Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha​—⁠“Hlalani Nilufezekisa Usindiso Lwenu”

Lutsha​—⁠“Hlalani Nilufezekisa Usindiso Lwenu”

“Njengoko benisoloko nithobela . . . hlalani nilufezekisa usindiso lwenu ngoloyiko nangokungcangcazela.”—FIL. 2:12.

IINGOMA: 41, 89

1. Kutheni ukubhaptizwa kubalulekile? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

QHO ngonyaka kubhaptizwa abantu abaninzi abafunda iBhayibhile. Abaninzi kubo lulutsha. Kusenokwenzeka bakhuliswe ngabazali abangamaKristu. Ngaba nawe ungomnye wabo? Ukuba kunjalo, intle into oyenzileyo. Ukubhaptizwa kubalulekile ukuze umntu asindiswe.—Mat. 28:19, 20; 1 Pet. 3:21.

2. Kutheni singamele sikoyike okanye sikubaleke ukuzinikela kuYehova?

2 Nangona ukubhaptizwa kusizisa iintsikelelo ezininzi, zikho nezinto ekuza kufuneka uzenze. Zeziphi? Xa wawubhaptizwa wathi ewe xa wawubuzwa lo mbuzo, “Ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu Kristu, uguqukile na kwizono obuzenza waza wazahlulela kuYehova ukuze wenze ukuthanda kwakhe?” Ngokubhaptizwa wabonisa ukuba uzinikele kuYehova. Wathembisa ukuba uza kumthanda ibe uza kwenza ukuthanda kwakhe. Ibalulekile ke loo nto. Ngaba umele uzisole? Hayi. Zange kwaba yinto embi ukuthembela ngoYehova. Yintoni ebinokwenzeka ukuba ubungathembelanga ngaye? Kaloku ubuya kube ulawulwa nguSathana. UMtyholi akafuni usinde. Phofu angavuya nyhani ukuba ungalahla uYehova, ube kwicala lakhe, uze uphoswe bubomi obungunaphakade.

3. Zeziphi iintsikelelo ozifumanayo xa uzinikele kuYehova?

3 Cinga ngeentsikelelo ozifumanayo kuba uzinikele kuYehova waza wabhaptizwa endaweni yokuba uxhase uSathana. Kuba uzinikele kuYehova, ungatsho ngomzimba ongenaxhala ukuba: “UYehova usecaleni lam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu wasemhlabeni?” (INdu. 118:6) Ayikho into ebomini egqitha ukuba kwicala likaThixo nokumvuyisa.

NGUWE OMELE ASEBENZE UKUZE USINDISWE

4, 5. (a) Kutheni ubuhlobo bakho noYehova buxhomekeke kuwe xa uzinikele kuye? (b) Zeziphi iingxaki ababa nazo nabantu abadala?

4 Kuba ngoku ungumKristu obhaptiziweyo, ubuhlobo bakho noYehova abuxhomekekanga kubazali bakho. Nguwe ofanele usebenzele ukusindiswa nokuba usahlala kowenu. Kutheni kubalulekile ukuyikhumbula loo nto? Kuba akulazi ingomso ukuba likuphathele ntoni. Ngokomzekelo ukuba ubhaptizwe ungaphantsi kweminyaka eyi-13, kuza kubakho iimvakalelo ozivayo njengoko ukhula. Enye intombi ena-18 ithi: “Abantwana abadli ngokuzisola ngokuba ngamaNgqina KaYehova ngenxa yokuba bengatyi ikeyiki xa kubhiyozelwa umhla wokuzalwa esikolweni. Kodwa njengoko besiya bekhula, nomnqweno wokufuna ukulala nomntu usiba namandla, kufuneka icaciswe de bayive into yokuba ukuthobela uYehova yeyona ndlela ifanelekileyo.”

5 Ayilolutsha lodwa oluba neengxaki oluqalayo ukudibana nazo. Nabo babhaptizwe sele bebadala baye badibane nezinto abebengazilindelanga ezivavanya ukholo. Isenokuba ngumtshato, impilo okanye umsebenzi. Wonke umntu uza kufumana iingxaki eziza kufuna athembeke kuYehova, nokuba ungakanani na.—Yak. 1:12-14.

