Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ndinethemba KuThixo”

“Ndinethemba KuThixo”

“UAdam wokugqibela waba ngumoya onik’ ubomi.”—1 KOR. 15:45.

IINGOMA: 111, 12

1-3. (a) Yintoni esifanele siyiquke xa sibala iimfundiso ezibalulekileyo kuthi? (b) Kutheni ibaluleke kangaka into yokuvuswa kwabantu ekufeni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

UBUYA kuthini ukuba ubunokubuzwa lo mbuzo, ‘Ziziphi ezona mfundiso zibalulekileyo kukholo lwakho?’ Ngokuqinisekileyo ubuya kumchazela loo mntu ukuba uYehova nguMdali noMniki-bomi. Mhlawumbi ubuya kumchazela nokuba ukholelwa kuYesu Kristu, owafela izono zethu. Uze umchazele nokuba kungekudala, umhlaba uza kuba yiparadesi, kwaye abantu bakaThixo baza kuphila ubomi obungenasiphelo. Kodwa ngaba ubuya kumxelela nokuba imfundiso yokuvuswa kwabantu ekufeni yenye yezona uzithanda kakhulu?

2 Zininzi izizathu zokuba siyifake le mfundiso xa sibala ezona zibalulekileyo kuthi, kwanokuba sinethemba lokuba siza kusinda kwimbandezelo enkulu size siphile emhlabeni ngonaphakade. Umpostile uPawulos wabonisa isizathu sokuba ukuvuswa kwabafi kubalulekile kukholo lwethu, xa wathi: “Ukuba, eneneni, akukho luvuko lwabafileyo, noKristu akavuswanga.” Ukuba uKristu wayengavuswanga ekufeni, ebengayi kuba nguKumkani wethu, kwaye besiya kuba siyaxoka xa sifundisa abantu ngolawulo lwakhe. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:12-19.) Kodwa ke siyazi ukuba uYesu wavuswa ekufeni. Thina asifani neqela lamaYuda elalingabaSadusi, elalingafuni nokuva ukuba umntu oswelekileyo angaphinda aphile. Nokuba sele sihlekwa ngabantu, siyaqhubeka sikholelwa ukuba abantu abaswelekileyo baza kuphinda bavuswe.—Marko 12:18; IZe. 4:2, 3; 17:32; 23:6-8.

3 Xa uPawulos wayebhala ‘ngemfundiso esisiqalelo ngoKristu,’ waquka ‘imfundiso engovuko lwabafileyo.’ (Heb. 6:1, 2) Wayigxininisa into yokuba wayekholelwa ukuba abafi baza kuvuka ekufeni. (IZe. 24:10, 15, 24, 25) Into yokuba le mfundiso iyenye yezinto “eziziziqalelo zezibhengezo ezingcwele zikaThixo” ayithethi kuthi singavele siyikhe nje phezulu. (Heb. 5:12) Ngoba?

4. Yiyiphi imibuzo abantu abanokusibuza yona ngokuvuswa kwabantu abaswelekileyo?

4 Xa abantu beqalisa ukufunda iBhayibhile, baye bafunde ngamabali okuvuswa kwabantu ekufeni, njengelikaLazaro. Bafunda nokuba uAbraham, uYobhi noDaniyeli babengathandabuzi ukuba, kwixesha elizayo, abafi baza kuphinda baphile. Kodwa ungamphendula uthini umntu othi yiza nobungqina bokuba into eyathenjiswa kudala kangaka iseza kwenzeka? Ngaba iBhayibhile iyasichazela ukuba baza kuvuswa nini kanye kanye abantu abaswelekileyo? Iimpendulo zale mibuzo zibalulekile ukuze ukholo lwethu lomelele, ngoko makhe sibone ukuba iZibhalo zisiphathele ntoni.

WAVUSWA EMVA KWAMAKHULU EMINYAKA KUPROFETIWE

5. Yiyiphi into engokuvuswa kwabantu ekufeni esiza kuthetha ngayo?

5 Kulula ukuba iingqondo zethu ziyikholelwe into yokuvuswa komntu osandul’ ukusweleka. (Yoh. 11:11; IZe. 20:9, 10) Kodwa kuthekani ukuba kuthiwa loo mntu uza kuvuswa kumakhulu eminyaka ezayo? Ngaba ubuza kuyithemba loo nto, kwanokuba loo mntu usandul’ ukusweleka okanye sele enexesha eswelekile? Ukho umntu ekwakuthenjiswe ukuba uza kuvuswa kumakhulu eminyaka ngaphambi kokuba avuswe, ibe wavuswa, kwaye uyayikholelwa loo nto. Ngubani lowo? Ibe kudibana njani ukuvuswa kwakhe nethemba esinalo lokuvuswa kwabafi?

