Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokuba Nenxaxheba Ekomelezeni Umanyano LobuKristu—⁠Njani?

Unokuba Nenxaxheba Ekomelezeni Umanyano LobuKristu—⁠Njani?

‘Ngokuphuma kuye, wonke umzimba umanyaniswa ndawonye ngemvisiswano, uze wenziwe usebenzisane.’—EFESE 4:16.

IINGOMA: 53, 107

1. Yintoni ephawulekayo kwindlela uThixo nabantu bakhe ababesebenza ngayo ukususela ekuqaleni?

UYEHOVA noYesu bebesoloko bemanyene ukususela ekuqaleni kwendalo. UYehova wadala uYesu ngaphambi kwayo nantoni na enye, waza yena uYesu wasebenza naye “njengomsebénzi onobuchule.” (IMizekeliso 8:30) Abakhonzi bakaYehova nabo babesebenza ngomanyano. Ngokomzekelo, uNowa nentsapho yakhe bakha umkhombe kunye. Kamva, amaSirayeli asebenza ngomanyano ekwakheni umnquba, awuchithe, aze awufudusele kwezinye iindawo. Xa esetempileni, ayecula aze adlale izixhobo zomculo kunye, ukuze adumise uYehova ngomculo omnandi. Abantu bakaYehova babekwazi ukuzenza zonke ezi zinto kuba babesebenza ngomanyano.—Genesis 6:14-16, 22; Numeri 4:4-32; 1 Kronike 25:1-8.

2. (a) Yintoni ephawulekayo ngebandla lamaKristu okuqala? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 AmaKristu enkulungwane yokuqala nawo ayesebenza ngomanyano. Umpostile uPawulos wathi nangona ayeneziphiwo nemisebenzi engafaniyo, ayemanyene. Onke ayelandela inkokeli yawo enguYesu Kristu. UPawulos wawafanisa nomzimba onamalungu ahlukahlukeneyo asebenzisanayo. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 12:4-6, 12.) Kodwa kuthekani ngathi namhlanje? Sinokusebenza njani ngomanyano kumsebenzi wokushumayela, ebandleni nasentsatsheni?

UKUMANYANA KUMSEBENZI WOKUSHUMAYELA

3. Nguwuphi umbono awaba nawo umpostile uYohane?

3 Ngenkulungwane yokuqala, umpostile uYohane waba nombono weengelosi ezisixhenxe ezazivuthela amaxilongo. Xa eyesihlanu yavuthela elayo ixilongo, uYohane wabona “inkwenkwezi eyayiwele emhlabeni ivela ezulwini.” Loo ‘nkwenkwezi’ yavula ngesitshixo ucango lomngxuma onzulu, omnyama. Kwaphuma umsi omkhulu apho emngxunyeni, kwaza kuwo kwaphuma igquba leenkumbi. Endaweni yokuba ezo nkumbi zitshabalalise imithi okanye izityalo, zahlasela abo “bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.” (ISityhilelo 9:1-4) UYohane wayesazi ukuba igquba leenkumbi linokwenza umonakalo omkhulu, kuba lalikhe lawenza eYiputa ngexesha likaMoses. (Eksodus 10:12-15) Iinkumbi ezabonwa nguYohane zimela amaKristu athanjisiweyo ashumayela ngokutshatyalaliswa konqulo lobuxoki. Ancediswa zizigidi zabantu abanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Xa bebonke, bawenza ngomanyano lo msebenzi wokushumayela. Oku kuye kwanceda abantu abaninzi balushiya unqulo lobuxoki, baza bakhululeka ekulawulweni nguSathana.

