Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ndiyazi Ukuba Uza Kuvuka”

“Ndiyazi Ukuba Uza Kuvuka”

“Umhlobo wethu uye kuphumla, kodwa ndiyahamba ndiya apho ukuze ndimvuse.”—YOH. 11:11.

IINGOMA: 129, 154

1. Yintoni le uMarta wayeqiniseke ngayo ukuba iza kwenzeka kumntakwabo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

UMARTA, umhlobo nomfundi kaYesu, wayebuhlungu kakhulu. Wayeswelekelwe ngumntakwabo, uLazaro. Ngaba ikhona into eyayinokumthuthuzela? Ewe, ikhona. UYesu wamqinisekisa wathi: “Umntakwenu uza kuvuka.” Loo mazwi kaYesu ayengenakuyiphelisa yonke intlungu yakhe, kodwa wamva. UMarta wathi: “Ndiyazi ukuba uza kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela.” (Yoh. 11:20-24) Wayeqinisekile ukuba iza kwenzeka loo nto. UYesu wenza ummangaliso. Wamvusa kwangaloo mini uLazaro, waza waphila kwakhona.

2. Kutheni umele uqiniseke njengoMarta?

2 Asinakulindela ukuba uYehova noYesu basenzele ummangaliso ofana nalowo. Kodwa, ngaba uqiniseke njengoMarta ukuba isihlobo sakho siza kuvuswa kwixesha elizayo? Mhlawumbi ngumyeni okanye inkosikazi, umama okanye utata, utat’ omkhulu okanye umakhulu. Okanye ubuhlungu ngenxa yokuswelekelwa ngumntwana. Inoba ngaske umbone, uncokole naye, nihleke, nangane kube mnandi. Into evuyisayo kukuba, njengoMarta, nawe unesizathu esivakalayo sokuthi, ‘Ndiyazi ukuba uza kuvuswa.’ Sekunjalo, kungakuhle ukuba umKristu ngamnye acinge ukuba kutheni eqinisekile ngale nto.

3, 4. Ukholo lukaMarta lusenokuba lwaqiniswa njani yinto uYesu awayesandul’ ukuyenza?

3 UMarta wayehlala kufutshane naseYerusalem, ngoko kusenokwenzeka ukuba akazange ambone uYesu xa wayevusa unyana womhlolokazi kufutshane naseNayini, eGalili. Kodwa kusenokwenzeka ukuba wabaliselwa ngaloo nto. Kwaye iyafana nokuvuswa kwentombi kaYayiro. Abantu ababekwikhaya laloo ntwazana “babesazi ukuba ifile.” UYesu wabamba isandla sayo waza wathi: “Ntombazana, vuka!” Yavuka ngoko nangoko. (Luka 7:11-17; 8:41, 42, 49-55) UMarta nodadewabo, uMariya, babesazi ukuba uYesu uyakwazi ukuphilisa abantu abagulayo. Ngoko babekholelwa ukuba, ukuba uYesu wayekhona, ngewayengazange asweleke uLazaro. Kodwa ke wayeswelekile ngoku, kwakuza kuthiwani? Phawula ukuba uMarta wathi uLazaro wayeza kuvuswa kwixesha elizayo, “ngomhla wokugqibela.” Yintoni le eyayimenza aqiniseke? Kutheni nawe unokuqiniseka ukuba izihlobo zakho ziza kuvuswa kwixesha elizayo?

4 Zininzi izizathu zokuba uqiniseke. Siza kuthetha ngezinye zazo, ibe mhlawumbi uza kubona izinto ezikwiLizwi LikaThixo ongazange ucinge ukuba ziyadibana nethemba lokubona izihlobo zakho kwakhona.

IZINTO EZENZEKAYO EZISINIKA ITHEMBA!

5. Yintoni eyayimenza aqiniseke uMarta ukuba uLazaro uza kuvuswa?

5 Phawula ukuba uMarta akazange athi: ‘Ndiyathemba ukuba umntakwethu uza kuvuka.’ Kunoko wathi: “Ndiyazi ukuba uza kuvuka.” Into eyayimenza aqiniseke uMarta kusenokwenzeka ukuba yimimangaliso awafunda ngayo ngaphambi kokuba uYesu aqalise ukushumayela. Wayifundiswa eseyintwazana kowabo nakwindlu yesikhungu. Siza kuthetha ngemithathu yayo.

