Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 32

Thobeka, Uzazi Izinto Ongenakuzenza

Thobeka, Uzazi Izinto Ongenakuzenza

“Uhambe ngokuthobeka noThixo wakho!”​—MIKA 6:8.

INGOMA 31 Hamba NoThixo!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Wathini uDavide ngokuthobeka kukaYehova?

NGABA uYehova uthobekile nyhani? Ewe. UDavide wathi: “Undinika ikhaka lakho losindiso, yaye ukuthobeka kwakho kundenza ndibe mkhulu.” (2 Sam. 22:36; INdu. 18:35) Mhlawumbi uDavide wayecinga ngolwa suku umprofeti uSamuweli waya kokwabo ukuze ayokuthambisa ukumkani olandelayo wakwaSirayeli. UDavide wayengoyena umncinci kubafana abasibhozo, kodwa uYehova wakhetha yena ukuba angene ezihlangwini zikaKumkani uSawule.​—1 Sam. 16:1, 10-13.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 UDavide wayenokungqinelana namazwi akwiNdumiso 113 achaza uYehova ngolu hlobo: “Uyagoba ukuze ajonge ezulwini nasemhlabeni, avuse ongenanto eluthulini. Uphakamisa ihlwempu . . . ukuze alihlalise nezikhulu.” (INdu. 113:6-8) Kweli nqaku, siza kuqala sijonge izinto ezibalulekileyo esinokuzifunda ngokuthobeka. Siza kubona neendlela uYehova awalubonakalisa ngazo olu phawu. Siza kuphinda sibone ukuba sinokufunda ntoni kuKumkani uSawule, umprofeti uDaniyeli nakuYesu ngolu phawu lokuthobeka.

SINOKUFUNDA NTONI KUYEHOVA?

3. UYehova ubaphatha njani abakhonzi bakhe, ibe loo nto ibonisa ntoni ngaye?

3 Ukuthobeka kukaYehova kubonakala kwindlela abaphatha ngayo abakhonzi bakhe abangafezekanga. Akamkeli nje indlela esimkhonza ngayo, kodwa usijonga njengabahlobo bakhe. (INdu. 25:14) Ukuze sikwazi ukuba ngabahlobo bakhe, uYehova wanikela ngoNyana wakhe ukuze kuxolelwe izono zethu. UYehova unenceba nyhani.

4. Yintoni uYehova asinike yona, ibe kutheni?

4 Nantsi enye indlela uYehova abonisa ngayo ukuba uthobekile. Ngewayesidale sangakwazi ukukhetha into esinokuyenza ngobomi bethu. Kodwa zange ayenze loo nto. Wasenza ngokomfanekiso wakhe, esinika inkululeko yokuzikhethela. Ufuna simkhonze ngentliziyo yethu yonke kuba simthanda, ibe siyibona nendlela okusinceda ngayo ukumthobela. (Dut. 10:12; Isa. 48:17, 18) Kufuneka simbulele kakhulu uYehova ngokuthobeka kwakhe.

Kuboniswa uYesu esezulwini. Ecaleni kwakhe kukho izidalwa ezilawula kunye naye. UYesu kunye nezi zidalwa bajonge iingelosi ezininzi. Ezinye iingelosi ziya emhlabeni ukuze zenze imisebenzi eziyinikiweyo. UYehova unike zonke izidalwa eziboniswe kulo mfanekiso igunya (Jonga isiqendu 5)

5. UYehova usifundisa njani ukuthobeka? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

5 UYehova usifundisa ukuthobeka ngendlela asiphatha ngayo. Ungoyena ulumkileyo kwindalo yonke. Kodwa uyazamkela izinto ezicetyiswa ngabanye. Ngokomzekelo, wavumela uYesu ukuba amncedise ukudala zonke izinto. (IMize. 8:27-30; Kol. 1:15, 16) Unamandla, kodwa unika nabanye abantu igunya. Ngokomzekelo, ukhethe uYesu ukuba abe nguKumkani woBukumkani, ibe uza kunika nabantu abaza kulawula noYesu abayi-144 000 igunya elithile. (Luka 12:32) Uqeqeshe uYesu ukuba abe nguKumkani noMbingeleli Omkhulu. (Heb. 5:8, 9) Uqeqesha nabantu abaza kulawula noYesu ukuze bawenze kakuhle umsebenzi wabo, kodwa akayilawuli indlela abawenza ngayo. Uyabathemba ukuba baza kuwenza ngendlela ayifunayo.​—ISityhi. 5:10.

