Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 34

Ubalulekile Ebandleni LikaYehova!

Ubalulekile Ebandleni LikaYehova!

“Njengokuba umzimba omnye unamalungu amaninzi, yaye loo malungu engumzimba omnye nangona emaninzi, noKristu unjalo.”​—1 KOR. 12:12.

INGOMA 101 Masisebenze Kunye Ngomanyano

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yeyiphi inyhweba esinayo?

KUYINYHWEBA kakhulu ukuba sebandleni likaYehova. Siba seluxolweni, ibe siyonwaba xa sikhonza uYehova nabazalwana noodadewethu ebandleni. Yintoni umsebenzi wakho ebandleni?

2. Umpostile uPawulos wasebenzisa owuphi umzekeliso kwiileta zakhe eziphefumlelweyo?

2 Ininzi into esinokuyifunda ngalo mxholo kumzekeliso umpostile uPawulos awawusebenzisa kwiileta zakhe eziphefumlelweyo. Kwezi leta, uPawulos ufanisa ibandla nomzimba womntu. Ufanisa nabantu abasebandleni namalungu omzimba.​—Roma 12:4-8; 1 Kor. 12:12-27; Efe. 4:16.

3. Zeziphi izinto ezintathu esiza kuthetha ngazo kweli nqaku?

3 Wonke umntu ubalulekile ebandleni likaYehova. Sonke singaliqinisa ibandla. Ukubaluleka kwethu ebandleni akuxhomekekanga kuhlanga esilulo, kwimali esinayo, ukuba sisuka kwintsapho enjani, amasiko esiwenzayo okanye ukuba sifunde kangakanani. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezintathu esinokuzifunda kumzekeliso kaPawulos. Okokuqala, siza kubona ukuba kutheni sonke sibalulekile ebandleni likaYehova. Okwesibini, siza kuthetha ngento esinokuyenza xa kunzima ukubona umsebenzi wethu ebandleni. Okwesithathu, siza kubona ukuba kutheni kubalulekile ukuxakeka yimisebenzi yethu ebandleni likaThixo.

SONKE SINENTO ESINGAYENZA EBANDLENI LIKAYEHOVA

4. AmaRoma 12:4, 5 asifundisa ntoni?

4 Into yokuqala esinokuyifunda kumzekeliso kaPawulos kukuba sonke sinomsebenzi obalulekileyo kwintsapho kaYehova. UPawulos uwuqala ngolu hlobo lo mzekeliso: “Ekubeni umzimba omnye unamalungu amaninzi, kodwa abe engenzi msebenzi ufanayo, nathi ke, nangona sibaninzi, singumzimba omnye omanyene noKristu, kodwa lungu ngalinye lixhomekeke kwelinye.” (Roma 12:4, 5) Wayethetha ukuthini uPawulos? Nakuba sinemisebenzi engafaniyo, sonke sibalulekile ebandleni.

Sinemisebenzi engafaniyo ebandleni, kodwa sonke sibalulekile (Jonga isiqendu 5-12) *

5. Zeziphi ‘izipho’ uYehova azinike ibandla?

5 Xa ucinga ngabantu ababalulekileyo ebandleni, kulula ukucinga ngabazalwana abakhokelayo. (1 Tes. 5:12; Heb. 13:17) UYehova unike ibandla lakhe ‘izipho ezingabantu’ esebenzisa uKristu. (Efe. 4:8) Ezi ‘zipho zingabantu’ ngabazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo kunye nabancedisi balo, abazalwana abakwiiKomiti ZamaSebe, abaveleli beziphaluka, iitishala ezifundisa kwizikolo zeBhayibhile, abadala bebandla nezicaka zolungiselelo. Bonke aba bazalwana bamiselwe ngomoya oyingcwele ukuze bakhathalele izimvu zikaYehova baze baqinise nebandla.​—1 Pet. 5:2, 3.

6. Ama-1 Tesalonika 2:6-8 athi abazalwana abamiselwe ngomoya oyingcwele bazama ukwenza ntoni?

6 Abazalwana bamiselwa ngomoya oyingcwele ukuze bakwazi ukwenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Njengokuba amalungu omzimba njengezandla neenyawo, esenza izinto ezinceda umzimba wonke, abazalwana abamiselwe ngomoya oyingcwele basebenza nzima ukuze bancede lonke ibandla. Abazami ukunconywa ngabanye abantu. Kodwa, bazama ukwakha nokuqinisa abazalwana noodadewabo. (Funda 1 Tesalonika 2:6-8.) Siyambulela uYehova ngaba bazalwana bafanelekayo abacingela nabanye abantu.

