Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 33

Uvuko Lubonisa Ukuba UThixo Uyasithanda, Ulumkile Kwaye Unomonde

Uvuko Lubonisa Ukuba UThixo Uyasithanda, Ulumkile Kwaye Unomonde

“UThixo uza kuvusa abantu.”​—IZE. 24:15.

INGOMA 151 Baza Kubizwa

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kwakutheni ukuze uYehova adale?

UYEHOVA wakha waphila yedwa. Nakuba kunjalo, wayengenasithukuthezi. Yayingekho into awayeyidinga. Kodwa uThixo wayefuna nabanye baphile baze bonwabe. Ngoko waqalisa ukudala, eqhutywa luthando.​—INdu. 36:9; 1 Yoh. 4:19.

2. Wathini uYesu neengelosi xa uYehova wadala zonke ezinye izinto?

2 Okokuqala, uYehova wadala uNyana wakhe, uYesu. Ekunye noNyana wakhe, wadala “zonke ezinye izinto,” ngokomzekelo, zonke iingelosi. (Kol. 1:16) UYesu wayekuvuyela kakhulu ukusebenza noTata wakhe. (IMize. 8:30) Kwaneengelosi zazivuya kakhulu. Zambona uYehova noMsebenzi Onobuchule, uYesu, xa babedala amazulu nomhlaba. Zathini? ‘Zamdumisa’ uThixo xa wadala umhlaba zaza zaqhubeka zimdumisa naxa zabona ezinye izinto awazidalayo, ingakumbi abantu. (Yobhi 38:7; IMize. 8:31, umbhalo osemazantsi) Zonke ezi zinto uYehova azidalileyo zibonisa indlela anothando nalumke ngayo.​—INdu. 104:24; Roma 1:20.

3. Ama-1 Korinte 15:21, 22 athi ukusihlawulela kukaYesu kusinceda njani?

3 UYehova wayefuna abantu baphile ngonaphakade kumhlaba omhle awawudalayo. Kodwa xa uAdam noEva bajikela uTata wabo obathandayo, isono nokufa zagcwala umhlaba wonke. (Roma 5:12) Wathini uYehova? Wayichaza ngoko nangoko indlela awayeza kubasindisa ngayo abantu. (Gen. 3:1) UYehova wayeza kunikela ngoNyana wakhe, uYesu, ukuba asihlawulele ukuze abantwana baka-Adam noEva bakhululeke esonweni nasekufeni. Emva koko, wayeza kunika abantu abakhetha ukumkhonza ithuba lokuphila ngonaphakade.​—Yoh. 3:16; Roma 6:23; funda ama-1 Korinte 15:21, 22.

4. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

4 Isithembiso sikaThixo sokuvusa abantu abaswelekileyo sisenza sizibuze imibuzo emininzi. Ngokomzekelo, inoba baza kuvuswa njani abantu? Ngaba siza kubazi abantu bethu abaswelekayo xa bevusiwe? Yintoni eza kusivuyisa xa kuvuswa abantu? Ukucinga ngokuvuswa kwabo kunokusinceda njani simbulele uYehova ngokusithanda kwakhe, ngokulumka nangokuba nomonde? Makhe siyiphendule loo mibuzo.

BAZA KUVUSWA NJANI ABANTU?

5. Kutheni singamele silindele ukuba bonke abantu baza kuvuswa ngexesha elinye?

5 Xa uYehova evusa abantu abaninzi kakhulu esebenzisa uNyana wakhe, asilindelanga ukuba abavuse bonke ngexesha elinye. Ngoba? Ukuvuswa kwabantu abaninzi ngexesha elinye, kungabangela isiphithiphithi. UYehova uzenza kakuhle zonke izinto. Uyayazi ukuba izinto kufuneka zenziwe ngocwangco ukuze abantu babe seluxolweni. (1 Kor. 14:33) Wabonisa indlela alumke nanomonde ngayo xa wayesebenza noYesu ekulungiseni umhlaba ngaphambi kokuba badale abantu. NoYesu uza kubonisa ezo mpawu kwiMinyaka Eliwaka yokulawula kwakhe. Uza kube esebenza nabantu abaza kube besinde kwiArmagedon, belungisa umhlaba ngaphambi kokuba abantu abaswelekileyo bavuswe.

