Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha—⁠Ningakulungiselela Njani Ukubhaptizwa?

Lutsha—⁠Ningakulungiselela Njani Ukubhaptizwa?

“Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile.”—INDUMISO 40:8.

IINGOMA: 51, 58

1, 2. (a) Chaza ukuba kutheni ukubhaptizwa kulinyathelo elinzulu. (b) Umntu umele aqiniseke ngantoni ngaphambi kokuba abhaptizwe, yaye ngoba?

NGABA uselula yaye unqwenela ukubhaptizwa? Ukuba kunjalo, eli lelona lungelo likhulu onokuba nalo. Njengokuba sivile kwinqaku elidlulileyo, ukubhaptizwa sisigqibo esinzulu. Kubonisa abanye ukuba uzahlulele kuYehova, oko kukuthi, umthembise ukuba uza kumkhonza ngonaphakade, yaye ukwenza ukuthanda kwakhe yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Ekubeni esi sithembiso sinzulu kangaka, umele ubhaptizwe kuphela xa uqole ngokwaneleyo, ukufuna ngokwakho ukubhaptizwa, yaye ukuqonda oko kuthethwa kukuzahlulela kuThixo.

2 Sekunjalo, mhlawumbi uvakalelwa kukuba awukakulungeli ukubhaptizwa. Okanye mhlawumbi uziva ukulungele kodwa abazali bakho bathi umele ulinde de ukhule uze ube namava. Umele wenze ntoni? Musa ukutyhafa. Kunoko, sebenzisa eli xesha wenze inkqubela ukuze ukufanelekele ukubhaptizwa. Ucinga ngoko, ungazibekela usukelo kwezi nkalo zintathu: (1) iinkolelo zakho, (2) izenzo zakho, (3) nokuba nombulelo.

IINKOLELO ZAKHO

3, 4. Sisiphi isifundo esinokufundwa ngabaselula kumzekelo kaTimoti?

3 Cinga ngendlela onokuyiphendula ngayo le mibuzo: Kutheni ndikholelwa ukuba uThixo ukho? Kutheni ndiqinisekile ukuba iBhayibhile ivela kuThixo? Kutheni ndithobela imiyalelo kaThixo endaweni yokuziphatha njengabantu behlabathi? Le mibuzo ingakunceda uthobele isiluleko sikampostile uPawulos esithi: ‘Kungqineni ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.’ (Roma 12:2) Kutheni umele wenze loo nto?

UTimoti wayamkela inyaniso ngenxa yokuba waqiqa ngoko wayekufundile, waza weyiseka

4 Umzekelo kaTimoti ungakunceda. Wayezazi kakuhle iZibhalo, kuba umama nomakhulu wakhe babemfundisile ngazo. Sekunjalo, uPawulos wathi kuTimoti: “Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni.” (2 Timoti 3:14, 15) Apha, ‘ukweyiselwa’ kuthetha “ukuqiniseka ngobunyaniso bento.” Ngoko uTimoti wayeqinisekile ukuba inyaniso yayinokufumaneka eZibhalweni. Wayamkela, hayi kuba kwatsho umama nomakhulu wakhe, kodwa ngenxa yokuba waqiqa ngoko wayekufundile, waza weyiseka.—Funda amaRoma 12:1.

5, 6. Kutheni kubalulekile ukufunda ukusebenzisa ‘amandla akho engqiqo’ ngoxa usemtsha?

5 Kuthekani ngawe? Mhlawumbi kudala uyazi inyaniso. Ukuba kunjalo, zenzele usukelo lokucingisisa ngezizathu zeenkolelo zakho. Oko kuza kukunceda womeleze ukholo lwakho uze uphephe ukwenza izigqibo eziphosakeleyo ngenxa yengcinezelo yoontanga, indlela yokucinga yehlabathi, okanye iimvakalelo zakho.

6 Ukuba ufunda ukusebenzisa ‘amandla akho engqiqo’ ngoxa usemtsha, uya kukwazi ukuphendula imibuzo yoontanga enjengale: ‘Wazi njani ukuba nyhani ukhona uThixo? Ukuba uThixo uyasithanda, kutheni evumela izinto ezimbi zenzeke? Kwenzeka njani ukuba uThixo angabi nasiqalo?’ Xa weyisekile, imibuzo enjalo ayiyi kukubangela uthandabuze, kodwa iya kukukhuthaza ukuba uyifunde ngakumbi iBhayibhile.

7-9. Chaza indlela amanqaku akwi-intanethi athi “Yintoni Efundiswa YiBhayibhile?” anokukunceda ngayo womeleze iinkolelo zakho.

7 Ukulwenza kakuhle ufundisiso lobuqu kunokukunceda ukwazi ukuphendula imibuzo, ususe nawaphi na amathandabuzo, kuze komeleze iinkolelo zakho. (IZenzo 17:11) Sineempapasho ezininzi ezinokukunceda kule nkalo. Abaninzi bakufumanise kuluncedo ukufunda incwadana enemifanekiso ethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking nencwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? Kwakhona, ulutsha oluninzi luye lwangenelwa kumanqaku athi “Yintoni Efundiswa YiBhayibhile?” afumaneka ku-jw.org/xh. Aphantsi komxholo othi IIMFUNDISO ZEBHAYIBHILE. Nqaku ngalinye lenzelwe ukukunceda womeleze iinkolelo zakho ezisekelwe eBhayibhileni.

8 Ungumfundi weBhayibhile, ngoko kusenokwenzeka ukuba sele uzazi iimpendulo zeminye yemibuzo ekula manqaku. Kodwa ngaba uqinisekile ngeempendulo zakho? La manqaku aza kukunceda ucingisise ngezibhalo ezahlukahlukeneyo, aze akukhuthaze ukuba ubhale izizathu zeenkolelo zakho. Oko kuza kukunceda ukwazi ukuzicacisa kwabanye. Ukuba uyakwazi ukuwajonga la manqaku kwi-intanethi, unokuwasebenzisa kufundisiso lwakho lobuqu, ukuze womeleze iinkolelo zakho.

9 Umele uzingqinele ngokwakho ukuba le yinyaniso. Oko kuza kukunceda ukulungele ukubhaptizwa. Omnye udade oselula uthi: “Ngaphambi kokuba ndenze isigqibo sokubhaptizwa, ndafunda iBhayibhile ndaza ndabona ukuba olu lunqulo lokwenyaniso. Suku ngalunye, ndeyiseka ngakumbi.”

IZENZO ZAKHO

10. Kutheni kusengqiqweni ukulindela ukuba umKristu obhaptiziweyo enze ngokuvisisana nokholo lwakhe?

10 IBhayibhile ithi: “Ukholo, ukuba alunamisebenzi, lufile.” (Yakobi 2:17) Ukuba uqinisekile ngeenkolelo zakho, uya kukubonisa oko ngezenzo zakho. Ezo zenzo iBhayibhile ithi ‘yihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo.’—Funda eyesi-2 kaPetros 3:11.

11. Chaza oko kuthethwa kukuba ‘nehambo engcwele.’

11 Iyintoni “ihambo engcwele”? Kukucoceka ngokokuziphatha. Ngokomzekelo, cinga ngoko kwenzekileyo kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo. Xa ubulingwa ukuba wenze okuphosakeleyo, ngaba uye wacingisisa ngoko kulungileyo nokubi? (Hebhere 5:14) Ngaba kukho amaxesha owakhumbulayo othe ngawo awanikezela kwisilingo okanye ingcinezelo yoontanga? Esikolweni, ngaba ungumzekelo omhle kwabanye? Ngaba uhlala uthembekile kuYehova, okanye uzama ukuxelisa abo ufunda nabo ukuze bangahlekisi ngawe? (1 Petros 4:3, 4) Ewe kona, asifezekanga. Maxa wambi, kwanabo baneminyaka emininzi bekhonza uYehova, basenokuba neentloni baze bakufumanise kunzima ukushumayela kwabanye. Kodwa umntu ozahlulele kuThixo uya kuziqhenya ngokuba liNgqina likaYehova, aze akubonise oko ngokuziphatha ngendlela ecocekileyo.

12. Ziyintoni ‘izenzo zozinikelo lobuthixo,’ yaye umele uzijonge njani?

12 Ziyintoni ‘izenzo zozinikelo lobuthixo’? Ziquka oko ukwenzayo ebandleni, njengokuya ezintlanganisweni nokushumayela. Kodwa zikwaquka noko ukwenzayo okungabonwayo ngabanye, njengemithandazo yakho yangasese kuYehova nofundisiso lwakho lobuqu. Umntu owahlulele ubomi bakhe kuYehova akasayi kucinga ukuba ezi zenzo zozinikelo lobuthixo ziluxanduva. Uya kuvakalelwa ngendlela efanayo nekaKumkani uDavide, owathi: “Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile, nomthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.”—INdumiso 40:8.

Ingqale kangakanani imithandazo yakho yaye ibonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?

13, 14. Ziintoni ezinokukunceda ube “nezenzo zozinikelo lobuthixo,” yaye zibancede njani abanye abaselula?

13 Ukuze uzibekele usukelo, sinemibuzo ekwiphepha 308 no-309 kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu AbaselulaIimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2. Kuloo maphepha, unokubhala iimpendulo zemibuzo elapho, efana nale: “Ingqale kangakanani imithandazo yakho yaye ibonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?” “Yiyiphi enye incwadi oyifundayo xa usenza ufundisiso lobuqu?” “Ngaba uyaya entsimini naxa abazali bakho bengayi?” Apho kukho nendawo onokubhala kuyo usukelo ofuna ukuzibekela lona ngokuphathelele imithandazo yakho, ufundisiso lobuqu, kunye nokushumayela.

14 Ulutsha oluninzi obelucinga ngokubhaptizwa, luye lwazibonela ukuba le mibuzo iluncedo kakhulu. Udade oselula uTilda uthi: “Ndayisebenzisa le mibuzo ukuze ndizibekele usukelo. Sukelo ngalunye ndalufikelela, yaye emva konyaka ndandisele ndikulungele ukubhaptizwa.” Umzalwana oselula uPatrick waba nempumelelo efanayo. Uthi: “Ndandisele ndilwazi usukelo lwam, kodwa ukulubhala phantsi kwandenza ndasebenza nzima ukuze ndilufikelele.”

Ngaba unokuqhubeka ukhonza uYehova nokuba abazali bakho banokuyeka? (Jonga isiqendu 15)

15. Chaza ukuba kutheni ukubhaptizwa kumele kube sisigqibo sobuqu.

15 Omnye wemibuzo ekuloo ncwadi uthi: “Ngaba unokuqhubeka ukhonza uYehova nokuba abazali nabahlobo bakho banokuyeka?” Xa uzahlulele kuYehova waza wabhaptizwa, uya kuba nolwalamano olusondeleyo naye. Ngoko, oko ukwenzela uYehova akumele kuxhomekeke kubazali bakho, okanye komnye umntu. Ihambo yakho engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo zibonisa ngokwenene ukuba uqinisekile ukuba usenyanisweni, yaye ufuna ukuphila ngemilinganiselo kaThixo. Kungekudala uya kukufanelekela ukubhaptizwa.

UKUBA NOMBULELO

16, 17. (a) Umele aqhutywe yintoni umntu ukuba abe ngumKristu? (b) Singaluzekelisa njani uxabiso ngentlawulelo?

16 Ngenye imini, indoda eyayiwazi kakuhle uMthetho kaMoses yabuza uYesu yathi: “Nguwuphi owona myalelo mkhulu?” UYesu waphendula wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:35-37) Apha uYesu wayebonisa ukuba uthando ngoYehova lumele lube sesona sizathu esenza ubani abhaptizwe aze abe ngumKristu. Enye yezona ndlela ziluncedo zokomeleza uthando lwakho ngoYehova, kukucingisisa nzulu ngentlawulelo, esona sipho sikhulu sikaThixo kuluntu. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 5:14, 15; 1 Yohane 4:9, 19.) Xa usenza oko, uya kufuna ukubonisa umbulelo ngeso sipho simangalisayo.

17 Ukuba nombulelo kwakho ngentlawulelo kunokucaciswa ngolu hlobo: Masithi utshona emanzini uze uhlangulwe ngumntu othile. Ngaba ungasuke ugoduke, uye kuzomisa, uze ulibale ngoko ukwenzelwe nguloo mntu? Hayi! Uya kusoloko unombulelo kuloo mntu usindise ubomi bakho! Ngendlela efanayo, simele sibe nombulelo omkhulu kuYehova noYesu ngentlawulelo. Asiyonto ngaphandle kwabo! Basihlangule kwisono nokufa. Ngenxa yothando lwabo ngathi, ngoku sinethemba lokuphila ngonaphakade eParadesi esemhlabeni!

18, 19. (a) Kutheni ungamele woyike ukuzahlulela kuYehova? (b) Ukukhonza uYehova kubenza ngcono njani ubomi bakho?

18 Ngaba unombulelo ngoko uYehova akwenzele kona? Ukuba kunjalo, unako ukuzahlulela uze ubhaptizwe. Ukuzahlulela kwakho sisithembiso kuThixo sokuba uza kwenza ukuthanda kwakhe ngonaphakade. Ngaba umele woyike ukwenza eso sithembiso? Hayi! UYehova ukunqwenelela okona kuhle, yaye uya kubavuza abo benza ukuthanda kwakhe. (Hebhere 11:6) Xa uzahlulela kuThixo uze ubhaptizwe, ubomi bakho abuyi kuba bubi, kunoko buya kuba ngcono! Umzalwana oneminyaka eyi-24 owabhaptizwa esengumntwana uthi, “Ngendayiqonda ngcono intsingiselo yokuzahlulela ukuba ndandimdadlana, kodwa isigqibo sokuzahlulela kuYehova sandikhusela ekusukeleni izinto zehlabathi.”

USathana unomona, ibe akanaxesha lakho

19 UYehova ukunqwenelela okuhle kodwa. Ngokwahlukileyo, yena uSathana unomona, ibe akanaxesha lakho. Akukho kwanto intle anokukunika yona xa umlandela. Angakunika njani into angenayo? Akanazo iindaba ezilungileyo, ibe akanalo nelinjani na ithemba. Inye kuphela into anokukunika yona, likamva elibi, kuba kuphela kwento anayo leyo!—ISityhilelo 20:10.

20. Yintoni anokuyenza umntu osemtsha ukuze enze inkqubela, azahlulele aze abhaptizwe? (Jonga nebhokisi ethi “Ukukunceda Wenze Inkqubela.”)

20 Ukuzahlulela kuYehova sesona sigqibo sihle unokusenza. Ngaba ukulungele ukukwenza oko? Ukuba ukulungele, musa ukoyika. Kodwa ukuba akunjalo, sebenzisa amacebiso akweli nqaku ukuze wenze inkqubela. UPawulos waxelela abazalwana baseFilipi ukuba baqhubeke besenza inkqubela. (Filipi 3:16) Ukuba uyawalandela la macebiso, kungekudala uya kufuna ukuzahlulela kuYehova uze ubhaptizwe.