7. Zeziphi iintsikelelo ezifunyanwa ngabo bakwinkonzo yexesha elizeleyo?

7 Abanye ebandleni banokuba ngabavangeli basemazweni, oovulindlela abakhethekileyo okanye oovulindlela abathe ngxi. Aba bazalwana noodade basemhlabeni wonke bakwenze umsebenzi wabo ukushumayela nokwenza abafundi. Ngenxa yesi sigqibo, baye banceda abantu abaninzi baba ngabalandeli bakaKristu uYesu. Noxa aba bazalwana bakhonza uYehova ixesha elizeleyo bengenamali okanye izinto ezininzi, uYehova ubanike izinto ezintle ezininzi. (Marko 10:29, 30) Siyabathanda aba bazalwana noodade, ibe siyakuvuyela ukuba nabo ebandleni.

8. Kutheni bonke abavakalisi beendaba ezilungileyo bebalulekile kuYehova?

8 Ngaba ngabazalwana abamiselweyo okanye ngabo bakwinkonzo yexesha elizeleyo qha ababalulekileyo ebandleni? Hayi. Bonke abavakalisi beendaba ezilungileyo babalulekile kuThixo nasebandleni. (Roma 10:15; 1 Kor. 3:6-9) Eyona nto ibalulekileyo ebandleni kukwenza abafundi beNkosi yethu uYesu Kristu. (Mat. 28:19, 20; 1 Tim. 2:4) Bonke abasebandleni, ababhaptiziweyo nabangekabhaptizwa bazama ukwenza lo msebenzi ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo.​—Mat. 24:14.

9. Kutheni sibathanda oodadewethu?

9 UYehova ukwanike noodade imisebenzi ebalulekileyo ebandleni. Uyabathanda abafazi, oomama, abahlolokazi, noodade abangatshatanga abamkhonza ngokuthembeka. IBhayibhile ithetha ngabafazi abaninzi ababesenza izinto ezifunwa nguThixo. Banconywa kakhulu ngokuba ngumzekelo kwindlela ababelumke ngayo, ukholo lwabo, indlela ababekhuthele ngayo, ukuba nesibindi kwabo, indlela ababesipha ngayo, nemisebenzi yabo elungileyo. (Luka 8:2, 3; IZe. 16:14, 15; Roma 16:3, 6; Fil. 4:3; Heb. 11:11, 31, 35) Simbulela kakhulu uYehova ngabafazi abangamaKristu abasebandleni abanezi mpawu.

10. Kutheni sibathanda abazalwana noodade abakhulileyo?

10 Sivuyiswa kukuba nabantu abakhulileyo ebandleni. Amanye amabandla anabazalwana noodade abakhulileyo abakhonze uYehova ubomi babo bonke. Kusenokwenzeka abanye basandokuyifunda inyaniso. Bonke basenokuba neengxaki zempilo ezibangelwa kukukhula. Ezi ngxaki, zisenokwenza kube nzima ukwenza imisebenzi ebandleni okanye ukushumayela. Kodwa, aba bazalwana bakhulileyo benza konke abanako ukuze bashumayele, bakhuthaze baze baqeqeshe nabanye. Ibe ziyasinceda izinto abazifundileyo ebomini. Bahle kakhulu kuYehova nakuthi.​—IMize. 16:31.

11-12. Likukhuthaze njani ulutsha ebandleni okulo?

11 Khawucinge ngolutsha. Luneengxaki ezininzi kuba lukhula kwihlabathi elilawulwa nguSathana uMtyholi. (1 Yoh. 5:19) Kodwa kusikhuthaza sonke ukubona abasebatsha bephendula kwiintlanganiso, besiya entsimini, bezithethelela ngesibindi nezinto abazikholelwayo. Nina lutsha, ninomsebenzi obalulekileyo ebandleni likaYehova.​—INdu. 8:2.

12 Abanye abazalwana noodade abakholelwa ncam ukuba banokusetyenziswa ebandleni. Makhe sibone ukuba yintoni enokunceda ukuze wonke umntu abone ukuba ubalulekile ebandleni.

UBALULEKILE EBANDLENI

13-14. Yintoni enokwenza abanye bacinge ukuba ababalulekanga ebandleni?