Abantu abasinde ngeArmagedon baza kufundisa abantu abavusiweyo ngoBukumkani BukaThixo nangezinto azifunayo (Jonga isiqendu 6) *

6. IZenzo 24:15 zithi ngoobani abanye abaza kuvuswa nguYehova?

6 Eyona nto ibalulekileyo kukuba abantu abaza kusinda kwiArmagedon baza kufundisa abantu abavusiweyo ngoBukumkani BukaThixo nangezinto azifunayo. Kutheni sisitsho? Kuba abantu abaninzi abaza kuvuswa ‘ngabangengomalungisa.’ (Funda iZenzo 24:15.) Kuza kufuneka batshintshe izinto ezininzi ebomini babo ukuze bafumane iintsikelelo zokusihlawulela kukaYesu baze baphile ngonaphakade. Khawucinge ngendlela oza kuba mninzi ngayo umsebenzi wokufundisa inqwaba yabantu abavusiweyo abangamaziyo uYehova. Ngaba umntu uza kuqhutyelwa isifundo seBhayibhile njengokuba sisenza namhlanje? Ngaba baza kusiwa emabandleni baze baqeqeshwe ukuze bafundise abantu abaza kuvuswa emva kwabo? Kuza kufuneka silinde sibone. Kodwa into esiyaziyo kukuba ekupheleni kweMinyaka Eliwaka yokulawula kukaKristu, “umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehova.” (Isa. 11:9) Siza kuxakeka kakhulu kuloo minyaka iliwaka, kodwa kuza kuba mnandi nyhani.

7. Kutheni abantu bakaThixo beza kuvelana nabantu abavusiweyo abaza kubafundisa?

7 KwiMinyaka Eliwaka yokulawula kukaKristu bonke abantu bakaYehova kuza kufuneka kubekho izinto abazitshintshayo ukuze bamvuyise. Bonke baza kube bevelana njengokuba benceda abavusiweyo batshintshe ukuze bayeke ukucinga nokunqwenela izinto ezimbi. Loo nto iza kwenza abavusiweyo baphile ngendlela efunwa nguYehova. (1 Pet. 3:8) Siqinisekile ukuba abantu abaza kuvuswa baza kubona ukuba abantu bakaYehova bathobekile, ibe nabo baza kube ‘besebenzela ukusindiswa.’​—Fil. 2:12.

SIZA KUBAZI ABANTU BETHU ABASWELEKAYO XA BEVUSIWE?

8. Kutheni sisithi siza kubazi abahlobo neentsapho zethu eziza kuvuswa?

8 Sinezizathu ezisenza sicinge ukuba abo baza kwamkela abantu babo abavusiweyo abazukubhideka. Ngokomzekelo, ngenxa yendlela uYehova awabavusa ngayo abantu ababeswelekile kudala, sinokulindela ukuba uza kuphinda abenze babonakale, bathethe baze bacinge ngendlela ababekade becinga ngayo ngaphambi nje kokuba basweleke. Khumbula ukuba uYesu wafanisa ukufa nokulala waza wafanisa ukuvuswa komntu oswelekileyo nokuvuswa ebuthongweni. (Mat. 9:18, 24; Yoh. 11:11-13) Xa abantu bevuka ebuthongweni babonakala baze bathethe ngendlela ebebekade bethetha ngayo ngaphambi kokuba balale. Bayazikhumbula nezinto ebebekade bezazi. Khawucinge ngoLazaro. Wayesele eneentsuku ezine eswelekile, ngoko umzimba wakhe wawusele ubola. Kodwa xa uYesu wamvusayo, oodadewabo bamazi ngoko nangoko, noLazaro wayengabalibelanga.​—Yoh. 11:38-44; 12:1, 2.

