Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Uzifunde kakuhle iiMboniselo zalo nyaka? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

Simele sibajonge njani abathanjiswa?

Siyayithanda indlela abanokholo ngayo; kodwa asibatatazeleli. Siyakulumkela ukuthi phithi ngabantu. (Yuda 16) Asibabuzi ngethemba abanalo.—w20.01, iphe. 29.

Yintoni efanele ikwenze uqiniseke ukuba uYehova uyakwazi?

IBhayibhile ithi wakwazi ungekazalwa. Uyayiva imithandazo yakho. Uyazazi izinto ozicingayo, kwaye izinto ozenzayo zinokumenza avuye okanye abe buhlungu. (1 Kron. 28:9; IMize. 27:11) Ukusondeze kuye.—w20.02, iphe. 12.

Yeyiphi imizekelo esibonisa ixesha lokuthetha nelokuthi cwaka?

Siyathetha ngoYehova. Siyathetha xa sibona umntu esenza into eza kumfaka engxakini. Abadala bayathetha xa kufuneka balungise umntu. Simele singathethi ngendlela owenziwa ngayo umsebenzi kwilizwe esingavumelekanga ukuba sishumayele kulo. Asizithethi izinto eziyimfihlo.—w20.03, iphe. 20-21.

Zahluke ngantoni iinkumbi ezikuYoweli isahluko 2 kwezo zikwiSityhilelo isahluko 9?

UYoweli 2:20-29 uthi uThixo uzigxothela kude iinkumbi aze athembise ukuba uza kuyibuyekeza ilahleko ebangelwe zizo. Emva koko, uthulula umoya wakhe. Ezi zinto zenzeka xa umkhosi waseBhabhiloni wahlasela amaSirayeli nasemva koko. ISityhilelo 9:1-11 sithetha ngabathanjiswa abanjengeenkumbi abavakalisa ukuba uThixo uza kuligweba eli hlabathi, ibe loo nto yenza ukuba abantu abalithandayo bangazinzi.—w20.04, iphe. 3-6.

Ngubani ukumkani wasemntla namhlanje?

YiRashiya namazwe ayixhasayo. IRashiya nala mazwe iye yahlasela abantu bakaThixo, yavala umsebenzi wokushumayela yaza yenza izinto ezibonisa ukuba ayifuni nokuwabona amaNgqina. Ukumkani wasemntla ukhuphisana nokumkani wasemzantsi.—w20.05, iphe. 13.

Ngaba “isiqhamo somoya” siphelele kwiimpawu eziyi-9 ekuthethwa ngazo kumaGalati 5:22, 23?

Hayi. Umoya oyingcwele usinceda sibe nezinye iimpawu ezifana nokwenza ubulungisa. (Efe. 5:8, 9)—w20.06, iphe. 17.

Yeyiphi enye ingozi yokufaka iifoto zakho nokuthetha ngawe kwiiwebhsayithi zokuncokola?

Izinto ozifake kwiwebhsayithi zingenza abantu bacinge ukuba uyaqhayisa, bangakuboni ungumntu othobekileyo.—w20.07, iphe. 6-7.

Yintoni abanokuyifunda abashumayeli beendaba ezilungileyo kubalobi abakwazi kakuhle ukuloba?

Baloba ngexesha nakwindawo abanokuzifumana kuyo iintlanzi. Baqeqeshelwe ukusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo. Basebenza benesibindi nokuba iimeko ziyatshintsha. Senza kanye ezi zinto xa sishumayela.—w20.09, iphe. 5.

Zeziphi iindlela esinokubanceda ngazo abantu esibafundelayo bamthande kakhulu uYehova?

Sinokubakhuthaza ukuba bayifunde yonke imihla iBhayibhile baze bacinge ngento abayifundileyo. Sibafundise nokuthandaza.—w20.11, iphe. 4.

Ngoobani aba kuthiwa “bonke baza kwenziwa baphile”?—1 Kor. 15:22.

Apha umpostile uPawulos wayengathi bonke abantu baza kuvuswa. Wayethetha ngamaKristu athanjisiweyo, wona ‘aye enziwa ngcwele ukuze abe ngabalandeli bakaKristu uYesu.’ (1 Kor. 1:2; 15:18)—w20.12, iphe. 5-6.

Yintoni aza kuyenza amaKristu athanjisiweyo emva kokuba ‘etshintshe ngokuqhwanyaza kwelihlo, xa kukhala ixilongo lokugqibela’?—1 Kor. 15:51-53.

Aza kwalusa abantu ngentonga yentsimbi ekunye noKristu. (ISityhi. 2:26, 27)—w20.12, iphe. 12-13.