6. (a) Sitheth’ ukuthini xa sisithi isithembiso owasenza kuYehova asitshintshi? (b) Yintoni onokuyifunda kweyabaseFilipi 4:11-13?

6 Ukuze uhlale uthembekile nokuba kunjani, ungaze ulibale ukuba isithembiso owasenza kuYehova asitshintshi. Loo nto ithetha ukuba wathembisa uYehova ukuba uza kuqhubeka umkhonza nokuba abahlobo okanye abazali bakho bayayeka. (INdu. 27:10) UYehova angakwazi ukukunceda uhlale uzinikele kuye enoba iimeko zinjani na.—Funda eyabaseFilipi 4:11-13.

7. Kuthetha ntoni ukusebenzela ukusindiswa “ngoloyiko nangokungcangcazela”?

7 UYehova ufuna ube ngumhlobo wakhe. Kodwa kuza kufuneka wenze okuthile ukuze uqhubeke ungumhlobo wakhe kwaye usebenzele ukusindiswa. EyabaseFilipi 2:12 ithi: “Hlalani nilufezekisa usindiso lwenu ngoloyiko nangokungcangcazela.” La mazwi abonisa ukuba kufuneka ucinge ngokuba uza kwenza ntoni ukuze uqhubeke ungumhlobo kaYehova kwaye uthembeke kuye naxa kunzima. Ungazithembi kakhulu. Bakhona abakhonzi bakaThixo abaye bayeka ukumkhonza. Ngoko, umele wenze ntoni ukuze usebenzele ukusindiswa?

KUBALULEKILE UKUFUNDA IBHAYIBHILE

8. Kuquka ntoni ukufunda iBhayibhile, yaye kutheni kubalulekile?

8 Ukuze ube ngumhlobo kaYehova kufuneka ummamele kwaye uthethe naye. Eyona ndlela iphambili yokumamela uYehova kukufunda iBhayibhile. Loo nto iquka ukufunda iLizwi lakhe neencwadi ezisekelwe kulo, nokucinga ngezinto ozifundileyo. Kodwa ke ukhumbule ukuba ukufunda iBhayibhile akufani nokufunda iincwadi zesikolo. Asibi ngathi sifundela nje ukupasa. Ukuze uzuze xa ufunda, kufuneka ukhangele izinto ezintsha onokuzifunda ngobuntu bukaYehova. Ukwenza loo nto kuza kukunceda usondele kuThixo, aze naye asondele kuwe.—Yak. 4:8.

Uncokola kangakanani noYehova? (Jonga isiqendu 8-11)

9. Zeziphi izinto ezikuncedayo wena xa ufunda?

9 Intlangano kaYehova ikwenzele izinto ezininzi ukuze ukwazi ukufunda. Ngokomzekelo, indawo ethi “Izinto Ezenziwa Xa Kufundwa IBhayibhile” kwicandelo elithi “Abafikisayo” ku-jw.org, ingakunceda ubone ukuba unokufunda ntoni kwizinto ezenzeka ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Enye into efumaneka ku-jw.org zizikhokelo zokufunda ezithi “Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?” ezinokukunceda uqiniseke ngezinto ozikholelwayo. Zinokukunceda ukwazi nokuzicacisa. Ezinye izinto onokufunda ngazo zifumaneka kwinqaku likaVukani! ka-Aprili 2009 elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndingenza Njani Ukuze Ndikuthande Ukufunda IBhayibhile?” Ukufunda nokucinga ngento oyifundileyo kubalulekile nako xa usebenzela ukusindiswa.—Funda iNdumiso 119:105.

KUBALULEKILE UKUTHANDAZA

10. Kutheni kubalulekile ukuba umKristu obhaptiziweyo athandaze?

10 Ekubeni sithe xa ufunda umamela uYehova, xa uthandaza ke uthetha naye. Akufuneki umKristu awuthathe umthandazo njengento njee engenamsebenzi okanye awenze into ‘yokucela ithamsanqa’ ukuze aphumelele kwinto ayenzayo. Kunoko, xa ethandaza uthetha noMdali. UYehova uyafuna uthethe naye. (Funda eyabaseFilipi 4:6.) Xa kukho into ekwenza ixhala, iBhayibhile icebisa ithi “umthwalo wakho wulahlele kuYehova.” (INdu. 55:22) Ngaba uyikholelwa nyhani loo nto? Kukho izigidi zabazalwana noodade abanokuyingqina into yokuba ibancedile loo nto. Nawe inokukunceda!