9. Kutheni abantu abaza kuvuswa bengazukuba nengqondo nomzimba ofezekileyo?

9 Makhe sithethe ngesizathu sesibini. UYehova uthembisa ukuba xa kulawula uKristu, akukho mntu uza kuthi: “Ndiyagula.” (Isa. 33:24; Roma 6:7) Loo nto ithetha ukuba abantu abavusiweyo baza kuphinda badalwe beyimiqabaqaba. Kodwa, abazukufezeka ngoko nangoko. Ukuba bekuza kwenzeka loo nto, abahlobo neentsapho zabo bezingazukubazi. Kubonakala ukuba kwiMinyaka Eliwaka yokulawula kukaKristu bonke abantu baza kuye befezeka kancinci kancinci. Emva kwaloo minyaka iliwaka, uYesu uza kubuyisela uBukumkani kuTata wakhe. Ngelo xesha, uBukumkani buza kube buyenzile yonke into uYehova awayefuna ukuyenza, njengokwenza abantu bafezeke.​—1 Kor. 15:24-28; ISityhi. 20:1-3.

YINTONI EZA KUSIVUYISA XA KUVUSWA ABANTU?

10. Uza kuthini xa kuvuswa abantu bakowenu nabahlobo bakho?

10 Khawucinge ngendlela ekuza kuba mnandi ngayo ukwamkela abantu bakowenu nabahlobo bakho abaswelekayo. Ngaba indlela oza kuvuya ngayo iza kwenza uhleke okanye ulile? Ngaba uza kuvuya kakhulu kangangokuba ude uculele uYehova ingoma? Into esiqiniseke ngayo kukuba uza kumthanda kakhulu uTata wakho okukhathaleleyo noNyana wakhe osithandayo ngenxa yesi sipho sokuvuswa kwabantu.

11. Amazwi kaYesu akuYohane 5:28, 29, athi kuza kwenzeka ntoni ebantwini abamthobelayo uThixo?

11 Baza kuvuya kakhulu abantu abavusiweyo xa bekhulula ubuntu obudala baze baphile ngendlela efunwa nguThixo. Abantu ababutshintshayo ubomi babo baza kuvukela ebomini, baphile ngonaphakade eParadesi. Kodwa uThixo akazukubavumela abantu abangafuniyo ukutshintsha ukuba baphazamise uxolo oluza kube lukho eParadesi.​—Isa. 65:20; funda uYohane 5:28, 29.

12. UYehova uza kubasikelela njani bonke abantu abaza kuphila emhlabeni?

12 Xa kulawula uBukumkani, bonke abantu bakaThixo baza kubona ukuba amazwi akwiMizekeliso 10:22 ayinyani. Athi: “Yintsikelelo kaYehova etyebisayo, ibe akongezi ntlungu kuyo.” Kuba beza kube bencedwa ngumoya kaYehova, luza kuqina ukholo lwabantu bakaThixo. Loo nto ithetha ukuba baza kuye befana noKristu baze baye befezeka. (Yoh. 13:15-17; Efe. 4:23, 24) Yonke imihla baza kuye besiba namandla baze babe ngabantu ababhetele. Kuza kuba mnandi nyhani ngelo xesha. (Yobhi 33:25) Kodwa ke, ukucinga ngokuvuswa kwabantu abaswelekileyo kuza kukunceda njani ngoku?

SIFUNDA NTONI KWINDLELA UYEHOVA ASITHANDA NGAYO?

13. INdumiso 139:1-4, ibonisa njani ukuba ukuvuswa kwabantu kuthetha ukuba uYehova usazi kakuhle?

13 Njengokuba sele sitshilo, xa uYehova evusa abantu uza kubenza bazikhumbule izinto abafa bezazi, ibe abazukutshintsha. Uyayazi ukuba ithetha ukuthini loo nto? Ithetha ukuba uYehova ukuthanda kakhulu, kangangokuba uyazikhumbula zonke izinto ozicingayo, indlela oziva ngayo, izinto ozithethayo nozenzayo. Ngoko, ukuba uThixo ebeza kukuvusa, bekuza kuba lula ukuba akuvuse ube ngulo mntu ubunguye. UKumkani uDavide wayesazi ukuba uYehova usazi kakuhle sonke. (Funda iNdumiso 139:1-4.) Siziva njani xa siyiqonda into yokuba uYehova usazi kakuhle?