6. Sazaliseka njani isiprofeto seNdumiso 118 kuYesu?

6 Makhe sithethe ngeNdumiso 118, ekuthiwa yabhalwa nguDavide, ethetha ngomntu ekwakuprofetwe kwakudala ukuba uza kuvuswa. Inesi sicelo: “Yehova, khawuncede usindise! . . . Makabongwe Lowo uzayo egameni likaYehova.” Mhlawumbi usakhumbula abantu becaphula la mazwi athetha ngoMesiya xa uYesu wayengena eYerusalem ngoNisan 9, ekhwele idonki. (INdu. 118:25, 26; Mat. 21:7-9) Kutheni sisithi esi sibhalo sithetha ngovuko olwaluza kwenzeka kwiminyaka emininzi sibhaliwe? Khawuphawule enye into eyaprofetwayo kule ndumiso: “Ilitye abaligatyayo abakhi liye laba yintloko yembombo.”—INdu. 118:22.

‘Abakhi’ bamchasa uMesiya (Jonga isiqendu 7)

7. AmaYuda amchasa kangakanani uYesu?

7 “Abakhi” ekuthethwa ngabo apha ziinkokeli zamaYuda ezamchasayo uMesiya. Azizange ziphelele nje ekungayamkelini into yokuba unguKristu. AmaYuda amaninzi amchasa kangangokuba ayekhwaza esithi makabulawe. (Luka 23:18-23) Afak’ isandla ekubulaweni kukaYesu.

UYesu wavuswa waza waba ‘lilitye eliyintloko lembombo’ (Jonga isiqendu 8, 9)

8. UYesu wakwazi njani ukuba ‘lilitye eliyintloko lembombo’?

8 Ukuba uYesu wachaswa waza wabulawa ngamaYuda, wayeza kuba lilo njani ‘ilitye eliyintloko lembombo’? Loo nto yayinokwenzeka kuphela ukuba uyavuswa ekufeni. UYesu wayicacisa ngokwakhe le nto. Wenza umzekeliso wabalimi ababebaphatha kakubi abantu abathunywe ngumnini-sidiliya kubo, kanye ngendlela amaSirayeli awayebaphatha kakubi ngayo abaprofeti abathunywe nguThixo kuwo. Kulo mzekeliso, ekugqibeleni umnini-sidiliya uthumela unyana wakhe okwayindlalifa. Ngaba bamphatha kakuhle yena? Tu ke khona. Abo balimi bade bambulala. Emva kwalo mzekeliso, uYesu wacaphula amazwi esiprofeto akwiNdumiso 118:22. (Luka 20:9-17) Nompostile uPetros wathetha into efanayo xa wayebhekisa ‘kubalawuli, amadoda amakhulu, nababhali’ abangamaYuda eYerusalem. Wathetha ‘ngoYesu Kristu umNazarete, abambethelelayo kodwa uThixo wamvusa kwabafileyo.’ Emva koko, uPetros wathi: “Yena ‘ulilitye elaphathwa nini bakhi njengelingabalulekanga eliye laba yintloko yembombo.’”—IZe. 3:15; 4:5-11; 1 Pet. 2:5-7.

9. INdumiso 118:22 yaprofeta ngantoni?

9 INdumiso 118:22 yaprofeta kumakhulu eminyaka ukuba ukhona umntu owayeza kuvuswa. UMesiya wayeza kuchaswa aze abulawe, kodwa avuswe aze abe lilitye eliyintloko lembombo. Ngoko ngulo Nyana kaThixo ovusiweyo kuphela onegama “elinikelweyo phakathi kwabantu esimele ukusindiswa ngalo.”—IZe. 4:12; Efe. 1:20.

10. (a) INdumiso 16:10 yaprofeta ngantoni? (b) Kutheni siqinisekile ukuba iNdumiso 16:10 ayithethi ngoDavide?

10 Makhe sithethe ngenye ivesi eyaprofeta ngokuvuswa komntu. Yabhalwa kwiminyaka engaphezu kwewaka ngaphambi kokuba avuswe, nto leyo ebonisa ukuba asimele sililahle ithemba naxa sele kudlule ixesha elide kuprofetiwe. KwiNdumiso 16, uDavide wabhala wathi: “Akuyi kuwushiya [engcwabeni] umphefumlo wam. Akuyi kumvumela onyanisekileyo wakho abone umhadi.” (INdu. 16:10) Apha uDavide wayengathi yena akasoze afe. ILizwi LikaThixo liyibeka icace into yokuba uDavide waluphala waza wasweleka. “Walala kookhokho bakhe, wangcwatyelwa kwisiXeko sikaDavide.” (1 Kum. 2:1, 10) Ithini kanti iNdumiso 16:10?

