Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

Hlala Uzolile, Umthembe UYehova

Hlala Uzolile, Umthembe UYehova

UMXHOLO WONYAKA KA-2021 UTHI: “Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.”​—ISA. 30:15.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ngowuphi umbuzo ofana nokaKumkani uDavide abasenokuwubuza abanye?

SONKE sifuna ukuhlala siseluxolweni. Akakho umntu okuthandayo ukuba nexhala, kodwa ngamany’ amaxesha siba nalo. Yiloo nto abanye besenokubuza lo umbuzo owabuzwa nguKumkani uDavide kuYehova esithi: “Ndiza kuba namaxhala de kube nini, kode kube nini ndinentliziyo ebuhlungu yonke imihla?”​—INdu. 13:2.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Nangona sisiba nexhala ngamanye amaxesha, zikhona izinto ezinokusinceda singabi nalo kakhulu. Kweli nqaku, siza kuqala sithethe ngezinto ezinokusenza sibe nexhala. Emva koko sithethe ngezinto eziyi-6 esinokuzenza ukuze sikwazi ukuhlala sizolile xa sineengxaki.

YINTONI ENOKUSENZA SIBE NEXHALA?

3. Ziintoni ezisenza sibe nexhala? Ngaba sinayo indlela yokuzinqanda?

3 Zininzi izinto ezinokusenza sibe nexhala okanye soyike, futhi asinandlela yokuzinqanda zingenzeki. Ngokomzekelo, asinandlela yokuyinqanda indlela anyuka ngayo amaxabiso okutya, aweempahla naweendawo zokuhlala. Singenakukwazi nokunqanda indlela abantu esisebenza okanye esifunda nabo abazama ngayo ukuba singathembeki kuThixo okanye siziphathe kakubi ngesondo. Akukho nto sinokuyenza nangezinto ezimbi ezenziwa ngabantu esiphila nabo. Zonke ezi ngxaki zenziwa kukuba abantu abaninzi kweli hlabathi benza njee, abayisebenzisi imigaqo yeBhayibhile. USathana, uthixo weli hlabathi, uyazi ukuba abantu abaninzi baza kuvumela ‘amaxhala eli hlabathi’ abenze bangamkhonzi uYehova. (Mat. 13:22; 1 Yoh. 5:19) Ayisothusi into yokuba zininzi kangaka iingxaki ezisikhathazayo.

4. Kunokwenzeka ntoni xa iingxaki esinazo zisenza soyike kakhulu?

4 Iingxaki esinazo zinokusenza soyike kakhulu de singakwazi nokucinga ngezinye izinto. Ngokomzekelo, sinokuba nexhala lokuba asizukuba nemali eyaneleyo yokuthenga izinto esizidingayo okanye siza kugula, singakwazi ukuya emsebenzini, mhlawumbi sigxothwe. Sinokuba nalo nexhala lokuba sisenokungathembeki kuThixo xa kukho into efuna singathobeli umthetho wakhe. Selisondele ixesha lokuba uSathana enze abantu abalawulayo bahlasele abantu bakaThixo. Loo nto inokusenza sibe nexhala lokuba siza kuthini xa besihlasela. Sinokude sizibuze, ‘Ngaba kulungile ukuba nexhala ngezinto ezifana nezi?’

5. Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi, ‘Yekani ukuba nexhala’?

5 Siyazi ukuba uYesu wathi kubalandeli bakhe: ‘Yekani ukuba nexhala.’ (Mat. 6:25) Ngaba wayethetha ukuba asimele sibe naxhala lanto? Wayengathethi loo nto. Kaloku nabanye abakhonzi bakaYehova ababethembekile babesiba nawo amaxhala, kodwa loo nto zange yenze uYehova ayeke ukubathanda. * (1 Kum. 19:4; INdu. 6:3) UYesu wayesithuthuzela. Wayengafuni ukuba sikhathazeke kakhulu kuba sifuna ukufumana izinto esizidingayo, de ukukhonza uThixo kungabaluleki kangako kuthi. Yintoni ke esinokuyenza xa sinexhala?​—Funda ibhokisi ethi “ Yintoni Enokusinceda?