14. Simele sizive njani xa sicinga ngendlela uYehova asazi kakuhle ngayo?

14 Xa sicinga ngendlela uYehova asazi kakuhle ngayo, asimele sibe nexhala. Ngoba? Kaloku, uYehova usikhathalele kakhulu. Uyazithanda izinto ezenza wonke umntu ohluke komnye. Uyazikhumbula zonke izinto ezenzekileyo ebomini bethu, ezisenze sangaba bantu singabo. Isithuthuzela kakhulu loo nto. Singaze sicinge ukuba sisedwa. Ngalo lonke ixesha, uYehova usoloko esecaleni kwethu, efuna ukusinceda.​—2 Kron. 16:9.

SIFUNDA NTONI KWINDLELA UYEHOVA ALUMKE NGAYO?

15. Ukuvuswa kwabantu abaswelekileyo kubonisa njani ukuba uYehova ulumkile?

15 Xa abantu besoyika ukufa, iintshaba zabo zinokubanyanzela ukuba benze into abangafuniyo ukuyenza kuba besoyikiswa ngokufa. Abantu abalawulwa nguSathana badla ngokwenza le nto xa befuna ukunyanzela abantu ukuba bajikele abahlobo babo okanye bayeke izinto abazikholelwayo. Kodwa soze balunge kuthi. Siyayazi ukuba xa iintshaba zethu zisibulala, uYehova uza kusivusa. (ISityhi. 2:10) Siqinisekile ukuba ukukho nenye into eziyenzayo enokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova. (Roma 8:35-39) Usibonisile indlela alumke ngayo, ngokusinika ithemba lokuvuswa kwabantu abaswelekileyo. Ngenxa yeli themba, asiboyiki abaxhasi bakaSathana abasoyikisa ngokusibulala xa singazenzi izinto abathi masizenze. Likwasinika nesibindi sokungagungqi ekukhonzeni uYehova.

Ngaba izigqibo esizenzayo zibonisa ukuba siyasithemba isithembiso sikaYehova sokuba uza kusinika izinto esizidingayo? (Jonga isiqendu 16) *

16. Yeyiphi imibuzo omele uzibuze yona, ibe iza kukunceda njani ubone ukuba uyamthemba na uYehova?

16 Ukuba iintshaba zikaYehova zithi ziza kukubulala, ngaba uza kumthemba uYehova ukuba uza kukuvusa? Unokuqiniseka njani ukuba uza kumthemba? Enye indlela onokuyazi ngayo kukuzibuza lo mbuzo, ‘Ngaba izigqibo ezincinci endizenzayo yonke imihla zibonisa ukuba ndiyamthemba uYehova?’ (Luka 16:10) Omnye umbuzo onokuzibuza wona ngulo, ‘Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba ndiyazithemba izithembiso zikaYehova zokuba uza kundikhathalela, aze andinike izinto endizidingayo ukuba ndifuna kuqala uBukumkani bakhe?’ (Mat. 6:31-33) Ukuba uthi ewe xa uphendula le mibuzo, loo nto ithetha ukuba uyamthemba uYehova, ibe uza kukwazi ukumelana nazo naziphi na iingxaki oza kuba nazo.​—IMize. 3:5, 6.

SIFUNDA NTONI KWINDLELA UYEHOVA ANOMONDE NGAYO?

17. (a) Ukuvuswa kwabantu abaswelekileyo kubonisa njani ukuba uYehova unomonde? (b) Sinokubonisa njani ukuba siyambulela uYehova ngokuba nomonde?

17 UYehova sele elazi usuku nexesha aza kuyitshabalalisa ngalo le nkqubo yezinto. (Mat. 24:36) Akazukungxama aze atshabalalise ngaphambi kwelo xesha. Ukufuna nyhani ukuvusa abantu abaswelekileyo, kodwa unomonde. (Yobhi 14:14, 15) Ulinde ukuba kufike ixesha elifanelekileyo ukuze abavuse. (Yoh. 5:28) Sinezizathu zokumbulela uYehova ngokuba nomonde kwakhe. Khawucinge ngale nto: Kuba uYehova enomonde, abantu abaninzi, kwanathi aba, siye sanethuba ‘lokuguquka.’ (2 Pet. 3:9) UYehova ufuna babe baninzi kangangoko abantu abaza kuphila ubomi obungunaphakade. Ngoko masibonise indlela esimbulela ngayo ngokuba nomonde kwakhe. Sinokuyenza njani loo nto? Ngokwenza konke okusemandleni ethu ukukhangela abantu ‘abazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade,’ size sibancede bamthande baze bamkhonze uYehova. (IZe. 13:48) Nabo baza kuncedwa kukuba nomonde kukaYehova njengathi.