6. Ngowuphi ummangaliso owenziwa nguEliya, ibe udibana njani noMarta?

6 Siza kuqala ngovuko olwenzeka ngexesha umprofeti uEliya wayenikwe amandla nguThixo okwenza imimangaliso. ETsarefathi, eyayiyidolophu eselunxwemeni yamaFenike, kwakukho umhlolokazi owenzela lo mprofeti ububele. UThixo wenza ummangaliso wokuba umgubo neoli yakhe zingapheli, ukuze yena nonyana wakhe bangafi. (1 Kum. 17:8-16) Ekuhambeni kwexesha, unyana wakhe wagula waza wasweleka. UEliya wamnceda. Wathandaza wathi: “Owu Yehova Thixo wam, nceda, [umenze aphile lo] mntwana.” Yenzeka loo nto! UThixo wamva uEliya, waza umntwana waphila kwakhona. Ungumntu wokuqala owavuswayo esiva ngaye eBhayibhileni. (Funda eyoku-1 yeziKumkani 17:17-24.) Ngokuqinisekileyo, uMarta wayewazi lo mmangaliso.

7, 8. (a) Balisa into eyenziwa nguElisha ukuze aphelise intlungu kwibhinqa elithile. (b) Ummangaliso kaElisha ungqina ntoni ngoYehova?

7 Ummangaliso wesibini wokuvuswa komntu oseBhayibhileni, wenziwa ngumprofeti uElisha, owangena ezihlangwini zikaEliya. Inkosikazi engumSirayeli edumileyo yaseShunem yalungiselela uElisha indawo yokuhlala. Esebenzisa lo mprofeti, uThixo wayivuza ngonyana le nkosikazi nomyeni wayo owayaluphele. Emva kweminyaka, lo nyana wasweleka. Usenokuyicingela indlela awayebuhlungu ngayo unina. Umyeni wakhe wamvumela ukuba ahambe iikhilomitha eziyi-30 aye kuElisha kwiNtaba YeKarmele. Lo mprofeti wathumela uGehazi ukuba akhawuleze aye eShunem, ngoxa bona belandela. UGehazi woyiswa kukumvusa loo mntwana. Emva koko uElisha nomama womntwana bafika.—2 Kum. 4:8-31.

8 Wathi akufika eShunem, wangena endlwini waya kumzimba womntwana waza wathandaza. Umntwana waphila, waza uElisha wamsa kumama wakhe owayevuya kakhulu! (Funda eyesi-2 yeziKumkani 4:32-37.) Kusenokwenzeka ukuba wakhumbula amazwi awayethethwe nguHana emthandazweni xa wayesisa uSamuweli ukuba aye kukhonza emnqubeni, esithi: “UYehova . . . owehlisela [engcwabeni], kwaYena uyanyusa.” (1 Sam. 2:6) Kucacile ukuba nguThixo owavusa unyana weli bhinqa laseShunem, ebonisa ukuba uyakwazi ukuvusa abantu.

9. Chaza indlela uThixo awasebenzisa ngayo amathambo kaElisha kuvuko lwesithathu ekuthethwa ngalo eBhayibhileni.

9 Kodwa ikho enye into eyenzekayo eyayibandakanya uElisha. Emva kweminyaka eyi-50 engumprofeti, ‘wagula sisifo esambulalayo.’ Ekuhambeni kwexesha, xa umzimba kaElisha wawusele ungamathambo, kwafika amatutu elizweni. Kwakukho amaSirayeli athile awayeyokungcwaba indoda eswelekileyo. Athi akubona utshaba, asiphosa engcwabeni elalinamathambo kaElisha isidumbu saloo ndoda, aza abaleka. IBhayibhile ithi: “Xa indoda leyo yadibana namathambo kaElisha, ngoko nangoko yaphila yaza yema ngeenyawo zayo.” (2 Kum. 13:14, 20, 21) Inoba yayimfundise ntoni uMarta le mimangaliso? Yayimfundise ukuba ngokuqinisekileyo uThixo unamandla okuvusa abafi. Ikufundisa ntoni wena? Ngokuqinisekileyo ikwenze wabona ukuba amandla kaThixo makhulu, awanamda.

