Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

UYesu waqala nini ukuba nguMbingeleli Omkhulu? Ngaba ixesha esamiselwa ngokusemthethweni ngalo isivumelwano lahlukile kwixesha esaqala ngalo ukusebenza?

Ubungqina bubonisa ukuba uYesu waba nguMbingeleli Omkhulu xa wabhaptizwayo ngo-29 C.E. Siyazi njani loo nto? Xa uYesu wayebhaptizwa wayebonisa ukuba wayekulungele ukunikela ngobomi bakhe kwisibingelelo esasimela “ukuthanda” kukaThixo. (Gal. 1:4; Heb. 10:5-10) Ekubeni esi sibingelelo sifuziselayo besikho ukususela ekubhaptizweni kukaYesu, itempile kaYehova emela ilungiselelo lonqulo lokwenyaniso likaYehova, oluye lwabakho ngenxa yokuba uYesu ehlawulele izono zethu, nayo imele ukuba yabakho ngelo xesha. Isibingelelo yeyona nto ibalulekileyo kule tempile.—Mat. 3:16, 17; Heb. 5:4-6.

Kule tempile kaYehova kwakufuneka umbingeleli omkhulu. Yiloo nto uYehova wakhetha uYesu ‘ngomoya oyingcwele, wamnika namandla.’ (IZe. 10:37, 38; Marko 1:9-11) Kodwa singaqiniseka njani ukuba uYesu wakhethwa waba nguMbingelelo Omkhulu ngaphambi kokufa nokuvuswa kwakhe? Izinto ezazisenziwa nguAron nababingeleli ababesemva kwakhe ziza kusinceda siphendule lo mbuzo.

UMthetho wawusithi yayingumbingeleli omkhulu qha owayenokungena kweYona Ngcwele yomnquba. Emva koko, kweYona Ngcwele yetempile. EYona Ngcwele yayahlulwe kwiNgcwele ngekhethini. Umbingeleli omkhulu wayengena kule khethini ngoSuku Lokuhlawulela qha. (Heb. 9:1-3, 6, 7) UAron nababingeleli abakhulu ababesemva kwakhe bakhethwa ngaphambi kokuba bangene ‘kwikhethini’ yomnquba, noYesu umele ukuba wakhethwa waba nguMbingeleli Omkhulu wetempile kaYehova ngaphambi kokuba afe, waza emva koko wangena kwikhethini ‘engumzimba wakhe,’ waya ezulwini. (Heb. 10:20) Ngenxa yale nto, umpostile uPawulos wathi uYesu weza ‘engumbingeleli omkhulu, wangena kwintente ebaluleke ngakumbi negqibeleleyo engenziwanga ngazandla, kwizulu ngokwalo.’​—Heb. 9:11, 24.

Ixesha esamiselwa ngokusemthethweni ngalo isivumelwano, alahlukanga kwixesha esaqala ngalo ukusebenza. Kutheni sisitsho? Xa uYesu wanyukela ezulwini, wafika wanikela ngexabiso lobomi bakhe obufezekileyo ngenxa yethu, waza uYehova wamisela isivumelwano esitsha ngokusemthethweni, saza saqala kwangelo xesha ukusebenza. UYesu wayenza njani le nto?

Okokuqala, wema phambi koYehova, okwesibini wanikela ngexabiso lobomi bakhe kuYehova, okokugqibela uYehova walamkela ixabiso legazi likaYesu. Isivumelwano esitsha sasingenakusebenza zingenziwanga zonke ezi zinto.

IBhayibhile ayisixeleli elona xesha uYehova awalamkela ngayo ixabiso legazi likaYesu. Ngoko asinakulazi elona xesha isivumelwano esitsha esamiselwa ngokusemthethweni ngalo saza sasebenza ngalo. Eyona nto siyaziyo kukuba uYesu wanyukela emazulwini kwiintsuku ezilishumi ngaphambi kwePentekoste. (IZe. 1:3) Ngelo xeshana lincinci, wanikela kuYehova ngexabiso lobomi bakhe, waza uYehova walamkela. (Heb. 9:12) Ubungqina bale nto bacaca ngePentekoste. (IZe. 2:1-4, 32, 33) Isivumelwano esitsha sasimiselwe yaye sisebenza.

Ngamafutshane, isivumelwano esitsha samiselwa saza saqala ukusebenza emva kokuba uYehova amkele ixabiso legazi likaYesu. Ngoko, uYesu waba nguMbingeleli Omkhulu noMlamli kwesi sivumelwano sitsha.