18. Kutheni kufuneka sibe nomonde kwabanye?

18 UYehova uza kulinda kude kuphele iminyaka eliwaka ngaphambi kokuba sifezeke. Kude kufike elo xesha, uYehova uza kuzixolela izono zethu. Ngoko, simele sifane naye, sijonge izinto ezintle kwabanye size sibe nomonde kubo. Khawucinge ngodade onomyeni owaqalisa ukuba nesifo sokuba nexhala kakhulu waza wayeka nokuya kwiintlanganiso. Uthi: “Yandikhathaza kakhulu le nto. Ubomi bethu batshintsha. Sasingakwazi ukwenza zonke izinto esasifuna ukuzenza.” Kuyo yonke loo nto, le nkosikazi yabonisa ukuba inomonde kumyeni wayo. Yathembela ngoYehova, ibe ayizange inikezele. NjengoYehova, yajonga ngapha kweengxaki zayo yaza yajonga izinto ezintle kumyeni wayo. Ithi: “Umyeni wam uneempawu ezintle kakhulu, ibe kancinci kancinci uya esiba bhetele kwisifo sakhe.” Kubaluleke kakhulu ukuba sibe nomonde kwiintsapho zethu okanye kubantu abasebandleni abazama ukoyisa iingxaki.

19. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

19 UYesu neengelosi bavuya kakhulu xa kwakudalwa umhlaba. Kodwa khawucinge ngendlela abaza kuvuya ngayo xa bebona umhlaba wonke ugcwaliswe ngabantu abafezekileyo, abathanda nabakhonza uYehova. Khawucinge nangendlela abaza kuvuya ngayo abantu abaza kuya ezulwini xa bebona abanye abantu befumana iintsikelelo ngenxa yomsebenzi ebebewenza. (ISityhi. 4:4, 9-11; 5:9, 10) Yiba nombono sewungasaliliswa yintlungu kodwa uliliswa kukuvuya, kungasekho mntu ugulayo, oneentlungu nofayo. (ISityhi. 21:4) Okwangoku, masizimisele ukufana noTata wethu osithandayo, olumkileyo nonomonde. Ukuba senza loo nto, siza kuhlala sivuya nokuba kwenzeka ntoni na. (Yak. 1:2-4) Simbulela kakhulu uYehova ngesithembiso sokuba “uza kuvusa abantu.”​—IZe. 24:15.

INGOMA 141 Ummangaliso Wobomi

^ isiqe. 5 UYehova nguTata obathandayo abantu, ulumkile ibe unomonde. Loo nto siyibona kwindlela azidale ngayo zonke izinto nakwisithembiso sokuvusa abantu abaswelekileyo. Kweli nqaku, siza kuphendula eminye imibuzo esisenokuba nayo ngokuvuswa kwabantu size sithethe nangendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyambulela uYehova ngokusithanda kwakhe, ngobulumko anabo nangokuba nomonde.

^ isiqe. 59 IMIFANEKISO: Indoda eyasweleka kwiminyaka emininzi kakhulu eyadlulayo iyavuswa kwiMinyaka Eliwaka yokulawula kukaKristu. UMzalwana osinde ngeArmagedon ufundisa le ndoda ivusiweyo ngezinto emele izenze ukuze ifumane iintsikelelo zentlawulelo kaKristu.

^ isiqe. 61 IMIFANEKISO: Umzalwana uxelela umqeshi wakhe ukuba kukho iintsuku ezithile angazukukwazi ngazo ukusebenza iovertime. Umxelela ukuba ngezo ntsuku kufuneka enze izinto eziza kumsondeza kuYehova. Kodwa ke, xa kukho umsebenzi ongxamisekileyo ekufuneka wenziwe ngamanye amaxesha, akanangxaki yokusebenza iovertime.