Silinganisa uYehova xa siqeqesha abanye size sibanike imisebenzi (Jonga isiqendu 6-7) *

6-7. Singafunda ntoni kuTata wethu osemazulwini ngokunika abanye imisebenzi?

6 Ukuba uTata wethu osemazulwini ongadingi ncedo lwamntu, uyabanika abanye imisebenzi, kubekiselaphi ke ngathi. Ngokomzekelo, ngaba uyintloko ntsapho okanye ungumdala ebandleni? Yiba njengoYehova, ubanike nabanye imisebenzi uze ungazami ukuyilawula indlela abasebenza ngayo. Xa sisenza njengoYehova, asizukugqiba nje umsebenzi, kodwa siza kuqeqesha nabanye size sibancede bazithembe. (Isa. 41:10)

7 IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uyawathanda amacebiso eengelosi. (1 Kum. 22:19-22) Bazali, ningamlinganisa njani uYehova? Xa kufanelekile, buzani abantwana benu ukuba bacinga umsebenzi othile ufanele wenziwe njani. Ukuba kuyenzeka, wenziwe ngaloo ndlela bayicebisayo.

8. UYehova waba nomonde njani kuAbraham noSara?

8 Ukuthobeka kukaYehova kubonakala nakwindlela anomonde ngayo. Ngokomzekelo, uYehova unomonde kubakhonzi bakhe xa bethandabuza izigqibo zakhe, kodwa benembeko. Wammamela uAbraham xa wayesithi akaqondi ukuba wenza isigqibo esilungileyo sokutshabalalisa iSodom neGomora. (Gen. 18:22-33) Usayikhumbula indlela uYehova awaphatha ngayo umfazi ka-Abraham, uSara? Akazange akhubeke okanye abe nomsindo xa uSara wahleka isithembiso sokuba uza kukhulelwa ebudaleni. (Gen. 18:10-14) Kodwa, wamphatha ngesidima uSara.

9. Abazali nabadala banokufunda ntoni kuYehova?

9 Bazali nani badala, yintoni eninokuyifunda kuYehova? Uye uthini xa abantwana bakho okanye abanye ebandleni bengahambisani nesigqibo osenzileyo? Ngaba uye ukhawuleze ubaxelele ukuba bayaphazama? Okanye uye uzame ukubeva kakuhle ukuba bathini? Ziyancedakala iintsapho namabandla xa abo banegunya belinganisa uYehova. Sesithethile ngezinto esinokuzifunda ngokuthobeka kukaYehova. Ngoku siza kufunda nakwabanye abantu abaseBhayibhileni indlela esinokubonisa ngayo ukuba sithobekile.

SINOKUFUNDA NTONI KUBANTU EKUTHETHWA NGABO EBHAYIBHILENI?

10. Yintoni uYehova ayisebenzisayo ukuze asifundise?

10 ‘NjengomYaleli Ozukileyo,’ uYehova usinike iLizwi lakhe ukuze sifunde ngabantu ekuthethwa ngabo kulo. (Isa. 30:20, 21) EBhayibhileni, sifunda ngamabali abantu ababeneempawu ezithandwa nguThixo, njengokuthobeka. Siza kufunda nento eyenzekayo kwabo bangazange babenazo ezi mpawu.​—INdu. 37:37; 1 Kor. 10:11.