Sishumayela emhlabeni wonke kuba sisebenzisana ngomanyano

4. Nguwuphi umsebenzi abanawo abantu bakaThixo, ibe yiyiphi ekuphela kwendlela abanokuphumelela ngayo?

4 Sinomsebenzi wokushumayela ‘iindaba ezilungileyo’ emhlabeni wonke ngaphambi kokuba sifike isiphelo. Mkhulu ngokwenene lo msebenzi! (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Kufuneka simeme bonke abo ‘banxaniweyo’ beze kusela “amanzi obomi,” oko kukuthi, sibafundise inyaniso eseBhayibhileni bonke abo bafuna ukuyazi. (ISityhilelo 22:17) Kodwa sinokukwenza oku kuphela ukuba ‘simanyaniswe ndawonye ngemvisiswano,’ ibe siyasebenzisana ebandleni.—Efese 4:16.

5, 6. Simanyene njani njengoko sishumayela iindaba ezilungileyo?

5 Ukuze sifikelele abantu abaninzi kangangoko sinako, kufuneka silungelelane kumsebenzi wethu wokushumayela. Ulwalathiso esilufumana emabandleni lusinceda sikuphumeze oku. Emva kwengxubusho yentsimi, siya ebantwini ukuze sibaxelele ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani. Sibanika neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni. Enyanisweni, sele sihambise izigidi zazo emhlabeni wonke. Ngamanye amaxesha siye sibe nenxaxheba kumaphulo akhethekileyo okushumayela. Xa usenza lo msebenzi, umanyana nezigidi zabanye abawenzayo emhlabeni wonke! Ukwasebenza neengelosi, ezincedisa abantu bakaThixo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo.—ISityhilelo 14:6.

6 Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukufunda kwiNcwadi Yonyaka ngolwando olubangelwa kukushumayela emhlabeni wonke! Cinga nangendlela esimanyana ngayo emhlabeni wonke njengoko simemela abantu kwiindibano zethu. Kuzo, sifumana imfundiso efanayo. Iintetho, iidrama nemiboniso, zisikhuthaza ukuba simkhonze ngamandla ethu onke uYehova. Sikwamanyana nabazalwana noodadewethu abasemhlabeni wonke, xa sisiya eSikhumbuzweni unyaka nonyaka. (1 Korinte 11:23-26) Sihlanganisana ngosuku olunye uNisan 14, emva kokutshona kwelanga, ukuze sibonise umbulelo ngoko uYehova asenzele kona, nokuze sithobele umyalelo kaYesu. Yaye kwiiveki ezingaphambi kwesikhumbuzo, sisebenza kunye ukuze simeme abantu abaninzi kangangoko ukuba babe kunye nathi kwesi siganeko sibalulekileyo.

7. Njengoko sisebenza ngomanyano, yintoni esiyiphumezayo?

7 Inkumbi enye ayinakwenza monakalo ungako. Nathi ke xa sishumayela sodwa, asinakubafikelela bonke abantu. Kodwa ngenxa yokuba sisebenza ngomanyano, siyakwazi ukuxelela izigidi zabantu ngoYehova size sibancede bamdumise baze bamzukise.

UKUMANYANA EBANDLENI

8, 9. (a) Nguwuphi umzekeliso owasetyenziswa nguPawulos ukufundisa amaKristu ukuba ahlale emanyene? (b) Sinokusebenzisana njani ebandleni?

8 UPawulos wachazela amaEfese indlela ibandla elilungelelaniswe ngayo, waza wathi bonke ebandleni bamele ‘bakhule ezintweni zonke.’ (Funda amaEfese 4:15, 16.) Wazekelisa ngomzimba ukuze abonise ukuba mKristu ngamnye unokunceda ibandla limanyane lize lilandele uYesu, iNkokeli yebandla. Wathi onke amalungu omzimba ‘ayasebenzisana.’ Ngoko enoba siselula okanye sikhulile, sisempilweni okanye akunjalo, yintoni enokwenziwa ngumntu ngamnye?

Ungalinceda njani ibandla ukuba lihlale limanyene?