13 Nantsi into yesibini esinokuyifunda kumzekeliso kaPawulos. Uthetha ngengxaki abaninzi abasenokuba nayo namhlanje yokungakholelwa ukuba babalulekile ebandleni. UPawulos uthi: “Ukuba unyawo luthi: ‘Kuba ndingesosandla, andiyonxalenye yomzimba,’ loo nto ayithethi kuthi aluyonxalenye yomzimba. Yaye ukuba indlebe ithi: ‘Kuba ndingelolihlo, andiyonxalenye yomzimba,’ loo nto ayithethi kuthi ayiyonxalenye yomzimba.” (1 Kor. 12:15, 16) Wayesifundisa ntoni uPawulos?

14 Ukuba uzithelekisa nabanye ebandleni, usenokuzibona ungabalulekanga. Abanye ebandleni bafundisa kakuhle, bayakwazi ukuziceba kakuhle izinto okanye ukuthuthuzela abanye. Mhlawumbi ucinga ukuba awukwazi ukuzenza njengabo ezi zinto. Loo nto ibonisa ukuba uthobekile ibe uyazazi izinto ongenakuzenza. (Fil. 2:3) Kodwa uzulumke. Ukuba usoloko uzithelekisa nabantu abenza izinto kakuhle, uza kutyhafa. Uza kubona ingathi awubalulekanga ebandleni, njengokuba uPawulos wayesitsho. Ungancedwa yintoni ukuze uyeke ukucinga ngale ndlela?

15. Ama-1 Korinte 12:4-11, athi yintoni esimele siyazi ngeziphiwo esinokuba nazo?

15 Khawucinge ngale nto. UYehova wanika amaKristu exesha labapostile iziphiwo zomoya oyingcwele, kodwa zazingafani. (Funda 1 Korinte 12:4-11.) Wawapha izipho ezingafaniyo, kodwa onke ayebalulekile. Namhlanje, asinazo iziphiwo zomoya oyingcwele. Kodwa lo mgaqo awutshintshanga. Sisenokungabi neziphiwo ezifanayo, kodwa sonke sibalulekile kuYehova.

16. Leliphi icebiso likampostile uPawulos esimele silisebenzise?

16 Kunokuba sizithelekise namanye amaKristu, kufuneka sisebenzise icebiso likampostile uPawulos elithi: “Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye, angazithelekisi namntu. Uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.”​—Gal. 6:4.

17. Kuza kusinceda njani ukusebenzisa icebiso likaPawulos?

17 Ukuba sisebenzisa icebiso eliphefumlelweyo likaPawulos size sijonge izinto esikwaziyo ukuzenza, siza kubona ukuba sinezinto esikwaziyo ukuzenza abanye abangakwazi ukuzenza. Ngokomzekelo, umdala usenokungakwazi ukunikela iintetho ezimnandi kangako, kodwa usenokuphumelela kumsebenzi wokwenza abafundi. Okanye usenokungakwazi ukuceba kakuhle izinto njengabanye abadala ebandleni, kodwa usenokwaziwa njengomalusi obathandayo abantu, ibe nabavakalisi baziva bekhululekile ukucela amacebiso eBhayibhile kuye. Mhlawumbi waziwa ngokuba nobubele kwabanye abantu. (Heb. 13:2, 16) Xa sibona iziphiwo esinazo, siza kukuvuyela ukubona izinto esinokuzenza ebandleni. Asizukubamonela abazalwana abaneziphiwo ezahlukileyo kwezethu.

18. Sinokuncedwa yintoni ukuze sifundise kakuhle?

18 Nokuba senza eyiphi imisebenzi ebandleni, kufuneka sonke sifune ukuphucula inkonzo yethu nezinto esikwaziyo ukuzenza. UYehova uyasinceda siphucule ngokusiqeqesha esebenzisa intlangano yakhe. Ngokomzekelo, iintlanganiso zaphakathi evekini zisinceda siphucule indlela esishumayela ngayo. Ngaba uyazisebenzisa izinto ezifundiswa kwezi ntlanganiso?

19. Ziintoni onokuzenza ukuze ukwazi ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani?

19 UYehova ukwasiqeqesha nangeSikolo Sabavangeli BoBukumkani. Kwesi sikolo kuya abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo nabaneminyaka ephakathi kuka-23 no-65. Usenokucinga ukuba awunakuze uye kwesi sikolo. Kunokucinga ngezinto ezinokukwenza ungakwazi ukuya, cinga ngezinto ezikwenza ufune ukuya. Yenza izinto eziza kukunceda ukwazi ukuya. Xa uncedwa nguYehova ibe usebenza nzima, uza kukwazi ukwenza izinto ebezibonakala zingenakwenzeka.