IZINTO EZENZEKA NGEXESHA LABAPOSTILE

10. UPetros wenza ntoni xa kwasweleka uDorkas?

10 NakwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike sifunda ukuba bakho abantu abavuswayo ngabameli bakaThixo. Siyibonile loo nto xa uYesu wavusa umntu kufutshane naseNayin nakwindlu kaYayiro. Yena umpostile uPetros wavusa ibhinqa elingumKristu, uDorkas (uTabhitha). UPetros waya kwindawo eyayinomzimba wakhe. Xa efika ecaleni kwawo, wathandaza. Emva koko, wathi: “Tabhitha, vuka!” Wavuka ngoko nangoko, ibe uPetros weza naye kwamanye amaKristu “ephila.” Wonke umntu owayelapho wazibonela le nto kangangokuba “abaninzi baba ngamakholwa eNkosini.” Ngoku babeza kukwazi ukuxelela abanye abantu ngeNkosi nangokuba uYehova uyakwazi ukuvusa abantu abafileyo.—IZe. 9:36-42.

11. Ugqirha uLuka wafumanisa ntoni emva kokuba ehlole uYutiko? Ibe emva kokuba evusiwe, bathini abantu?

11 Bakhona nabanye abazibonela ngokwabo kuvuswa omnye umntu. Ngenye imini, umpostile uPawulos wayesentlanganisweni kwigumbi eliphezulu eTrowa, kwindawo ngoku ekumntla-ntshona weTurkey. UPawulos wathetha kwade kwasezinzulwini zobusuku. Kwakukho umfana ogama linguYutiko owayehleli ngasefestileni. Wabiwa bubuthongo waza wawa esuka kumgangatho wesithathu. Mhlawumbi ngugqirha uLuka owafika kuqala kuYutiko waza wamhlola. Wayengonzakalanga nje kuphela okanye engekho zingqondweni, kodwa wayeswelekile! UPawulos wehla waya ezantsi wamanga, waza wakhwaza echazela abantu ukuba uyaphila. Imele ukuba yabothusa nyhani abantu ababebukele! Bathi bakubona ukuba lo mfana obeswelekile uvusiwe, “bathuthuzeleka” kakhulu.—IZe. 20:7-12.

SIQINISEKILE NGOVUKO

12, 13. Emva kwale mimangaliso yokuvuswa kwabantu esisele sithethe ngayo, yeyiphi imibuzo esafuna ukuphendulwa?

12 Ezi zinto sithethe ngazo ngasentla zimele zisenze sifane noMarta. Siqinisekile nathi ukuba uThixo nguMniki-bomi ibe uyakwazi ukuvusa abantu abaswelekileyo. Okubangela umdla kukuba kwakubakho umkhonzi kaThixo, njengoEliya, uYesu noPetros xa uYehova esenza imimangaliso. Kodwa ke, kuza kwenzeka ntoni kwabo basweleka ngexesha ekwakungenziwa ngalo imimangaliso yokuvusa abantu? Ukuba kukho ixesha apho uThixo wayengavusi bantu ngalo, ngaba abakhonzi bakaThixo bangalindela ukuba abavuse abantu abafileyo kwixesha elizayo? Ngaba bangaqiniseka njengoMarta owathi: “Ndiyazi ukuba [umntakwethu] uza kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela”? Yintoni le eyayimenza aqiniseke kangaka ibe kutheni nawe umele uqiniseke?

13 Zininzi iZibhalo ezibonisa ukuba abakhonzi bakaYehova babesazi ukuba kuza kubakho uvuko kwixesha elizayo. Makhe sithethe ngezinye zazo.

14. Sifunda ntoni ngovuko kwibali lika-Abraham?

14 Cinga ngento uThixo awathi uAbraham makayenze kuIsake. UYehova wathi: “Nceda, uthabathe unyana wakho, unyana wakho okuphela kwakhe, omthanda kunene, uIsake . . . uze umnikele njengomnikelo otshiswayo.” (Gen. 22:2) Unokuyicingela nawe indlela uAbraham amele ukuba waziva ngayo. UYehova wayethembise ukuba iintlanga zaziza kusikelelwa ngembewu yakhe. (Gen. 13:14-16; 18:18; Roma 4:17, 18) Wathembisa nokuba ezo ntsikelelo zaziza kuza “ngoIsake.” (Gen. 21:12) Kodwa yayiza kwenzeka njani loo nto ukuba uAbraham wayeza kumbulala uIsake aze anikele ngaye? UPawulos waphefumlelwa ukuba achaze ukuba uAbraham wayekholelwa ukuba uThixo wayenako ukumvusa uIsake. (Funda amaHebhere 11:17-19.) IBhayibhile ayitsho ukuba uAbraham wayecinga ukuba uIsake wayeza kuvuswa emva kweeyure, kosuku okanye kweveki. UAbraham wayengazi ukuba unyana wakhe uza kuvuswa nini. Kodwa wayemthemba uYehova ukuba uza kumvusa uIsake.