11. UPetros wathetha nini ngeNdumiso 16:10?

11 Nantsi eyona nto ithethwa sesi sibhalo. Emva kweminyaka engaphezu kwewaka sibhaliwe, nasemva kweeveki uYesu efile waza wavuswa, uPetros wathetha nesihlwele sabantu ecaphula iNdumiso 16:10. (Funda iZenzo 2:29-32.) Wachaza ukuba uDavide wafa waza wangcwatywa. Eso sihlwele sasiyazi loo nto. Akukho mntu wamphikisayo xa wathi uDavide “wabona kwangaphambili waza wathetha ngovuko” lukaMesiya.

12. INdumiso 16:10 yazaliseka njani? Loo nto ingqina ntoni ngokuvuswa kwabantu ekufeni?

12 UPetros wayigxininisa le nto ngokucaphula amazwi kaDavide akwiNdumiso 110:1. (Funda iZenzo 2:33-36.) Le ndlela uPetros awayezicacisa ngayo iZibhalo yenza eso sihlwele sabona ukuba uYesu ‘yiNkosi noKristu.’ Okubaluleke nangakumbi kukuba, abantu bavuma ukuba iNdumiso 16:10 yazaliseka xa uYesu wayevuswa ekufeni. Kamva, nompostile uPawulos wathetha into efanayo kumaYuda esixeko sakwa-Antiyokwe, ePisidiya. Ayithanda le nto wayeyithetha, kangangokuba afuna ukuba awacacisele ngakumbi. (Funda iZenzo 13:32-37, 42.) Imele ibangel’ umdla nakuthi into yokuba iziprofeto zeBhayibhile ezingokuvuswa kwabantu zazaliseka, nangona kwakusele kudlule amakhulu eminyaka.

BAVUSWA NINI ABAFI?

13. Yiyiphi imibuzo esinokuyibuza ngokuvuswa kwabantu?

13 Ifanele isikhuthaze into yokuba umntu ekwazi ukuvuswa ekufeni nasemva kwamakhulu eminyaka ithenjisiwe loo nto. Kodwa ke kusenokwenzeka ukuba uzibuza le mibuzo: ‘Ngaba le nto ithetha ukuba ndiza kulinda ixesha elide ngaphambi kokuba isihlobo sam sivuswe? Baza kuvuswa nini kanti abantu?’ Kaloku, uYesu waxelela abapostile bakhe ukuba kwakukho izinto ababengazazi nababengenakuzazi. Wathi nguYise kuphela owazi iinkcukacha ‘zamaxesha namathuba awabekileyo.’ (IZe. 1:6, 7; Yoh. 16:12) Kodwa ke le nto ayithethi kuthi akukho kwanto siyaziyo ngexesha abaza kuvuswa ngalo abantu.

14. Uvuko lukaYesu lwahluke njani kolwabantu abavuswa ngaphambi kwakhe?

14 Ukuze uyiqonde le nto, khumbula uvuko eprofeta ngalo iBhayibhile. Olona lubalulekileyo lolukaYesu. Ukuba ebengavuswanga, ngesingenalo ithemba lokubona izihlobo zethu eziswelekileyo. Abantu ababevuswe ngaphambi koYesu, njengabavuswa nguEliya noElisha, baphinda bafa, yaza imizimba yabo yonakala engcwabeni. Kodwa uYesu yena “wavuswa kwabafileyo, akasafi; ukufa akuseyiyo inkosi phezu kwakhe.” Usezulwini, uphila “ngonaphakade kanaphakade” kwaye umzimba wakhe awuzange wonakala.—Roma 6:9; ISityhi. 1:5, 18; Kol. 1:18; 1 Pet. 3:18.

15. Kutheni kusithiwa uYesu ‘yintlahlela’?

15 UYesu waba ngowokuqala ukuvuswa ngale ndlela, kwaye uvuko lwakhe lolona lubalulekileyo. (IZe. 26:23) Kodwa ke ayinguye yedwa owathenjiswa ukuba uza kuvuselwa ezulwini enomzimba womoya. Wathembisa abapostile bakhe abathembekileyo ukuba wayeza kulawula nabo ezulwini. (Luka 22:28-30) Kodwa ukuze bafumane loo mvuzo, kwakuza kufuneka bafe kuqala. Emva koko, babeza kuvuswa benomzimba womoya njengoKristu. UPawulos wabhala wathi, “uKristu uvusiwe kwabafileyo, intlahlela kwabalele ekufeni.” Wachaza nokuba kukho nabanye ababeza kuvuselwa ezulwini, esithi: “Ngamnye kuluhlu lwakhe: UKristu intlahlela, emva koko abo bangabakaKristu ebudeni bobukho bakhe.”1 Kor. 15:20, 23.

