Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 27

Sukuzicingela Kakhulu

Sukuzicingela Kakhulu

“Ndithi kuni ngamnye wenu makangazicingeli kakhulu, kodwa makacinge ngendlela ebonisa ukuba uyisebenzisa kakuhle ingqondo.”—ROMA 12:3.

INGOMA 130 Xolela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. AmaFilipi 2:3 athi ukuthobeka kusinceda njani?

UYEHOVA simthobela kuyo yonke into kuba siyazi ukuba uyazazi izinto ezisilungeleyo. (Efe. 4:22-24) Ukuthobeka kwenza ukuba into efunwa nguYehova ibe yeyona nto ibalulekileyo kuthi size sibajonge abanye njengababhetele kunathi. Loo nto iza kusinceda sibe ngabahlobo bakaYehova size sihlale kakuhle nabazalwana noodade ebandleni.​—Funda amaFilipi 2:3.

2. Yintoni eyayiqondwa ngumpostile uPawulos, ibe siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Ukuba asilumkanga siza kuzibona sesiphakamile, sicingela neziqu zethu, njengabantu behlabathi. * Kubonakala ukuba amaKristu exesha labapostile ehlelwa yiloo nto, kuba umpostile uPawulos wathi kumaRoma: “Ndithi kuni ngamnye wenu makangazicingeli kakhulu, kodwa makacinge ngendlela ebonisa ukuba uyisebenzisa kakuhle ingqondo.” (Roma 12:3) UPawulos wayeqonda ukuba simele sizithembe, kodwa singazithembi kakhulu. Ukuthobeka kuza kusinceda singazijongeli phantsi, kodwa singacingi ukuba sibhetele kunabanye. Kweli nqaku siza kufunda indlela ukuthobeka okuza kusinceda ngayo kwezi zinto zintathu (1) emtshatweni, (2) emisebenzini esiyenzayo kwintlangano kaYehova (3) nakwindlela esizisebenzisa ngayo iiwebhsayithi zokuncokola.

THOBEKA EMTSHATWENI WAKHO

3. Kutheni kusenokubakho iingxabano emtshatweni, ibe abanye basenokucinga ngokwenza ntoni xa besoloko bexabana?

3 Xa wayesenza umtshato, uYehova wayefuna abantu abatshatileyo bonwabe. Kodwa, ngenxa yokuba sonke asifezekanga, zisenokubakhona iingxabano. NoPawulos wathi nabantu abatshatileyo baza kuba nazo iingxaki. (1 Kor. 7:28) Ngenxa yokuba besoloko bexabana nabantu abatshate nabo, abanye bade bacinge ukuba abafanelananga. Ukuba banengqondo yehlabathi, baza kukhawuleza bacinge ngokuqhawula umtshato, baza kucinga ngeziqu zabo qha baze babone ukuba eyona nto inokubonwabisa kukuqhawula umtshato.

4. Yintoni esimele siyiphephe?

4 Simele sikuphephe ukucinga ukuba akwaba sasingatshatanga. Siyazi ukuba sinye kuphela isizathu esivunyelwa yiBhayibhile sokuqhawula umtshato, kukuziphatha kakubi ngokwesondo. (Mat. 5:32) Ngoko xa sineengxaki uPawulos awayethetha ngazo asimele sicingele iziqu zethu qha, side sizibuze le mibuzo: ‘Ngaba lo mtshato uyandanelisa? Ngaba ndithandwa ngendlela endifuna ngayo? Ngaba bendiza konwaba xa benditshate nomnye umntu?’ Ukuba sicinga ngale ndlela, sakube sicingela iziqu zethu kunokucingela abantu esitshate nabo. Ihlabathi lisenokukuxelela ukuba wenze into ethandwa yintliziyo yakho nezakonwabisa, nokuba loo nto ithetha ukuqhawula umtshato. Kodwa yena uThixo uthi “ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.” (Fil. 2:4) UYehova ufuna uhlale emtshatweni, ungawuqhawuli. (Mat. 19:6) Ufuna uqale ucinge ngaye kunokucinga ngesiqu sakho.