15. UYobhi wayenethemba lantoni?

15 NoYobhi wayesazi ukuba kuza kubakho uvuko kwixesha elizayo. Wayeqonda ukuba xa umthi ugawulwe, wawuhluma amasebe kwakhona, uze uphinde ube ngumthi. Ayenzeki loo nto ebantwini. (Yobhi 14:7-12; 19:25-27) Xa umntu eswelekile, akakwazi ukuzivusa engcwabeni aze aphile kwakhona. (2 Sam. 12:23; INdu. 89:48) Kodwa wayengathethi kuthi uThixo akakwazi ukuvusa umntu oswelekileyo. Kaloku, uYobhi wayekholelwa ukuba ukho umhla uYehova awayeza kumkhumbula ngawo. (Funda uYobhi 14:13-15.) UYobhi wayengazi ukuba iza kwenzeka nini loo nto. Sekunjalo, wayemthemba uMdali ukuba wayeza kumkhumbula aze amvuse ekufeni.

16. Ingelosi yamkhuthaza yathini umprofeti uDaniyeli?

16 Enye indoda ethembekileyo esifunda ngayo kwiZibhalo ZesiHebhere nguDaniyeli. Kangangamashumi eminyaka, akazange agungqe ekukhonzeni uThixo, ibe noYehova wamxhasa. Ngeny’ imini ingelosi yaxelela le ndoda “inqweneleka kakhulu” inguDaniyeli ukuba ‘mayibe noxolo, yomelele.’—Dan. 9:22, 23; 10:11, 18, 19.

17, 18. UDaniyeli wathenjiswa ntoni?

17 UDaniyeli kusenokwenzeka ukuba wayenexhala ngekamva lakhe kuba wayesondele kwiminyaka eyi-100 ubudala, kwaye sele eza kusweleka. Ngaba wayeza kuvuswa ekufeni? Asiyithandabuzi loo nto! Ekupheleni kwencwadi kaDaniyeli, uThixo wamqinisekisa ngala mazwi: “Wena ke, qhubeka kude kube sekupheleni; uya kuphumla.” (Dan. 12:13) Le ngwevu yayisazi ukuba abafi baphumle, abakwazi “[kuceba nto] nakwazi nakulumka [engcwabeni].” Nayo yayiza kuphumla kungekudala. (INtshu. 9:10) Kodwa yayingayi kuhlala umphelo engcwabeni. Yayithenjiswe ngekamva.

18 Nantsi enye into awayixelelwayo umprofeti uDaniyeli: “Uya kubuya uvuke, wamkele isabelo selifa lakho ekupheleni kwemihla.” Akazange axelelwe xesha. Wayeza kusweleka, aze aphumle. Amazwi athi ‘uya kuvuka amkele isabelo selifa lakhe’ kwixesha elizayo ayemqinisekisa ukuba uza kuvuswa nakanjani. Loo nto yayiza kwenzeka “ekupheleni kwemihla.”

Nawe ungaqiniseka ngovuko njengoMarta (Jonga isiqendu 19, 20)

19, 20. (a) Izinto esithethe ngazo ukuza kutsho ngoku zidibana njani namazwi awathethwa nguMarta kuYesu? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo kwinqaku elilandelayo?

19 Kuyacaca ukuba uMarta wayengayikhi entloko into yokuba umntakwabo, uLazaro, wayeza “kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela.” Isithembiso esenziwa kuDaniyeli, nendlela awayeqiniseke ngayo uMarta xa wayephendula uYesu, zifanele zenze amaKristu aqiniseke nawo kule mihla. Uvuko luza kubakho.

20 Siyibonile indlela izinto ezenzeke kwixesha elidluleyo ezingqina ngayo ukuba uvuko lunako ukwenzeka—abafi bangakwazi ukuphinda baphile. Sibonile nokuba abakhonzi bakaThixo babesazi ukuba ngeny’ imini, abafi babeza kuvuswa. Kodwa ngaba ikho into ebonisa ukuba uvuko lungenzeka emva kokuba kudlule ixesha elide luthenjisiwe? Ukuba kunjalo, nathi siza kufana noMarta, ibe ngathi ayisafiki loo mini yokuvuswa kwabafi. Kodwa iza kwenzeka nini loo nto? Siza kuva kwinqaku elilandelayo.