16. Sazi njani ukuba bavuswa nini abo baza kuya ezulwini?

16 La mazwi asenza sibone ukuba bavuswa nini abo baza kuya ezulwini. Bavuswa “ebudeni bobukho bakhe.” Kudala amaNgqina KaYehova asebenzisa iBhayibhile ukuze abonise ukuba ‘ubukho’ bukaYesu buqale ngo-1914. Busaqhubeka nangoku, kwaye isiphelo seli hlabathi sele sisondele kakhulu.

17, 18. Yintoni eza kwenzeka kubathanjiswa abasesemhlabeni ngexesha lobukho bukaKristu?

17 IBhayibhile inezinye izinto ezithethayo ngabo baza kuvuselwa ezulwini: “Asifuni ukuba ningazi nto ngabo balele ekufeni . . . Kuba ukuba niyakholwa ukuba uYesu wafa waza wavuka kwakhona, ngokunjalo, nabo balele ekufeni uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu . . . Thina baya kuba besaphila ebudeni bobukho beNkosi asiyi kubandulela konke konke abo balele ekufeni; ngenxa yokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla ivela ezulwini, idanduluke ngezwi . . . yaye abo bafe bemanyene noKristu baya kuvuka kuqala. Emva koko, thina baphilayo, basaseleyo, siya kuthatyathelwa emafini, ndawonye nabo, ukuze sihlangabeze iNkosi esibhakabhakeni; size ke sisoloko sikunye neNkosi.”—1 Tes. 4:13-17.

18 Uvuko lokuqala lwaluza kwenzeka emva kokuqalisa ‘kobukho’ bukaKristu. Abathanjiswa abasesemhlabeni ngexesha lembandezelo enkulu baya “kuthatyathelwa emafini.” (Mat. 24:31) Bona abayi ‘kulala ekufeni,’ ngamany’ amazwi abayi kulala ixesha elide ekufeni. Baya “kutshintshwa, ngesiquphe, ngokuqhwanyaza kweliso, ebudeni bexilongo lokugqibela.”—1 Kor. 15:51, 52.

19. Luluphi “uvuko olulunge ngakumbi” oluseza kwenzeka?

19 Kule mihla, amaKristu amaninzi awathanjiswanga, ngoko awazukuya ezulwini. Kunoko, alinde ukuba kupheliswe eli hlabathi ‘ngemini kaYehova.’ Akakho umntu owaziyo ukuba liza kupheliswa nini, kodwa izinto ezenzekayo zibonisa ukuba sele liza kupheliswa. (1 Tes. 5:1-3) Emva koko, abantu baza kuvuswa, kodwa bona bavuselwe emhlabeni oyiparadesi. Baza kuvuswa benethemba lokwenziwa bafezeke bangaze bafe. Ngokuqinisekileyo olo iza kube ‘iluvuko olulunge ngakumbi’ kunolwexesha elidluleyo, xa “abafazi babamkela abafileyo babo bevukile,” kodwa baphinda basweleka ekuhambeni kwexesha.—Heb. 11:35.

20. Kutheni sinokulindela ukuba uvuko lwasemhlabeni luza kwenzeka ngocwangco?

20 IBhayibhile xa ithetha ngabo baza kuvuselwa ezulwini, ithi baza kuvuswa ngendlela enocwangco. (1 Kor. 15:23) Sinokulindela ukuba novuko lwasemhlabeni luza kwenzeka ngolo hlobo. Ibangel’ umdla le nto. Ngaba abo basweleke mva baza kuvuswa ekuqaleni koLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka ukuze bamkelwe zizihlobo ezibaziyo? Ngaba kuza kuqala kuvuswe amadoda akudala awafa ethembekile nakwaziyo ukukhokela ukuze ancedise ekwalathiseni abantu bakaThixo kwihlabathi elitsha? Kuza kwenzeka ntoni kubantu abangazange bamkhonze uYehova? Baza kuvuswa nini, bevuselwa phi? Mininzi imibuzo esinokuyibuza. Kodwa, xa sitheth’ inyani, ngaba kuyimfuneko ukuziqhekez’ intloko ngezi zinto? Kutheni singalindi nje? Siza kuvuya xa sibona indlela uYehova aza kuzenza ngayo izinto.

21. Ucinga ntoni wena ngovuko?

21 Okwangoku, sifanele siqinise ukholo lwethu kuYehova, kuba usebenzise uYesu ukuze asiqinisekise ukuba, uza kubavusa abakhonzi bakhe. (Yoh. 5:28, 29; 11:23) UYesu wakha wathi uAbraham, uIsake noYakobi “bayaphila” kuYehova, nto leyo engqina ukuba uyakwazi ukuvusa abafi. (Luka 20:37, 38) Ngoko sinezizathu ezininzi zokuthetha amazwi awathethwa nguPawulos, esithi: “Ndinethemba kuThixo . . . lokuba kuza kubakho uvuko.”—IZe. 24:15.