11. Yintoni esinokuyifunda kwinto embi eyenziwa nguSawule?

11 Cinga ngento eyenzeka kuKumkani uSawule. Wayengumfana othobekileyo. Wayezazi izinto awayengenakukwazi ukuzenza, wade wathandabuza nokwamkela neminye imisebenzi emininzi. (1 Sam. 9:21; 10:20-22) Ekuhambeni kwexesha, uSawule waqalisa ukuzigqatsa. Le nto yenzeka esandokuba ngukumkani. Ngenye imini, waphelelwa ngumonde xa wayelinde umprofeti uSamuweli. Endaweni yokuba amthembe uYehova ukuba uza kubanceda abantu bakhe, uSawule wanikela ngombingelelo otshiswayo engavumelekanga. Loo nto yenza ukuba uYehova angamthandi uSawule, ekuhambeni kwexesha wamsusa esihlalweni sokuba ngukumkani. (1 Sam. 13:8-14) Iza kusinceda into yokufunda kweli bali size siyeke ukuzigqatsa.

12. UDaniyeli wabonisa njani ukuba uthobekile?

12 Ngoku makhe sifunde ngento entle eyenziwa ngumprofeti uDaniyeli. Wayethobekile ubomi bakhe bonke, esoloko efuna ukukhokelwa nguYehova. Ngokomzekelo, xa wasetyenziswa nguYehova ukuze achaze iphupha likaNebhukadenetsare, uDaniyeli zange azingombe isifuba. Kodwa wanika uYehova lonke uzuko. (Dan. 2:26-28) Sifunda ntoni? Ukuba abazalwana bayazithanda iintetho esizinikelayo okanye siyaphumelela entsimini, lonke uzuko kufuneka silunike uYehova. Kufuneka siyiqonde into yokuba besingenakukwazi ukuzenza ezi zinto ngaphandle kokuncedwa nguYehova. (Fil. 4:13) Xa sicinga ngale ndlela, siza kube silinganisa uYesu Kristu. Njani?

13. Sinokufunda ntoni ngokuthobeka kwinto eyathethwa nguYesu kuYohane 5:19, 30?

13 Nakuba wayenguNyana kaThixo ofezekileyo, uYesu wathembela ngoYehova. (Funda uYohane 5:19, 30.) Akazange afune igunya likaTata wakhe osezulwini. AmaFilipi 2:6 athi uYesu akazange ‘acinge ngokumbhukuqa uThixo ukuze alingane naye.’ Kuba enguNyana othobelayo, uYesu wayezazi izinto awayengenakukwazi ukuzenza, ibe wayelihlonipha igunya likaTata wakhe.

UYesu wayeyazi ibe eyihlonipha into yokuba kukho izinto awayengenakuzenza (Jonga isiqendu 14)

14. Xa uYesu wacelwa into awayengenagunya lokuyenza, waphendula njani?

14 Khawucinge ngento eyenziwa nguYesu xa uYakobi, uYohane nomama wabo bamcela into awayengenagunya lokubanika. Engathandabuzi, waphendula wathi nguTata wakhe yedwa onokugqiba ukuba ngubani ohlala ekunene okanye ekhohlo eBukumkanini. (Mat. 20:20-23) Wayethobekile, eziqonda nezinto awayengenakukwazi ukuzenza. Akazange enze izinto awayengazixelelwanga nguYehova. (Yoh. 12:49) Singenza njani ukuze sifane noYesu?

Singathobeka njani njengoYesu? (Jonga isiqendu 15-16) *

15-16. Angasinceda njani ama-1 Korinte 4:6?

15 Silinganisa ukuthobeka kukaYesu xa sisebenzisa icebiso elifumaneka eBhayibhileni kuma-1 Korinte 4:6. Athi: “Ningagqithi kwizinto ezibhaliweyo.” Xa sicelwa icebiso, akufuneki sinyanzele abantu ukuba bacinge ngendlela esicinga ngayo okanye sithethe into efike kuqala engqondweni. Kodwa, kufuneka sibabonise amacebiso aseBhayibhileni nakwiincwadi zethu ezithetha ngeBhayibhile. Ngaloo ndlela, sibonisa ukuba siyazazi izinto esingenakuzenza. Xa sithobekile, sibonisa nokuba ‘imithetho’ kaSomandla ‘yobulungisa’ isoloko ibhetele.​—ISityhi. 15:3, 4.