9 UYesu umisele abadala ukuba bakhokele ibandla, ibe ufuna sibahlonele size silandele ulwalathiso abasinika lona. (Hebhere 13:7, 17) Akusoloko kulula ukwenza oku. Kodwa sinako ukucela uYehova asincede. Umoya wakhe oyingcwele unokusinceda sithobele naluphi na ulwalathiso esilufumana kubadala. Cinga nangendlela esinokulinceda ngayo ibandla ukuba sithobekile yaye sisebenzisana ngomanyano nabadala. Ibandla liya kumanyana, lize lithandane ngakumbi.

10. Izicaka zolungiselelo zinceda njani ekugcineni umanyano lwebandla? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

10 Izicaka zolungiselelo nazo ziyanceda ekugcineni umanyano lwebandla. Zisebenza nzima zincedisa abadala, ibe siyakuxabisa oko. Ngokomzekelo, ziyaqinisekisa ukuba iincwadi esiza kuzisebenzisa entsimini zanele, zize zamkele nabantu abeza kwiintlanganiso zethu. Zisebenza nzima nasekulungiseni iHolo yoBukumkani zize ziyigcine icocekile. Xa sisebenzisana naba bazalwana, siyamanyana size sikhonze uYehova ngolungelelwano.—Thelekisa iZenzo 6:3-6.

11. Abasebatsha banokuncedisa njani ekugcineni umanyano lwebandla?

11 Abanye abadala baneminyaka emininzi besebenza nzima ebandleni. Kodwa mhlawumbi ngoku abasakwazi ukwenza imisebenzi emininzi njengakuqala, kuba bayaluphala. Abazalwana abasebatsha banokuncedisa. Ukuba bayaqeqeshwa, banokwenza imisebenzi engakumbi ebandleni. Xa izicaka zolungiselelo zisebenza nzima, zisenokuba ngabadala ekuhambeni kwexesha. (1 Timoti 3:1, 10) Abanye abadala abasebatsha baye benza inkqubela engakumbi. Ngoku bakhonza njengabaveleli besiphaluka, yaye banceda abazalwana noodade emabandleni amaninzi. Siyayixabisa into yokuba abo basebatsha bekulungele ukukhonza abazalwana noodade.—Funda iNdumiso 110:3; INtshumayeli 12:1.

UKUMANYANA ENTSATSHENI

12, 13. Yintoni enokunceda bonke entsatsheni basebenzisane ngomanyano?

12 Sinokuwanceda njani amalungu eentsapho zethu ukuba asebenzisane ngomanyano? Ukwenza unqulo lwentsapho veki nganye kunokusinceda. Xa abazali nabantwana bechitha ixesha kunye befunda ngoYehova, uthando lwabo luyomelela. Ngelo xesha, banokuqhelisela oko baza kukuthetha entsimini. Ibe xa bebona indlela bonke entsatsheni abamthanda ngayo uYehova nabafuna ngayo ukumkholisa, basondelelana nangakumbi.

Xa indoda nomfazi bemthanda uYehova yaye bemkhonza kunye, baya konwaba baze bamanyane emtshatweni

13 Indoda nomfazi banokusebenzisana njani ngomanyano? (Mateyu 19:6) Xa bobabini bemthanda uYehova yaye bemkhonza kunye, baya konwaba baze bamanyane emtshatweni. Bamele bathandane njengoAbraham noSara, uIsake noRebheka, kunye noElikana noHana. (Genesis 26:8; 1 Samuweli 1:5, 8; 1 Petros 3:5, 6) Xa indoda nomfazi bekwenza oku, bayamanyana baze basondele kuYehova.—Funda iNtshumayeli 4:12.

