Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba iZibhalo ziyawavumela amaKristu ukuba acwangcise esebenzisa i-IUD (into yokucwangcisa efakwa esibelekweni)?

Le yinto abantu ababini abatshatileyo abanokuyicingisisa kakuhle baze bajonge noko kuthethwa yiBhayibhile. Emva koko, banokwenza isigqibo esiza kubashiya bengatyiwa sisazela.

Xa kwakusekho abantu ababini kuphela emhlabeni (naxa babesibhozo emva koMkhukula) uYehova wathi: “Qhamani, nande.” (Gen. 1:28; 9:1) IBhayibhile ayitsho ukuba loo nto yatshiwo nakumaKristu. Ngenxa yoko, yindoda nomfazi wayo abaya kugqiba ekubeni bazale okanye bangazali nokuba bazale nini. Ziintoni abafanele bacinge ngazo?

AmaKristu afanele acinge ngoko kuthethwa yiBhayibhile xa ekhetha indlela yokucwangcisa. Yiloo nto engasikhuphi isisu. Ukukhupha isisu ngabom akuvunyelwa yiBhayibhile kuba ithi sifanele sibuxabise ubomi. UmKristu akanakukhetha ukubulala ubomi obuza kukhula bube ngumntu. (Eks. 20:13; 21:22, 23; INdu. 139:16; Yer. 1:5) Ngaba unokuyisebenzisa i-IUD?

Le nto kwakha kwathethwa ngayo kwiMboniselo yesiNgesi kaMeyi 15, 1979 iphepha 30-31. Ii-IUD zelo xesha zazenziwe ngeplastiki, zingenazikhemikhali kwaye zazifakwa esibelekweni ukuze umntu angakhulelwa. IMboniselo yathi kwakungaziwa ncam ukuba zisebenza njani ii-IUD ngelo xesha. Oogqirha abaninzi ngelo xesha bathi le IUD yayisenza imbewu yendoda ingafiki kwiqanda lomfazi. Ukuba imbewu neqanda zazingadibani babungabikho ubomi.

Kodwa ke, kukho ubungqina obubonisa ukuba ngamanye amaxesha imbewu yendoda iye idibane neqanda lomfazi. Elo qanda linokukhulela kwimibhobho yesibeleko okanye lihambe liye esibelekweni. Xa lisesibelekweni, i-IUD inokubangela ukuba lingathi nca kudonga lwesibeleko lize liqhubeke likhula. Loo nto ibufana nokukhupha isisu. Le Mboniselo yathi xa igqibezela: “UmKristu ozibuza ukuba kulungile na ukusebenzisa i-IUD kufuneka athathe le nkcazelo aze ayithelekise nento yokuba iBhayibhile isithi masibuxabise ubomi kuba bungcwele.”—INdu. 36:9.

Ngaba ikho into entsha eye yavela kwizifundo zoogqirha ukususela ngo-1979, emva kokuphuma kwaloo Mboniselo?

Kuye kwabakho iintlobo ezimbini ze-IUD. Enekopolo yaqalisa ukufumaneka eMerika ngo-1988. Kanti ekhupha incindi, yona yaqalisa ukufumaneka ngo-2001. Zisebenza njani?

Ikopolo: Njengokuba sele sitshilo, kubonakala ngathi i-IUD yenza kube nzima ukuba imbewu idibane neqanda. Ngaphezu koko, i-IUD ekhupha ikopolo iyayityhefa imbewu ize iyibulale. * Ukongezelela le IUD iyalutshintsha udonga lwesibeleko.

Incindi yedlala: Kwezi IUD zinencindi kukho ezinencindi efana nekwiipilisi zokucwangcisa. Ezi IUD zikhuphela incindi esibelekweni. Kubonakala ngathi kwabanye oomama zenza kungabikho qanda liphumayo liye kwimibhobho yesibeleko. Lo nto ithetha ukuba umama akanakukhulelwa. Kwakhona kuthiwa le IUD yenza udonga lwesibeleko lubhitye. * Kuthiwa yenza nencindi ekumlomo wesibeleko ibe ngqumbululu kuze kube nzima ukuba imbewu ingene esibelekweni. Eziya zokuqala ii-IUD zazingayenzi le nto.

Njengoko sesibonile, zombini ezi ntlobo ze-IUD kubonakala ngathi zinento eziyenzayo kudonga lwesibeleko. Kodwa ke, kwenzeka ntoni kwiqanda eliye ladibana nembewu? Lisenokungakwazi ukuthi nca kudonga lwesibeleko olutshintshiweyo. Loo nto ithetha ukuba usana obeluza kukhula luye lwafa. Kodwa ke amathuba okuba yenzeke loo nto anqabile, njengokuba kunjalo nakwiipilisi zokucwangcisa.

Ngoko akukho mntu unokuqiniseka athi i-IUD enekopolo okanye enencindi yedlala yenza ukuba iqanda lingaze lidibane nembewu. Kodwa ubungqina obuza nesayensi bubonisa ukuba ngenxa yezi zinto sele sithethe ngazo ezenziwa zezi IUD emzimbeni, anqabile amathuba okuba akhulelwe umntu ozisebenzisayo.

Indoda nomfazi abatshatileyo abacinga ukusebenzisa i-IUD kungakuhle ukuba bathethe nogqirha kuqala ngokuba zeziphi ii-IUD ezifumaneka apho bahlala khona, zinceda njani nokuba zeziphi iingozi. Abafanele bafune omnye umntu, nogqirha lowo, ukuba abaxelele ukuba benze ntoni. (Roma 14:12; Gal. 6:4, 5) Sisigqibo sabo bodwa. Kufuneka xa besenza eso sigqibo bacinge ngokukholisa uYehova nokuba abafuni kutyiwa sisazela.—Thelekisa neyoku-1 kuTimoti 1:18, 19; neyesi-2 kuTimoti 1:3.

^ isiqe. 4 Enye incwadi yezempilo yaseNgilani ithi: “I-IUD enekopolo isebenza kakuhle ngaphezu kwe-99 pesenti. Le nto ithetha ukuthi kumabhinqa ayi-100 asebenzisa olu hlobo lwe-IUD, ngonyaka lisenokuba linye okanye lingabikho ibhinqa elikhulelwayo. I-IUD enekopolo encinci inokungasebenzi kakuhle.”

^ isiqe. 5 Ngamanye amaxesha ii-IUD zinikwa abafazi abatshatileyo nabangatshatanga abanengxaki yegazi eliphuma kakhulu xa besexesheni.