SEBENZISA IZIPHIWO ZAKHO UKUZE WAKHE IBANDLA

20. Sifunda ntoni kumaRoma 12:6-8?

20 Into yesithathu esinokuyifunda kumzekeliso kaPawulos ifumaneka kumaRoma 12:6-8. (Yifunde.) Apha uPawulos uphinda abonise ukuba abantu abasebandleni baneziphiwo ezingafaniyo. Kodwa ngoku eyona nto ayithethayo kukuba kufuneka sisebenzise iziphiwo esinazo ukuze sakhe size siqinise ibandla.

21-22. Sifunda ntoni kuRobert noFelice?

21 Khawucinge ngento eyenzekayo kuMzalwana esiza kumbiza ngokuba nguRobert. Emva kokukhonza kwelinye ilizwe, wathunyelwa ukuba ayokukhonza eBheteli kwilizwe awayesuka kulo. Naxa abazalwana bamxelela ukuba akukho nto imbi ayenzileyo, uthi: “Ndandingonwabanga iinyanga ezininzi, ndicinga ukuba ndandingawenzanga kakuhle umsebenzi wam. Ngamanye amaxesha ndandifuna nokuyeka eBheteli.” Yintoni eyamnceda waphinda wonwaba? Omnye umdala wamkhumbuza ukuba uYehova ebesiqeqesha kwimisebenzi ebesikade siyenza ukuze esiyenzayo ngoku, siyenze kakuhle. URobert wabona ukuba kufuneka ayeke ukucinga ngezinto ezidlulileyo aze ajonge izinto anokukwazi ukuzenza ngoku.

22 UMzalwana uFelice Episcopo wayenengxaki efanayo. Yena nomfazi wakhe baya eGiliyadi ngo-1956 waza wangumveleli wesiphaluka eBolivia. Ngo-1964 baba nomntwana. UFelice uthi: “Kwakunzima kakhulu ukushiya umsebenzi esasiwuthanda. Mandivume ukuba yandityhafisa loo nto unyaka wonke. Kodwa uYehova wandinceda ndayitshintsha indlela endandicinga ngayo ngomsebenzi wam omtsha wokuba ngumzali.” Ngaba uziva njengoRobert okanye uFelice? Ngaba iyakutyhafisa into yokungenzi imisebenzi owawukade uyenza? Ukuba kunjalo, uza konwaba ukuba ucinga ngezinto okwazi ukuzenza ngoku ukuze ukhonze uYehova uze uncede nabazalwana. Xakeka kukunceda abanye ngeziphiwo onazo, uza konwatyiswa kukwakha ibandla.

23. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza, ibe siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

23 Sonke sibalulekile kuYehova. Ufuna sibe kwintsapho yakhe. Ukuba sicinga ngokwakha abazalwana noodade size sisebenze nzima ukuze siyenze loo nto, asizukuziva ingathi asibalulekanga ebandleni. Kodwa thina, sibajonga njani abanye ebandleni? Sinokubabonisa njani ukuba siyabathanda ibe siyabahlonipha? Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngale nto.

INGOMA 24 Yiza Entabeni KaYehova

^ isiqe. 5 Sonke siyafuna ukuthandwa nguYehova. Kodwa ngamanye amaxesha, sikhe sizibuze ukuba singamsebenzela njani. Eli nqaku liza kusinceda sibone ukuba sonke sibalulekile ebandleni.

^ isiqe. 61 IMIFANEKISO: Imifanekiso emithathu ebonisa into eyenzekayo ngaphambi kweentlanganiso, xa kuqhubeka iintlanganiso nasemva kwazo. Umfanekiso 1: Umdala ubulisa umntu omenyiweyo, umzalwana osemtsha ulungisa iimicrophone, udade uncokola nodade okhulileyo. Umfanekiso 2: Abasebatsha nabantu abadala baphendula kwiSifundo seMboniselo. Umfanekiso 3: Umyeni nenkosikazi yakhe bancedisa ekuklineni iHolo YoBukumkani. Umama unceda umntwana ukuba anikele. Umzalwana osemtsha uhoye iincwadi, umzalwana ukhuthaza udade okhulileyo.