16 Ngaphandle kokuhlonipha nje uYehova, sinazo nezinye izizathu zokuthobeka. Ngoku siza kubona ukuba ukuthobeka kungasenza njani sonwabe nokuba sivane nabanye abantu.

KUSINCEDA NJANI UKUTHOBEKA?

17. Yintoni eyenza abantu abathobekileyo bonwabe?

17 Xa sithobekile, sinokuvuya. Ngoba? Xa sizazi izinto esingenakuzenza, siyonwaba size sizixabise izinto esizenzelwa ngabanye. Ngokomzekelo, cinga xa uYesu waphilisa amadoda alishumi awayeneqhenqa. Yaba nye qha eyabuyela kuYesu izokumbulela ngokuyiphilisa kwisifo eyayingenakukwazi ukuziphilisa kuso. Le ndoda ithobekileyo yabulela ngokuncedwa yaza yazukisa uThixo.​—Luka 17:11-19.

18. Ukuthobeka kusinceda njani sivane nabanye abantu (Roma 12:10)?

18 Abantu abathobekileyo badla ngokuvana nabanye abantu baze babe nabahlobo ababathandayo. Kutheni? Bayayazi ukuba nabanye abantu banazo iimpawu ezintle ibe bayabathemba. Bayavuya xa abanye bephumelela kwimisebenzi abayinikiweyo, ibe baba ngabokuqala ukubancoma nokubahlonipha.​—Funda amaRoma 12:10.

19. Kutheni kufuneka sikuphephe ukungathobeki?

19 Bona ke abantu abangathobekanga abakwazi ukuncoma abanye abantu, ingaske kungasoloko kunconywa bona. Basenokuzithelekisa nabanye baze bakhuthaze nomoya wokukhuphisana. Kunokuba baqeqeshe abanye abantu baze babanike imisebenzi badla ngokuthi, “Ukuba ufuna into yenziwe kakuhle, zenzele ngokwakho.” Umntu ongathobekanga ufuna ukubaluleka kunabanye abantu aze abe nomona xa abanye bezenza kakuhle izinto kunaye. (Gal. 5:26) Xa abantu benjalo, abantu bayayeka ukuba ngabahlobo babo. Xa sibona ukuba sinale ngxaki yokungathobeki, kufuneka sicele uYehova asincede ‘sitshintshe indlela esicinga ngayo’ ukuze olu phawu lubi lungabi yinto esaziwa ngayo.​—Rom. 12:2.

20. Kutheni kufuneka sithobeke?

20 Siwubulela kakhulu umzekelo kaYehova. Sibona ukuthobeka kwakhe kwindlela abaphatha ngayo abakhonzi bakhe, ibe sifuna ukuba njengaye. Ngaphezu koko, sifuna ukufana nabakhonzi bakaThixo abathobekileyo ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abaqhubeka behamba noThixo. Masisoloko sinika uYehova lonke uzuko nembeko emfaneleyo. (ISityhi. 4:11) Xa sizenza zonke ezi zinto, siza kuhlala singabahlobo bakaYehova othanda abantu abathobekileyo.

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

^ isiqe. 5 Umntu othobekileyo ubonakala ngenceba nokucingela abanye. Yiloo nto sisithi uYehova uthobekile. Kweli nqaku, siza kufunda ukuthobeka njengoYehova. Siza kufunda ukuthobeka nakuKumkani uSawule, umprofeti uDaniyeli noYesu.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: Umdala uqeqesha umzalwana osemtsha ukuze ibe nguye ohoya intsimi yebandla. Emva koko, lo mdala akayilawuli indlela awenza ngayo umsebenzi wakhe, uyamyeka awenze ngokwakhe.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: Udade ubuza umdala ukuba umele avume na ukuya kumtshato oza kuba secaweni. Lo mdala akamxeleli into ayicingayo kodwa umbonisa imigaqo yeBhayibhile.