IZINTO EZIYI-6 EZIZA KUSINCEDA SIHLALE SIZOLILE

Jonga isiqendu 6 *

6. AmaFilipi 4:6, 7 athi yintoni enokusenza sizole xa sinexhala?

6 (1) Thandaza qho. AmaKristu anexhala anokuziva bhetele xa ethandaza, ecela uYehova awancede. (1 Pet. 5:7) UYehova uza kuyiphendula imithandazo yakho ngokukunika ‘uxolo lwakhe oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga.’ (Funda amaFilipi 4:6, 7.) Ngomoya wakhe oyingcwele nonamandla, uza kukwenza uzole.​—Gal. 5:22.

7. Yintoni ofanele uyenze xa uthandaza?

7 Xa uthandaza, xelela uYehova yonke into. Mxelele ingxaki onayo nendlela oziva ngayo. Ukuba ikhona indlela yokuyilungisa, mcele akuphe ubulumko namandla okuyilungisa. Ukuba akukho ndlela, mcele akuncede ungakhathazeki kakhulu. Xa uxelela uYehova zonke iingxaki onazo, ekuhambeni kwexesha uza kuyibona indlela ayiphendule ngayo imithandazo yakho. Ukuba imithandazo yakho akayiphenduli ngoko nangoko, sukuncama. Ufuna uqhubeke uthandaza, ungayeki.​—Luka 11:8-10.

8. Yintoni omele ungayilibali xa uthandaza?

8 Xa uthandaza, uxelela uYehova ngexhala onalo, qiniseka ukuba uyambulela. Nokuba zingakanani iingxaki esinazo, masingazilibali izinto ezintle asenzele zona. Yintoni omele uyenze xa ungakwazi ukumxelela indlela oziva ngayo? Kaloku uYehova angawuphendula umthandazo wakho nokuba ungathi nje, ‘Ndicela undincede.’​—2 Kron. 18:31; Roma 8:26.

Jonga isiqendu 9 *

9. Sifanele senze ntoni xa sisoyika?

9 (2) Themba ubulumko bukaYehova, ungathembi obakho. Ngexesha lomprofeti uIsaya, amaYuda ayesoyika ukuhlaselwa ngama-Asiriya. Kuba engafuni ukulawulwa ngama-Asiriya, acela uncedo kumaYiputa. (Isa. 30:1, 2) UYehova wawalumkisa esithi le nto ayenzayo iza kuwafaka engxakini enkulu. (Isa. 30:7, 12, 13) Esebenzisa uIsaya, wawaxelela into enokuwanceda. Wathi: “Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.”​—Isa. 30:15b.

10. Ziintoni esinokubonakala kuzo ukuba siyamthemba uYehova?

10 Singabonisa njani ukuba siyamthemba uYehova? Khawuve le mizekelo: Masithi ufumana umsebenzi obhatala kakuhle oza kufuna uchithe ixesha elininzi kuwo, ize loo nto ikwenze ungamkhonzi ngendlela omkhonza ngayo ngoku uYehova. Okanye emsebenzini kukho umntu ongeloNgqina ofuna ukuthandana nawe. Okanye masithi umntu wakowenu ufuna ukhethe phakathi kwakhe noThixo. Kuzo zonke ezi zinto, kuza kuba nzima ukwenza isigqibo, kodwa uYehova uza kukunceda. (Mat. 6:33; 10:37; 1 Kor. 7:39) Umbuzo ngulo, Uza kulithemba uze ulisebenzise icebiso akunika lona?

Jonga isiqendu 11 *

11. Zeziphi izinto ekuthethwa ngazo eBhayibhileni ezinokusinceda sihlale sizolile xa sichaswa?

11 (3) Funda kubantu abamthembayo nabangazange bamthembe uYehova. IBhayibhile ithetha ngezinto ezininzi ezenzekayo ezibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala uzolile uze umthembe uYehova. Xa uzifunda, uz’ ujonge indlela uThixo awabanceda ngayo abakhonzi bakhe bakwazi ukuzola xa babetshutshiswa. Ngokomzekelo, xa inkundla ephakamileyo yamaYuda yayalela ukuba abapostile bayeke ukushumayela, abazange boyike. Ngesibindi bathi: “NguThixo umlawuli esimele simthobele kunabantu.” (IZe. 5:29) Nasemva kokuba bebethwe kakhulu, zange boyike. Kwakutheni? Babesazi ukuba uYehova unabo, kwaye uyavuyiswa yinto abayenzayo. Ngoko zange bayeke ukushumayela iindaba ezilungileyo. (IZe. 5:40-42) Naxa umfundi uStefano wayeza kubulawa, wahlala ezolile kangangokuba nobuso bakhe ‘bafana nobengelosi.’ (IZe. 6:12-15) Yintoni eyamenza wazola kangaka? Wayeqinisekile ukuba uYehova uyavuyiswa yinto ayenzayo.