5. AmaEfese 5:33 athi abantu abatshatileyo bamele baphathane njani?

5 Abantu abatshatileyo kufuneka bathandane baze bahloniphane. (Funda AmaEfese 5:33.) IBhayibhile isifundisa ukuba sithande ukupha kunokuphiwa. (IZe. 20:35) Loluphi uphawu olunceda abantu abatshatileyo ukuba bathandane baze bahloniphane? Kukuthobeka. Umyeni okanye inkosikazi ethobekileyo, ayizukufuna kulungelwe yona qha, iza kufuna ‘kulungelwe nomnye.’​—1 Kor. 10:24.

Kunokuba bahlale bexabana, abantu abatshatileyo basebenza kunye (Jonga isiqendu 6)

6. Yintoni oyifundileyo kwinto ethethwa nguSteven noStephanie?

6 Ukuthobeka kuncede amaKristu amaninzi onwaba emtshatweni. Ngokomzekelo, omnye umzalwana otshatileyo, uSteven uthi: “Xa nitshatile kufuneka nisebenzisane, ingakumbi xa kukho iingxaki. Endaweni yokuthi ‘iza kundinceda njani le nto?’ Uza kuthi ‘iza kusinceda njani le nto?’” NoStephanie umkakhe uyamngqinela. Uthi: “Akukho mntu ufuna ukuhlala nomntu azomane exabana naye okokoko. Xa singaboni ngasonye, siye sikhangele isizathu. Emva koko siye sithandaze, siphande size sizame ukulungisa loo ngxaki, singalwi.” Abantu abatshatileyo baza konwaba ukuba omnye akacingi ukuba ubhetele kunomnye.

KHONZA UYEHOVA ‘UTHOBEKILE’

7. Yintoni angamele ayenze umzalwana xa enikwe umsebenzi othile entlanganweni?

7 Kuyinyhweba ukukhonza uYehova nangayiphi na indlela. (INdu. 27:4; 84:10) Siyamncoma umzalwana ozimisele ukwenza neminye imisebenzi kwintlangano kaYehova. Phofu neBhayibhile ithi: “Ukuba umntu uzimisele ukuba ngumdala, unqwenela umsebenzi omhle.” (1 Tim. 3:1) Kodwa xa enikwa umsebenzi othile makangacingi ukuba ubalulekile kunabanye. (Luka 17:7-10) Umele azimisele ukunceda abanye ethobekile.​—2 Kor. 12:15.

8. Ukufunda ngoDiyotrefe, u-Uziya noAbhisalom kusifundisa ntoni?

8 IBhayibhile ithetha ngabantu ababecinga ukuba babhetele kakhulu kunabanye. UDiyotrefe wayengathobekanga, ngoko “wayezigqatsa” ebandleni. (3 Yoh. 9) Ngenxa yempakamo u-Uziya wenza into awayengayithunywanga nguYehova. (2 Kron. 26:16-21) UAbhisalom wayefuna ukuba ngukumkani, ngoko wenza ngathi uyabathanda abantu ukuze babe kwicala lakhe. (2 Sam. 15:2-6) Ezi ngxelo zeBhayibhile zibonisa ngokucacileyo ukuba uYehova akamthandi umntu ozifunela uzuko. (IMize. 25:27) Ekuhambeni kwexesha umntu ophakamileyo nofuna kuzukiswe yena, uza kungena engxakini.​—IMize. 16:18.

9. Yintoni esiyifundayo kuYesu?

9 UYesu wayengafani naba bantu baphakamileyo esithethe ngabo. IBhayibhile ithi ngaye, ‘nangona wayefana noThixo, akazange acinge ngokumbhukuqa ukuze alingane naye.’ (Fil. 2:6) NguYehova qha onegunya ngaphezu koYesu, kodwa uYesu akazicingeli kakhulu. Wathi kubafundi bakhe: “Lowo uziphatha njengomncinci phakathi kwenu nonke nguye omkhulu.” (Luka 9:48) Yintsikelelo ukusebenza noovulindlela, izicaka zolungiselelo, abadala nabaveleli beziphaluka abathobeke njengoYesu. Abakhonzi bakaYehova abathobekileyo banothando olubenza babonakale ukuba bakwintlangano yakhe.​—Yoh. 13:35.

10. Umele wenze ntoni xa kubonakala ngathi ebandleni kukho iingxaki kodwa abadala abenzi nto ngazo?

10 Umele wenze ntoni xa kubonakala ngathi ebandleni kukho iingxaki kodwa abadala abenzi nto ngazo? Sukukhalaza, thobeka uyekele yonke into kubadala. (Heb.13:17) Ukuze ukwazi ukuyenza loo nto, zibuze: ‘Ngaba ziingxaki ezinkulu nyhani ezifuna ukulungiswa ezi ndizibonayo? Ngaba sezifuna ukulungiswa? Ngaba ndim ofanele azilungise? Ngaba eyona nto ndiyifunayo kukumanyanisa ibandla okanye ndifuna ukubonakala ndibhetele kunabanye?’

Abantu abanikwe imisebenzi kwintlangano kaYehova, abamele baziwe ngobuchule abanabo nje qha, kodwa bamele baziwe nangokuthobeka (Jonga isiqendu 11) *

11. AmaEfese 4:2, 3 athi ukuthobeka kuza kusinceda njani xa sikhonza uYehova?

11 Ubuchule bokwenza izinto nemisebenzi esiyenzayo ayizozinto zibalulekileyo kuYehova. Eyona nto ibalulekileyo kuye kukuthobeka nomanyano. Ngoko zimisele ukukhonza uYehova uthobekile. Xa usenza njalo, uza kunceda ibandla limanyane. (Funda AmaEfese 4:2, 3.) Yikhuthalele intsimi. Khangela iindlela onokubanceda ngazo abantu. Yiba nobubele kubo bonke, nabo banganikwanga misebenzi ebandleni. (Mat. 6:1-4; Luka 14:12-14) Xa usenza umsebenzi wakho ebandleni uthobekile, abantu baza kuqaphela ukuthobeka kwakho kunezinto okwazi ukuzenza.

THOBEKA XA USEBENZISA IIWEBHSAYITHI ZOKUNCOKOLA

12. Ithini iBhayibhile ngokuba nabahlobo? Cacisa.

12 UYehova ufuna sonwabe xa sikunye neentsapho nabahlobo bethu. (INdu. 133:1) UYesu wayenabahlobo bokwenene. (Yoh. 15:15) IBhayibhile isichazela ngendlela abasinceda ngayo abahlobo bokwenene. (IMize. 17:17; 18:24) Ikwasixelela nokuba akulunganga ukuzikhetha ebantwini. (IMize. 18:1) Abaninzi bathi iiwebhsayithi zokuncokola zikwenza ube nabahlobo abaninzi, ungaziva uwedwa. Kodwa kufuneka silumke xa sisebenzisa le ndlela yokuncokola.

13. Yintoni eyenza ukuba abantu abajonga iiwebhsayithi zokuncokola basoloko beziva belahliwe yaye bengonwabanga?

13 Uphando lubonise ukuba abantu abaninzi abachitha ixesha bejonga izinto ezifakwe kwiiwebhsayithi zokuncokola basenokuziva belahliwe, bengonwabanga. Ngoba? Kusenokwenzeka ukuba esinye isizathu kukuba abantu abaninzi bathanda ukufaka iifoto zezinto ezintle ezikhe zenzeka ebomini babo, bekhetha ezona zintle zabo, ezabahlobo babo nezeendawo abakhe baya kuzo. Umntu obuka ezo foto unokucinga ukuba yena akonwabanga. Udade oneminyaka eyi-19 uthi: “Ndandiba nomona xa ndibona iifoto zabantu bonwabile ngeempelaveki ndibe mna ndihlel’ aph’ endlini.”

14. Icebiso eliku-1 Petros. 3:8 lingasinceda njani sizisebenzise kakuhle iiwebhsayithi zokuncokola?

14 Iiwebhsayithi zokuncokola sisenokuzisebenzisa nangenye indlela, ngokomzekelo, ukuze sincokole neentsapho nabahlobo. Ngaba ukhe waqaphela ukuba kwezi webhsayithi abantu bafaka izinto eziza kwenza kujongwe bona? Ivel’ ibe ngathi bathi “khanindijongeni.” Abanye batheth’ izinto ezisileyo ngeefoto zabo okanye ezabany’ abantu. AmaKristu akhuthazwa ukuba athobeke aze avelane. Ngoko wona awanakusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola ngolo hlobo.​—Funda u-1 Petros 3:8.

Ukuba ufaka izinto kwiiwebhsayithi zokuncokola, ngaba zikwenza ubonakale ungumntu oqhayisayo okanye ungumntu othobekileyo? (Jonga isiqendu 15)

15. IBhayibhile ingasinceda njani singafun’ ukubaluleka?

15 Ukuba usebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, khawuzibuze: ‘Ngaba izinto endizithethayo, iividiyo neefoto endizifakayo zingabenza abanye bacinge ukuba ndiyaqhayisa? Ngaba zingabenza abantu babe nomona?’ IBhayibhile ithi: “Yonke into esehlabathini, iminqweno yemizimba enesono, iminqweno yamehlo nokuqhayisa ngezinto onazo ebomini, akuveli kuTata, kodwa kuvela ehlabathini.” (1 Yoh. 2:16) Kwenye iBhayibhile indawo ethi “nokuqhayisa ngezinto onazo ebomini” iguqulelwe ngokuthi “nokufuna ukubonakala ubalulekile.” Akukho nto yenza amaKristu afune ukubaluleka. Athobela icebiso leBhayibhile elithi: “Masingaziphakamisi, singakhuphisani nabanye abantu, singamonelani.” (Gal. 5:26) Xa sithobekile asizukufana nabantu behlabathi abaphakamileyo, nabafuna kucingwe ukuba babalulekile.

‘CINGA NGENDLELA EBONISA UKUBA UYISEBENZISA KAKUHLE INGQONDO’

16. Kutheni singafanele siphakame?

16 Kufuneka sithobeke kuba abantu abaphakamileyo ‘abayisebenzisi kakuhle ingqondo.’ (Roma 12:3) Bayathanda ukukhuphisana nokuqhayisa. Indlela abacinga ngayo nabenza ngayo izinto yenzakalisa bona nabanye abantu. Ukuba abayitshintshi indlela abacinga ngayo, uSathana uza kungcolisa okanye adlale ngeengqondo zabo. (2 Kor. 4:4; 11:3) Umntu othobekileyo yena uyayisebenzisa ingqondo. Akazijongeli phantsi, engacingi nokuba ubhetele. Uyazi ukuba abanye babhetele kunaye. (Fil. 2:3) Uyayazi ukuba “uThixo akabafuni abantu abaziphakamisayo, kodwa ubenzela ububele abo bathobekileyo.” (1 Pet. 5:5) Abantu abayisebenzisa kakuhle ingqondo abafuni ukuxabana noYehova.

17. Yintoni esifanele siyenze ukuze sihlale sithobekile?

17 Ukuze sihlale sithobekile iBhayibhile ithi kufuneka ‘sikhulule ubuntu obudala, siziyeke izinto esasizenza, size sinxibe ubuntu obutsha.’ Inzima ke le nto. Kufuneka sifunde ngoYesu size sizame ngandlela zonke ukulandela umzekelo wakhe. (Kol. 3:9, 10; 1 Pet. 2:21) Ukuba siyayenza loo nto, siza kuncedakala. Ukuba sithobekile, iintsapho zethu ziza konwaba, simanyane ebandleni size sizisebenzise kakuhle neewebhsayithi zokuncokola. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, siza kuthandwa nguYehova aze asisikelele.

INGOMA 117 Uphawu Lokulunga

^ isiqe. 5 Namhlanje siphila nabantu abaphakamileyo, abacingela iziqu zabo. Kufuneka silumke singafani nabo. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu esingamele sicinge ukuba sibalulekile kuzo.

^ isiqe. 2 AMAGAMA ACACISIWEYO: Umntu ophakamileyo uzicingela kakhulu kunabanye abantu. Kodwa umntu othobekileyo yena akekho njalo. Akaziphakamisi ibe akacingi ukuba ungoyena ubalulekileyo kunabanye.

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Umdala onikela intetho endibanweni nowalathisa abazalwana uyawuthanda nomsebenzi wokwalathisa entsimini nowokucoca eholweni yoBukumkani.