11. Kutheni umele umbulele qho uYehova?

11 Xa sithandaza asimele siphelele nje ekuceleni uncedo kuYehova. IBhayibhile ithi: “Hlalani ninombulelo.” (Kol. 3:15) Ngamanye amaxesha siye sicinge ngeengxaki esinazo kunokuba sicinge ngeentsikelelo esizifumeneyo. Kutheni ungakhe uzimisele ukuba suku ngalunye uza kucinga ngezinto ezintathu akunike zona uYehova? Khawumbulele ke ngezo zinto. UAbigail oneminyaka eyi-18, owabhaptizwa eneminyaka eyi-12, uthi: “Andiqondi ukuba ukhona umntu esifanele simbulele njengoYehova. Sifanele simbulele ngalo lonke ixesha ngezinto asiphe zona. Kukho umntu okhe wathi: Ukuba ngomso ungavuka usele nezinto obuye wambulela ngazo uYehova namhlanje, zingaphi izinto obuza kuba nazo?” *

KHAWUKHE UYIZAME LE NTO

12, 13. Kutheni kubalulekile ukuba uzingcamlele ngokwakho ukulunga kukaYehova?

12 UKumkani uDavide, owasinda ezintweni ezininzi ezibuhlungu, wathi: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile; inoyolo indoda eyomeleleyo esabela kuye.” (INdu. 34:8) Le vesi ibonisa ukuba kubalulekile ukuba ukhe uyizame le nto, ungeva ngokubaliselwa. Xa ufunda iBhayibhile neencwadi zethu naxa ukwiintlanganiso zebandla, uva kubaliswa ngendlela uThixo aye wabanceda ngayo abakhonzi bakhe. Kodwa njengoko ukhula elukholweni, kufuneka usibone isandla sikaYehova ebomini bakho. Ngaba wena sele ukungcamlile ukulunga kukaYehova?

13 Ikho enye indlela amaKristu aye akungcamla ngayo ukulunga kukaYehova. Kukunikwa ithuba lokusondela kuye nakuNyana wakhe. UYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yoh. 6:44) Ngaba nawe uYehova wakutsala? Olunye ulutsha mhlawumbi luthi, ‘UYehova watsala abazali bam, mna ndilandela bona.’ Kodwa xa wazinikela kuYehova waza wabhaptizwa, wabonisa ukuba unobuhlobo obukhethekileyo naye. Ngoku ukwazi nyhani uYehova. IBhayibhile ithi: “Ukuba nabani na uyamthanda uThixo, uyaziwa nguye.” (1 Kor. 8:3) Yixabise indawo uYehova akubeke kuyo kwintlangano yakhe.

14, 15. Ukushumayela kungaluqinisa njani ukholo lwakho?

14 Enye indlela onokukungcamla ngayo ukulunga kukaYehova kukuva indlela akuxhasa ngayo xa ushumayela kwabanye abantu. Ungakwenza oko entsimini okanye esikolweni. Kunzima kwabanye ukushumayela koontanga babo esikolweni. Inoba nawe uyasazi isizathu. Kaloku usuke ungazi ukuba baza kuthini. Kuba nzima nangakumbi xa bebaninzi kunokuba uthethe nomnye. Yintoni enokukunceda?

15 Qala ucinge ngokuba yintoni ekwenza uqiniseke ngezinto ozikholelwayo. Ngaba izikhokelo zokufunda ziyafumaneka ngolwimi lwakho ku-jw.org? Ukuba awuqinisekanga, khawukhe uzikhangele. Zenzelwe ukuba zikuncede ucinge ngento oyikholelwayo, isizathu sokuba uyikholelwe, nendlela ongabacacisela ngayo abanye abantu. Xa uqiniseke nyhani ibe uzilungiselele, uza kufuna ukuxelela abantu ngoYehova.—Yer. 20:8, 9.