12. U-1 Petros 3:14 no-4:14 uthi kutheni simele sivuye xa sitshutshiswa?

12 Abapostile babeqinisekile ukuba uYehova ukunye nabo. Wayebanike amandla okwenza imimangaliso. (IZe. 5:12-16; 6:8) UYehova akasabaniki abakhonzi bakhe loo mandla. EBhayibhileni usixelela ukuba xa sitshutshiswa ngenxa yobulungisa, simele sivuye kuba uYehova uvuyiswa kukuba silimela igama lakhe, ngoko usipha umoya wakhe. (Funda u-1 Petros 3:14; 4:14.) Asifanele sibe nexhala ngento esiza kuyenza xa sitshutshiswa. Simele siqinise ukholo lwethu lokuba uYehova uza kuba nathi aze asisindise. Nathi njengabafundi bakaYesu ekuthethwe ngabo, simele simthembe uYesu xa esithi: “Ndiza kuninika amazwi obulumko abangazukukwazi ukuwaphikisa bonke abantu abalwa nani.” Naxa esithi: “Ukunyamezela kuza kuninceda nisinde.” (Luka 21:12-19) Singaze silibale ukuba uYehova ukhumbula nezona zinto zincinci ngabakhonzi bakhe abasweleka bethembekile. Ngenxa yezo zinto, uza kubavusa.

13. Kunokusinceda njani ukufunda ngabantu abangazange bazole, bathembe uYehova?

13 Sinokufunda kwizinto ezenzeka kubantu abangazange bakwazi ukuhlala bezolile nokuthemba uYehova. Xa sifunda ngabo, siza kukulumkela ukwenza izinto abazenzayo. Ngokomzekelo, xa wayesandukuba nguKumkani, uAsa wamthemba uYehova xa wayehlaselwa ngumkhosi omkhulu wama-Asiriya, waza uYehova wamenza wawoyisa loo mkhosi. (2 Kron. 14:9-12) Kodwa ekuhambeni kwexesha, xa wayehlaselwa ngumkhosi omncinci kaKumkani uBhahasha, akazange amthembe uYehova, wathenga umkhosi wamaSiriya efuna umncede. (2 Kron. 16:1-3) Naxa wayegulela ukufa akazange acele uncedo kuYehova.​—2 Kron. 16:12.

14. Sinokufunda ntoni kwizinto ezenziwa nguAsa?

14 Ekuqaleni, xa uAsa eneengxaki, wayecela uncedo kuYehova. Kodwa ekuhambeni kwexesha, wayeka ukumthemba uYehova, wakhetha ukuzilungiselela ngokwakhe iingxaki zakhe. Kwakusenokubonakala ngathi lihle icebo lakhe lokucela uncedo kumaSiriya. Kodwa amaYuda zange ahlale eseluxolweni ixesha elide. Esebenzisa umprofeti uYehova wathi: “Kuba uye wathembela ngokumkani waseSiriya, awathembela ngoYehova uThixo wakho, umkhosi kakumkani waseSiriya uphuncukile esandleni sakho.” (2 Kron. 16:7) Masilumke, singaze sizithembe sicinge ukuba singakwazi ukuzilungiselela iingxaki esinazo singakhange sijonge ukuba iLizwi LikaThixo lithini. Nokuba kungafuneka senze isigqibo ngokukhawuleza, sifanele sizole, sithembe uYehova, uza kusinceda senze isigqibo esifanelekileyo.

Jonga isiqendu 15 *

15. Ziintoni esinokuzenza xa sifunda iBhayibhile?

15 (4) Zazi ngentloko iivesi zeBhayibhile. Xa ufunda iivesi ezibonisa ukuba kubalulekile ukuhlala uzolile, uthembe uYehova, zama ukuzifunda de uzazi ngentloko. Ukuze zide zingene entloko, zama ukuzifunda ngokuvakalayo okanye uzibhale uze uzifunde qho. UYehova wayalela uYoshuwa ukuba ayifunde qho incwadi yoMthetho ngelizwi eliphantsi ukuze enze ngobulumko. Izinto awayezifunda zazinokumnika nesibindi sokukhokela amaSirayeli. (Yosh. 1:8, 9) Iivesi ezininzi ezikwiLizwi LikaThixo zinokukunceda uzole xa ujongene nezinto ezidla ngokukwenza ube nexhala okanye woyike.​—INdu. 27:1-3; IMize. 3:25, 26.

