Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Zama ukuqonda uncedo, intuthuzelo nokhuthazo olusuka eBhayibhileni abaludingayo abazalwana noodadewenu

Ngaba Unganceda Ebandleni Lakho?

Ngaba Unganceda Ebandleni Lakho?

NGAPHAMBI kokuba abuyele ezulwini, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Niya kuba ngamangqina am . . . kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZenzo 1:8) Babeza kukwazi njani ukushumayela emhlabeni wonke?

UMartin Goodman, onguprofesa weYunivesithi yaseOxford, uthi “ukuzibekela usukelo kwamaKristu kwawenza ahluka kwezinye iinkonzo, kuquka eyamaYuda, ngexesha lokulawula kobukhosi baseRoma.” UYesu wayeshumayela kwiindawo ngeendawo. AmaKristu okwenyaniso kwakufuneka axelise umzekelo wakhe aze ashumayele “iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo” kuyo yonke indawo. Kwakufuneka akhangele abantu abafuna ukwazi inyaniso. (Luka 4:43) Yiloo nto ngenkulungwane yokuqala kwakukho “abapostile,” gama elo elibhekisela kwabo bathunywe ukuya kwenza into ethile. (Marko 3:14) UYesu wayalela abalandeli bakhe wathi: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.”—Mateyu 28:18-20.

Abapostile abayi-12 bakaYesu abasekho emhlabeni, kodwa abakhonzi bakaYehova abaninzi baxelisa umzekelo wabo entsimini. Xa becelwa ukuba bashumayele apho kukho indingeko, bathi: “Ndikho! Thuma mna!” (Isaya 6:8) Abanye baye bafudukela kumazwe akude, njengamawakawaka aye aphumelela kwiSikolo saseGiliyadi. Bambi baye bafudukela kwezinye iindawo kwakumazwe abo. Abaninzi baye bafunda ulwimi olutsha ukuze bancede ibandla okanye iqela. Bekungasoloko kulula, kodwa bonke aba bazalwana noodade bebekulungele ukuzincama, ukuze babonise indlela abamthanda ngayo uYehova nabantu. Ngoko baye baceba kakuhle, baza basebenzisa ixesha, amandla, nemali yabo ukuze bashumayele apho kukho indingeko. (Luka 14:28-30) Oko kwenziwa ngaba bazalwana noodade kuxabiseke kakhulu.

Asinakukwazi sonke ukufudukela apho kukho indingeko, okanye ukufunda ulwimi olutsha. Kodwa sonke sinako ukuba njengabavangeli basemazweni kumabandla ethu.

YIBA NGUMVANGELI WASEMAZWENI KWIBANDLA LAKHO

Nceda abanye

Ngenkulungwane yokuqala, amaKristu ayeshumayela ngenzondelelo, nangona amanye ayehlala ekhaya, engengabo abavangeli basemazweni. UPawulos wathi kuTimoti: “Yenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.” (2 Timoti 4:5) La mazwi ayebhekiswa kumaKristu okuqala, kodwa ayasebenza nakuthi namhlanje. Onke amaKristu amele athobele umyalelo wokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo zoBukumkani nokwenza abafundi. Kwanakumabandla ethu, zininzi iindlela esinokubaxelisa ngazo abavangeli basemazweni.

Ngokomzekelo, xa abavangeli basemazweni befudukela kwelinye ilizwe, kuye kufuneke baqhelane nobomi obutsha. Enoba asikwazi kufudukela apho kukho indingeko, ngaba asinakufumana iindlela ezintsha zokushumayela ebantwini? Ngokomzekelo, ngo-1940 abazalwana bethu bakhuthazwa ukuba bashumayele esitratweni kanye ngeveki. Ngaba ukhe wazama ukushumayela esitratweni? Ngaba wakhe washumayela usebenzisa iinqwelo ezineencwadi? Ingongoma yile, Ngaba uzimisele ukuzama ukusebenzisa iindlela ezintsha zokushumayela iindaba ezilungileyo?

Khuthaza abanye ukuba ‘benze umsebenzi wobuvangeli’

Ukuba unesimo sengqondo esihle, uya kuba nenzondelelo nehlombe ngentsimi. Abo bafudukela kwindawo enendingeko enkulu okanye bafunde ulwimi olutsha, badla ngokuba ngabavakalisi abafanelekayo, ibe banokuba luncedo olukhulu ebandleni. Ngokomzekelo, bayakhokela kumsebenzi wokushumayela. Kwakhona, abavangeli basemazweni badla ngokukhokela ebandleni de kubekho abazalwana basekuhlaleni abafanelekayo. Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo, ngaba “uzabalazela” ukukhonza abazalwana noodade kwibandla lakho njengesicaka solungiselelo okanye njengomdala?—1 Timoti 3:1.

‘YOMELEZA’ ABANYE

Nikela uncedo

Singaluncedo ebandleni lethu nangezinye iindlela. Sonke njengabazalwana noodade abaselula nabakhulileyo, sinako ‘ukubomeleza’ abo sikhonza nabo, xa kuyimfuneko.—Kolose 4:11.

Ukuba sifuna ukunceda abazalwana noodadewethu, kufuneka sibazi kakuhle. IBhayibhile isikhuthaza ukuba ‘sinyamekelane,’ okanye sicinge ngeentswelo zabazalwana noodadewethu, xa sihlanganisene. (Hebhere 10:24) Oku akuthethi kuthi simele sigxuphuleke kwimicimbi yabo yobuqu. Kuthetha ukuba simele sizame ukubaqonda abazalwana noodadewethu noko bakusweleyo. Basenokufuna uncedo lwethu, intuthuzelo, okanye ukhuthazo olusuka eBhayibhileni. Kuyinyaniso kona ukuba, ngamany’ amaxesha inokuba ngabadala nezicaka zolungiselelo kuphela ezinokukwazi ukubanceda. (Galati 6:1) Kodwa sonke sinako ukubanceda abazalwana noodade abakhulileyo, okanye iintsapho ezijamelene nobunzima.

Thuthuzela abo bajamelene nobunzima

USalvatore walufumana uncedo olunjalo. Ngenxa yokuthwaxwa ziimeko zoqoqosho, kwafuneka athengise ishishini lakhe, ikhaya lakhe, nezinye izinto ezininzi zentsapho yakhe. Wayeyixhalabele kakhulu intsapho yakhe. Enye intsapho ebandleni yabona ukuba badinga uncedo. Yanika uSalvatore imali yaza yamnceda yena nomfazi wakhe bafumana umsebenzi. Yachitha neengokuhlwa ezininzi kunye nentsapho yakhe, ibaphulaphula ibe ibakhuthaza. Baba ngabahlobo abasenyongweni. Ngoku ezi ntsapho zombini zineenkumbulo ezimnandi zaxa zazikunye ngelo xesha lobunzima.

AmaKristu okwenyaniso awalibazisi ukwabelana nabanye ngeenkolelo zawo. Simele sixelise uYesu, sazise bonke abantu ngezithembiso ezimangalisayo zikaThixo. Enoba siyakwazi okanye asikwazi ukufuduka, sonke sinako ukwenza okusemandleni ethu ukunceda kumabandla esikuwo. (Galati 6:10) Xa sibanceda abanye siya konwaba, ibe siya ‘kuqhubeka sivelisa isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo.’—Kolose 1:10; IZenzo 20:35.