yamaHebhere. Ngoba? Kuba nathi sikwimeko efanayo naleyo yamaKristu akwaYuda. Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ yaye abaninzi kuthi baye batshutshiswa kabuhlungu. (2 Timoti 3:1, 12) Kodwa inkoliso yethu iseseluxolweni yaye ayikatshutshiswa ngokungqalileyo. Ngoko, njengaloo maKristu, sifanele siphaphe. Ngoba? Ngenxa yokuba kungekudala ukholo lwethu luza kuvavanywa ngeyona ndlela!—Funda uLuka 21:34-36.

4. Uthini umxholo wonyaka ka-2016, ibe kutheni ufaneleka?

4 Yintoni eya kusinceda sixhobele elo xesha? Kwincwadi yamaHebhere, uPawulos uthetha ngezinto ezininzi ezinokusinceda someleze ukholo lwethu. Eyona ibalulekileyo siyifumana kumaHebhere 13:1, athi: “Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke.” Le vesi ingumxholo wonyaka ka-2016.

Umxholo wonyaka ka-2016 uthi: “Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke.”—Hebhere 13:1

LUYINTONI UTHANDO LOBUZALWANA?

5. Luyintoni uthando lobuzalwana?

5 Luyintoni uthando lobuzalwana? Igama lesiGrike elisetyenziswe nguPawulos apha lithetha “ukuthanda umntakwenu.” Uthando lobuzalwana, luthando olunzulu ngamalungu entsapho okanye abahlobo abasenyongweni. (Yohane 11:36) Asenzi ngathi singabazalwana noodade. Singabo! (Mateyu 23:8) UPawulos uthi: “Ngokuphathelele uthando lobuzalwana yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Loo mazwi abonisa indlela esibathanda kakhulu ngayo abazalwana bethu. Ukuthanda kwethu abazalwana nabanye abantu, kusinceda sisondelelane size simanyane.

6. AmaKristu okwenyaniso alubonisa kobani uthando lobuzalwana?

6 Ibinzana elithi “uthando lobuzalwana” lifumaneka kakhulu kwiincwadi zamaKristu. AmaYuda ayesithi “mzalwana” kwisalamane, ibe ngamanye amaxesha nakumntu ongesiso. Kodwa ayengasoze atsho kumntu ongengomYuda. Noko ke, kuthi maKristu okwenyaniso, “umzalwana” nguye nawuphi na umKristu wokwenyaniso, enokuba ngowaliphi na ilizwe. (Roma 10:12) UYehova usifundise ukuba sithandane njengabazalwana. (1 Tesalonika 4:9) Kodwa kutheni kubalulekile nje oko?

KUTHENI KUBALULEKILE UKUQHUBEKA SIBONISA UTHANDO LOBUZALWANA?

7. (a) Sisiphi esona sizathu sibalulekileyo sokubonisa uthando lobuzalwana? (b) Chaza esinye isizathu sokubaluleka kokuba sithi chatha ekuthandaneni.

7 Esona sizathu sibalulekileyo sokubonisa uthando lobuzalwana, kungenxa yokuba kutsho uYehova. Asinako ukumthanda uYehova ukuba asibathandi abazalwana bethu. (1 Yohane 4:7, 20, 21) Esinye isizathu kukuba siyalufuna uncedo lwabanye, ingakumbi kumaxesha anzima. Xa uPawulos wayebhalela amaKristu angamaHebhere, wayesazi ukuba kungekudala amanye awo kwakuza kufuneka eshiye amakhaya nezinto zawo. UYesu wayeyichazile indlela ekwakuza kuba nzima ngayo ngelo xesha. (Marko 13:14-18; Luka 21:21-23) Ngoko ngaphambi kokuba elo xesha lifike, loo maKristu kwakuza kufuneka abe ngathi ayaqinisa ekuthandaneni.—Roma 12:9.

Simele sithandane ngokwenene kwangoku kuba oko kuza kusinceda sinyamezele naziphi na iimvavanyo ezizayo

8. Yintoni esimele siyenze ngoku ngaphambi kokufika kwembandezelo enkulu?

8 Eyona mbandezelo yakha yankulu kwimbali yoluntu isemnyango. (Marko 13:19; ISityhilelo 7:1-3) Kuza kufuneka sithobele umyalelo othi: “Hambani, bantu bam, ningene emagumbini enu angaphakathi, nize nivale iingcango zenu emva kwenu. Zifihleni umzuzwana kude kudlule isiqalekiso.” (Isaya 26:20) Loo ‘magumbi angaphakathi’ asenokuba ngamabandla esihlanganisana kuwo nabazalwana noodadewethu ukuze sikhonze uYehova. Kodwa asimele siphelele nje ekuhlanganisaneni rhoqo. Kaloku uPawulos wakhumbuza amaKristu angamaHebhere ukuba athandane yaye enzelane izinto ezintle. (Hebhere 10:24, 25) Simele sithandane ngokwenene kwangoku, kuba oko kuza kusinceda sinyamezele naziphi na iimvavanyo ezizayo.

9. (a) Ngawaphi amathuba esinawo okubonisa uthando lobuzalwana? (b) Chaza imizekelo yendlela abantu bakaYehova abaye babonisa ngayo uthando lobuzalwana.

9 Sinamathuba amaninzi okubonisa uthando lobuzalwana, khona ngoku ngaphambi kokufika kwembandezelo enkulu. Abazalwana bethu abaninzi bathwaxwa ziinyikima, izikhukula, izitshingitshane, iitsunami, nezinye iintlekele zemvelo. Abanye bayatshutshiswa. (Mateyu 24:6-9) Kanti abanye bathwaxwa ziingxaki zoqoqosho ezikhoyo kweli hlabathi lonakeleyo. (ISityhilelo 6:5, 6) Kodwa okukhona abazalwana bethu besiba neengxaki, kokukhona sifumana amathuba okubonisa indlela esibathanda ngayo. Nangona lungekho uthando kweli hlabathi, simele siqhubeke sibathanda abazalwana bethu. (Mateyu 24:12) [1]—Jonga umbhalo osekugqibeleni.

SINGENZA NJANI UKUZE SIQHUBEKE SIBONISA UTHANDO LOBUZALWANA?

10. Siza kuthetha ngantoni ngoku?

10 Nangona sineengxaki, sinokuqinisekisa njani ukuba siyaqhubeka sibonisa uthando lobuzalwana? Singalubonisa njani olu thando? Emva kokuba umpostile uPawulos ethe “uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke,” wakhankanya iindlela eziliqela amaKristu anokukwenza ngazo oku. Makhe sithethe ngezintandathu zazo.

11, 12. Sinokuzibuka njani iindwendwe? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

11 “Musani ukulibala ukubuk’ iindwendwe.” (Funda amaHebhere 13:2.) Litheth’ ukuthini igama elithi “ukubuk’ iindwendwe”? Igama uPawulos awalisebenzisayo lithetha “ukuba nobubele kubantu ongabaziyo.” Mhlawumbi eli gama likukhumbuza uAbraham noLote, ababonisa ububele kwiindwendwe ababengazazi. Kamva, bafumanisa ukuba ezo ndwendwe ziingelosi. (Genesis 18:2-5; 19:1-3) Umzekelo wabo wawakhuthaza amaKristu angamaHebhere ukuba abonise uthando lobuzalwana ngokubuk’ iindwendwe.

12 Sinokuzibuka njani iindwendwe? Sinokumema abazalwana noodadewethu emakhayeni ethu ukuze sinandiphe isidlo kunye nabo okanye sibakhuthaze. Nokuba asimqhelanga kangako umveleli wesiphaluka nomfazi wakhe, sinako ukubamema xa betyelele ibandla lethu. (3 Yohane 5-8) Akuyomfuneko ukwenza isibhadlalala sesidlo okanye sikhuphe iimali ezinkulu. Injongo yethu kukubakhuthaza abazalwana bethu, kungekhona ukuqhayisa ngezinto esinazo.Yaye asimele simeme kuphela abo banokusibuyekeza ngandlel’ ithile. (Luka 10:42; 14:12-14) Okona kubalulekileyo kukuba singazixakekisi kakhulu de silibale ukubuk’ iindwendwe!

13, 14. Sinokubakhumbula njani ‘abo basentolongweni’?

13 “Bakhumbuleni abo bakwimixokelelwane yentolongo.” (Funda amaHebhere 13:3.) Apha uPawulos wayebhekisela kubazalwana ababevalelwe entolongweni ngenxa yokholo lwabo. Walincoma ibandla ngokubonisa kwalo “uvelwano ngabo basentolongweni.” (Hebhere 10:34) Abanye abazalwana bamnceda uPawulos xa wayevalelwe iminyaka emine, kodwa ke abanye babehlala kude. Babenokumnceda njani uPawulos? Babenokuqhubeka bemthandazela ngokuzingisileyo.—Filipi 1:12-14; Hebhere 13:18, 19.

Sinokuthandazela abazalwana, oodadewethu, kwanabantwana abavalelwe entolongweni e-Eritrea

14 Namhlanje amaNgqina amaninzi avalelwe entolongweni ngenxa yokholo lwawo. Abazalwana noodade abahlala kufutshane nawo banokuwanceda ngezinto azidingayo. Kodwa abaninzi bethu bahlala kude. Ngoko ke, sinokuwanceda njani? Uthando lobuzalwana lunokusenza siwathandazele ngokuzingisileyo. Ngokomzekelo, sinokuthandazela abazalwana, oodadewethu, kwanabantwana abavalelwe entolongweni e-Eritrea, kuquka abazalwana bethu uPaulos Eyassu, uIsaac Mogos noNegede Teklemariam, esekuphele iminyaka eyi-20 bevalelwe.

15. Sinokuwuhlonela njani umtshato wethu?

15 “Umtshato mawubekeke phakathi kwenu nonke.” (Funda amaHebhere 13:4.) Enye indlela esinokubonisa ngayo uthando lobuzalwana kukuhlala sicocekile ngokuziphatha. (1 Timoti 5:1, 2) Ngokomzekelo, xa siziphatha kakubi kunye nomzalwana okanye udade, simzisela intlungu yena nentsapho yakhe. Oko kunokuphelisa ukuthembana phakathi kwabazalwana bethu. (1 Tesalonika 4:3-8) Kwakhona, cinga ngendlela anokuvakalelwa ngayo umfazi xa efumanisa ukuba umyeni wakhe ubukela iphonografi. Ngaba uya kuvakalelwa kukuba umyeni wakhe uyamthanda yaye uyawuhlonela umtshato?—Mateyu 5:28.

16. Ukwanela kusinceda njani sibonise uthando lobuzalwana?

16 “Yanelani zizinto ezikhoyo.” (Funda amaHebhere 13:5.) Ukuthembela ngoYehova kuya kusinceda sanele, oko kukuthi, saneliseke zizinto esinazo. Ukwanela kusinceda njani sibonise uthando lobuzalwana? Kusinceda sikhumbule ukuba abazalwana noodadewethu abangamaKristu babaluleke ngakumbi kunemali okanye izinto eziphathekayo. (1 Timoti 6:6-8) Asisayi kubakhalazela abazalwana bethu okanye sikhalaze ngemeko esikuyo. Ibe asisayi kubamonela abanye okanye sinyoluke. Kunoko, ukwanela kuya kusenza sibe nesandla esivulekileyo.—1 Timoti 6:17-19.

17. ‘Ukomelela’ kusinceda njani sibonise uthando lobuzalwana?

17 “Masomelele kakhulu.” (Funda amaHebhere 13:6.) Ukuthembela ngoYehova kusenza somelele size sikwazi ukumelana nezilingo ezinzima. Oku komelela kusenza sihlale sinethemba. Ibe xa sinethemba, sinokubonisa uthando lobuzalwana ngokukhuthaza nokuthuthuzela abazalwana noodadewethu. (1 Tesalonika 5:14, 15) Kwanasebudeni bembandezelo enkulu sinokomelela sisazi ukuba isondele intlangulo yethu.—Luka 21:25-28.

Sinako ukomelela, sisazi ukuba isondele intlangulo yethu

18. Sinokuluqinisa njani uthando lwethu lobuzalwana ngabadala?

18 “Bakhumbuleni abo bakhokelayo.” (Funda amaHebhere 13:7, 17.) Abadala abasebandleni lethu basebenzisa ixesha labo lobuqu ukuze basebenze nzima ngenxa yethu. Xa sicinga ngako konke abakwenzayo, siziva sibathanda yaye sibaxabisa ngakumbi. Asifuni bangonwabi okanye bakhathazeke ngenxa yento esiyenzayo. Kunoko, sifuna ukubathobela ngokuvumayo. Ngaloo ndlela ‘sinikela ingqalelo engakumbi ngokugqithiseleyo kubo ngothando ngenxa yomsebenzi wabo.’—1 Tesalonika 5:13.

Ngaba uyawuxabisa umsebenzi abadala abasenzela wona? (Jonga isiqendu 18)

QHUBEKANI NISENJENJALO NGOKUPHELELE NGAKUMBI

19, 20. Sinokuqhubeka njani sibonisa uthando lobuzalwana nangakumbi?

19 Abantu bakaYehova baziwa ngokubonisa uthando lobuzalwana. Kwakunjalo nangexesha likaPawulos. Kodwa uPawulos wakhuthaza abazalwana ukuba babonise uthando nangakumbi. Wathi: ‘Qhubekani nisenjenjalo ngokuphelele ngakumbi.’ (1 Tesalonika 4:9, 10) Kucacile ukuba simele sihlale siphucula!

20 Ngoko xa sijonga umxholo walo nyaka kwiHolo yethu yoBukumkani, masicingisise ngale mibuzo: Ngaba ndingawubonisa ngakumbi umoya wokubuk’ iindwendwe? Ndingabanceda njani abazalwana bam abasentolongweni? Ngaba ndiyalihlonela ilungiselelo likaThixo lomtshato? Yintoni enokundinceda ndanele ngokwenene? Ndinokuthembela njani ngakumbi ngoYehova? Ndinokubathobela njani ngakumbi abo bakhokelayo? Ukuba sizimisela ukuphucula kwezi nkalo zintandathu, umxholo wonyaka awuyi kuba ngumbhalo nje oseludongeni; uya kusikhumbuza ukuba sithobele amazwi kaPawulos athi: “Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke.”—Hebhere 13:1.

^ [1] (isiqendu 9) Ukuze ufumane imizekelo yendlela amaNgqina kaYehova aye abonisa ngayo uthando lobuzalwana xa kusihla iintlekele, jonga iMboniselo kaJulayi 15, 2002, iphepha 8-9, nencwadi ethi AmaNgqina KaYehovaAbavakalisi BoBukumkani BukaThixo, isahluko 19.