Unqulo lwentsapho lunokunceda abaselula nabakhulileyo bamanyane ngakumbi (Jonga isiqendu 12, 15)

14. Ukuba indoda okanye umfazi wakho akamkhonzi uYehova, ungenza ntoni ukuze ugcine umtshato wakho womelele?

14 IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba asimele sitshate nabantu abangamkhonziyo uYehova. (2 Korinte 6:14) Sele kunjalo, bakho abazalwana noodade abatshate nabantu abangengawo amaNgqina kaYehova. Bambi bayifumana inyaniso sele betshatile, kodwa amaqabane abo awazange abe ngamaNgqina. Abanye bona batshata namaNgqina awathi kamva ayishiya intlangano. Kwezi meko, amaKristu enza konke okusemandleni ukugcina imitshato yawo yomelele, ngokuthobela isiluleko seBhayibhile. Oku akusoloko kulula. Ngokomzekelo, uMary nomyeni wakhe uDavid, babekhonza uYehova kunye. UDavid wayeka ukuya ezintlanganisweni. Kodwa uMary waqhubeka ezama ukuba ngumfazi olungileyo, ebonisa iimpawu zobuKristu. Wafundisa nabantwana bakhe abathandathu ngoYehova, waza waqhubeka esiya kwiintlanganiso nakwiindibano. Kwiminyaka kamva, xa abantwana babesele bekhulile baza bemka ekhaya, uMary waqhubeka ekhonza uYehova nangona kwakunzima kuye. Kodwa, uDavid waqalisa ukufunda iimagazini awayezishiyelwa nguMary. Ekuhambeni kwexesha, waqalisa ukubakho kwezinye iintlanganiso kwakhona. Umzukulwana wakhe oneminyaka emithandathu ubudala wayesoloko emgcinela isitulo, yaye xa engakhange abekho wayesithi, “Khange ndikubone esifundweni namhlanje tamkhulu.” UDavid waphinda wabuyela kuYehova emva kweminyaka eyi-25, yaye yena nomfazi wakhe bakhonza uYehova kunye ngovuyo kwakhona.

15. Izibini ezikhulileyo zinokuzinceda njani ezo ziselula?

15 Namhlanje uSathana uhlasela iintsapho. Esi sesinye sezizathu zokuba indoda nomfazi abakhonza uYehova bemele bamanyane. Nokuba sele nitshate ixesha elide kangakanani na, cinga ngezinto onokuzithetha nonokuzenza ukuze womeleze umtshato wakho. Ukuba nisisibini esikhulileyo, ninokuba ngumzekelo omhle kwizibini eziselula. Mhlawumbi ningamema isibini esiselula xa nisenza unqulo lwentsapho. Eso sibini siza kubona ukuba, kungakhathaliseki ukuba sele kukudala kangakanani na abantu betshatile, bamele baqhubeke bethandana yaye bemanyene.—Tito 2:3-7.

“MASINYUKE SIYE ENTABENI KAYEHOVA”

16, 17. Yintoni abakhangele phambili kuyo abakhonzi bakaYehova abamanyeneyo?

16 Xa amaSirayeli ayesiya kwimithendeleko eYerusalem, ayesebenzisana ngomanyano. Ayelungiselela yonke into awayeza kuyidinga kolo hambo. Emva koko, ayehamba kunye encedana. Ukufika kwawo etempileni, ayemdumisa yaye emkhonza kunye uYehova. (Luka 2:41-44) Nathi namhlanje, njengoko silungiselela ukuphila kwihlabathi elitsha, simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sisebenzisane ngomanyano. Ngaba zikho ezinye iindlela ocinga ukuba unokukwenza ngazo oku?

17 Abantu ehlabathini bayaphikisana, bade balwe ngezinto ezininzi. Kodwa thina sinombulelo kuba uYehova esincede saba noxolo, saza sayiqonda inyaniso! Abantu bakhe emhlabeni wonke bamkhonza ngendlela emkholisayo. Bamanyene ngeyona ndlela, ngakumbi kule mihla yokugqibela. Njengoko uIsaya noMika baprofetayo, ‘sinyuka kunye ukuya entabeni kaYehova.’ (Isaya 2:2-4; funda uMika 4:2-4.) Olunjani lona uvuyo esiya kuba nalo, xa bonke abantu emhlabeni ‘bemanyaniswa ndawonye ngemvisiswano’ ekukhonzeni uYehova!