16. Yintoni enokukunceda ungoyiki ukuthetha ngezinto ozikholelwayo?

16 Kodwa nokuba sele ulungiselele kakuhle, kusenokuba nzima ukuthetha ngezinto ozikholelwayo. Omnye udade oneminyaka eyi-18, owabhaptizwa ena-13, uthi: “Ndiyayazi into endiyikholelwayo, kodwa kuba nzima ukuthetha ngayo.” Uye athini ke? Uthi: “Ndiye ndizame ukukhululeka. Abantwana endifunda nabo bayakhululeka xa bethetha ngezinto abazenzayo. Mna ndinqandwa yintoni ke? Ndiye ndithethe into enjengale, ‘Ngenye imini bendifundisa umntu iBhayibhile, kwasuke . . . ’ Emva koko ndithethe loo nto bendifuna ukuyithetha. Nangona bendingathethi ngeBhayibhile ekuqaleni, abanye baye bafune ukwazi ukuba ndenza ntoni xa ndifundisa abantu iBhayibhile. Ngamanye amaxesha baye babuze imibuzo. Qho ndiyisebenzisa le ndlela, kuya kusiba lula. Ndiye ndivuye kakhulu emva koko!”

17. Indlela olujonga ngayo unqulo lwakho inokukunceda njani uthethe nabantu?

17 Xa ubahlonela abantu uze uzame ukubazi, nabo baza kukuhlonela. UOlivia oneminyaka eyi-17, owabhaptizwa engaphantsi kweminyaka eyi-13, uthi: “Ndandisoloko ndisoyika ukuthetha ngeBhayibhile, kuba ndisithi abantu baza kucinga ukuba andibhadlanga.” Kodwa wayitshintsha indlela acinga ngayo. Kunokuba acinge ngezinto azoyikayo, wacinga ngokuba: “Ulutsha oluninzi aluwazi amaNgqina KaYehova. Awona maNgqina ludibana nawo sithi. Ngoko indlela esenza ngayo inokulwenza luwamkele okanye lungawamkeli. Yintoni enokwenzeka ukuba singabantu abaneentloni okanye abathuleyo, okanye asikwazi kuthethelela unqulo lwethu, okanye siyoyika xa sithetha? Luza kusithatha njengabantu abangenabhongo ngokuba ngamaNgqina. Lunokude lusichase kuba singazithembanga. Kodwa xa sithetha ngokukhululekileyo, siqinisekile ngento esiyikholelwayo, ibe iyinto esiqhelileyo ukuthetha ngayo, kuza kuba lula ukuba lusihlonele.”

SEBENZELA UKUSINDISWA

18. Ziintoni ekufuneka uzenze xa usebenzela ukusindiswa?

18 Njengoko sele sibonile, kubalulekile ukuba usebenzele ukusindiswa. Ezinye izinto ezifunekayo kukuba ufunde iLizwi LikaThixo, ucinge ngalo, uthandaze kuYehova uze ucinge ngezinto akusikelele ngazo. Xa uzenza ezi zinto uza kutsho uqiniseke nangakumbi ukuba uYehova ungakwicala lakho. Loo nto iza kukwenza uthethe ngeenkolelo zakho.—Funda iNdumiso 73:28.

19. Kutheni ungenakuzisola ngokusebenzela ukusindiswa?

19 UYesu wathi: “Ukuba nabani na ufuna ukundilandela, makazincame, athabathe isibonda sakhe sentuthumbo aze aqhubeke endilandela.” (Mat. 16:24) Kucacile ukuba, ukuba ngumfundi, ngamany’ amazwi ukuzinikela nokubhaptizwa, yinto elindelekileyo kuwe ukuze ube ngumKristu. Kodwa iza kukwenza usikelelwe ngezinto ezininzi, uze uphile ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha. Ngoko unezizathu ezininzi zokuba usebenzele ukusindiswa!

^ isiqe. 11 Ukuze ufumane amanye amacebiso, jonga indawo ethi “Ulutsha Luyabuza—Kutheni Kufuneka Ndithandaze?” kunye nephepha onokubhala kulo elihamba neli nqaku ku-jw.org.