Jonga isiqendu 16 *

16. UYehova ulisebenzisa njani ibandla ukuze asincede sihlale sizolile size simthembe?

16 (5) Chitha ixesha ukunye nabantu bakaThixo. Ukuze asincede sihlale sizolile size simthembe, uYehova usebenzisa abazalwana bethu noodade. Xa sikwiintlanganiso, sincedwa ziintetho, iimpendulo zabazalwana noodade nokuncokola nabo ngezinto ezikhuthazayo. (Heb. 10:24, 25) Kunokusinceda kakhulu nokuxelela abahlobo esibathembileyo ebandleni izinto ezisikhathazayo. “Ilizwi elilungileyo” lomhlobo linokukwenza uzive bhetele.​—IMize. 12:25.

Jonga isiqendu 17 *

17. Ngokutsho kwamaHebhere 6:19, ithemba loBukumkani esinalo linokusinceda njani sihlale sizolile naxa kunzima?

17 (6) Hlala uqinisekile ngethemba onalo. Ithemba loBukumkani esinalo “lifana neankile yomphefumlo,” lisenza siqine nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani okanye sicinga izinto ezisenza sibe nexhala. (Funda amaHebhere 6:19.) Cinga ngezinto uYehova asithembisa ukuba uza kusenzela zona kwixesha elizayo. Ngelo xesha, akusoze kubekho nto ikhathaza mntu. (Isa. 65:17) Khawuzibone ukwihlabathi elitsha ekugcwele uxolo kulo, apho kungasoze kwenzeke zinto zimbi. (Mika 4:4) Enye into eza kukwenza uqiniseke kakhulu ngethemba onalo, kukuxelela abantu ngalo. Masizinikele kumsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. Ukuba siyayenza loo nto, siza ‘kuqiniseka ngokupheleleyo ngethemba esinalo kude kube sekupheleni.’​—Heb. 6:11.

18. Njengokuba eli hlabathi lisondela ekupheleni, yintoni eza kwenzeka, ibe yintoni enokusinceda?

18 Eli hlabathi lisondela ekupheleni, ngoko siza kuba neengxaki ezininzi ezinokusenza sibe namaxhala. Umxholo walo nyaka ka-2021 uza kusinceda simthembe uYehova ukuba uza kusenza sizole nokuba sinezo ngxaki. Kulo nyaka, izinto esizenzayo mazibonise ukuba sinokholo kwesi sithembiso sikaYehova: “Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.”​Isa. 30:15.

INGOMA 8 Sizimela NgoYehova

^ isiqe. 5 Umxholo wonyaka ka-2021 ubonisa indlela ekubaluleke ngayo ukumthemba uYehova xa sineengxaki ezisenza sibe nexhala, ngoku nakwixesha elizayo. Eli nqaku liza kuthetha ngezinto esinokuzenza ezibonisa ukuba siyalenza icebiso elikumxholo wethu walo nyaka.

^ isiqe. 5 Abanye abazalwana noodadewethu abathembekileyo baba nexhala ngendlela egqithisileyo nengalawulekiyo. Olu uhlobo lwexhala lusisigulo, ayilulo olu uYesu wayethetha ngalo.

^ isiqe. 63 IMIFANEKISO: (1) Usuku lonke udade uthandaza ngezinto ezimenza abe nexhala.

^ isiqe. 65 IMIFANEKISO: (2) Emsebenzini, ngexesha lesidlo sasemini ukhangela ubulumko bukaThixo ngokufunda iBhayibhile.

^ isiqe. 67 IMIFANEKISO: (3) Ucinga ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni abenza ngobulumko nabenza iimpazamo.

^ isiqe. 69 IMIFANEKISO: (4) Uncamathelisa iphepha elinesibhalo esimkhuthazayo afuna ukusazi ngentloko efrijini.

^ isiqe. 71 IMIFANEKISO: (5) Uvuyela ukuba kunye nabantu bakaThixo entsimini.

^ isiqe. 73 IMIFANEKISO: (6) Uqinisa ithemba lakhe ngokucinga ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo.