Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inqaku Elifundwayo 48

‘Jonga Ngqo Phambili’ Kwixesha Elizayo

‘Jonga Ngqo Phambili’ Kwixesha Elizayo

“Amehlo akho mawajonge ngqo phambili,Mawathi ntsho phambi kwakho.”​—IMize. 4:25.

INGOMA 77 Masikhanyise Kwihlabathi Elisebumnyameni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Sinokuyenza njani into esiyicetyiswa kwiMizekeliso 4:25? Yenza umzekelo.

KHAWUCINGE ngezi zinto zikhe zenzeka kula maKristu mathathu. Udade owalupheleyo ukhumbula indlela ekwakumnandi ngayo esakhula. Nangona ubomi bungasekho lula kuye, akayeki ukwenza zonke izinto anokumenzela zona uYehova. (1 Kor. 15:58) Ayipheli imini engakhange azibone ephila kunye nabantu abathandayo kwihlabathi elitsha esilithenjiswe nguYehova. Omnye udade ukhumbula ukuba wakhe wakhathazwa ngomnye umKristu, kodwa uyazixelela ukuba akazuhlala ecingana naloo nto. (Kol. 3:13) Umzalwana usazazi iimpazamo awazenzayo, kodwa akasoloko ecinga ngazo. Eyona nto ihlala isengqondweni yakhe ngoku kukwenza yonke into enokumenza angagungqi ekukhonzeni uYehova.​—INdu. 51:10.

2 Yintoni afana ngayo la maKristu mathathu? Onke asazikhumbula izinto ezakha zenzeka kuwo, kodwa awahlali ecingana nazo. Ahlala ‘ejonge ngqo phambili’ kwixesha elizayo.​—Funda IMizekeliso 4:25.

3. Kutheni kufuneka ‘sijonge phambili’ kwixesha elizayo?

3 Kutheni kubalulekile ‘ukujonga phambili’ kwixesha elizayo? Kuba nzima kumntu ohamba ejonga ngasemva ukuhamba kakuhle aye ngqo phambili. Kunjalo nakwindlela esimkhonza ngayo uYehova. Asinakumkhonza kakuhle ukuba siza kuhlala sicinga ngezinto ezikhe zenzeka kuthi okanye esazenzayo.​—Luka 9:62.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezintathu ezinokusenza sisoloko sicinga ngezinto ezenzeka kudala. (1) Ukufuna ubomi buphinde bube njengakuqala, (2) ukuba nenzondo okanye ukungaxoleli, (3) nokungade uzixolele. Kuzo zontathu ezi zinto, siza kubona indlela imigaqo yeBhayibhile enokusinceda ngayo singabe sicingana ‘nezinto ezingasemva,’ kodwa ‘sityhalele kwizinto ezingaphambili.’​—Fil. 3:13.

UKUFUNA UBOMI BUPHINDE BUBE NJENGAKUQALA

Yintoni enokwenza kube nzima ukuba sijonge ngqo kwixesha elizayo? (Jonga isiqendu 5, 9, 13) *

5. INtshumayeli 7:10 isilumkisa ngantoni?

5 Funda iNtshumayeli 7:10. Uqaphele ukuba le vesi ayithi akulunganga ukucinga ukuba zazimnandi iintsuku zakudala? Kaloku uYehova usiphe into entle, ukukwazi ukukhumbula izinto ezimnandi ezikhe zenzeka ebomini bethu. Le vesi ithi: “Sukuthi, ‘Kutheni le nto imihla yakudala ibhetele kunale?’” Ngamany’ amazwi, masingathelekisi indlela esasiphila ngayo kuqala nesiphila ngayo ngoku, size sicinge ukuba kubi kakhulu ngoku.

Yeyiphi impazamo eyenziwa ngamaSirayeli ukumka kwawo eYiputa? (Jonga isiqendu 6)

6. Kutheni kungebobulumko ukusoloko ucinga ukuba imihla yakudala yayibhetele? Yenza umzekelo.

6 Kutheni kungebobulumko ukusoloko ucinga ukuba imihla yakudala yayibhetele? Xa sifuna ukuba ubomi buphinde bube njengakuqala, kusenokwenzeka ukuba sicinga ngezinto ezimnandi ezazisenzeka, asizicingi ezimbi. Khawucinge ngento eyenziwa ngamaSirayeli. Ukumka kwawo eYiputa, akhawuleza ayilibala indlela awayephila nzima ngayo apho. Eyona nto ayesoloko ecinga ngayo yindlela okwakumnandi ngayo ukutya kwaseYiputa. Athi: “Thina sifuna ezaa ntlanzi sasizitya eYiputa singazithenganga, sifuna iityhukhamba, iivatala, iilike, amatswele neegalikhi!” (Num. 11:5) Kodwa ngaba nyhani zange akubhatale oko kutya? Akubhatala. Akubhatala kakhulu ngokunyamezela ukucinezelwa eYiputa, engamakhoboka. (Eks. 1:13, 14; 3:6-9) Ayilibala yonke loo nto. Eyona nto ayeyikhumbula kakhulu kukutya okumnandi kwaseYiputa kunokucinga ngezinto ezintle uYehova awenzele zona. UYehova zange ayithande tu loo nto.​—Num. 11:10.

7. Yintoni eyanceda omnye udade akasoloko ecinga ngobomi obumnandi awayekhe wabuphila?

7 Sinokwenza ntoni ukuze singasoloko sisithi ingaske ubomi buphinde bube njengakuqala? Makhe sithethe ngodade owaqala ukukhonza eBheteli eBrooklyn ngo-1945. Kwiminyaka embalwa efikile, watshata nomzalwana oseBheteli. Bakhonza kunye apho iminyaka emininzi. Ngo-1976, umyeni wakhe wagula. Ngaphambi kokuba asweleke, umyeni wakhe wathi: “Besonwabe gqitha emtshatweni wethu. Abantu abaninzi zange bonwabe njengathi.” Wamcebisa wathi: “Ayizukuphuma engqondweni indlela ebekumnandi ngayo sisekunye, kodwa ungasoloko ucinga ngayo. Ekuhambeni kwexesha, intlungu iza kuya isehla. Ungazisizeli ngenxa yento ekwehleleyo. Vuyela ixesha ebesonwabe ngalo sikhonza uYehova kunye. . . . UYehova usiphe into entle, ukukwazi ukukhumbula izinto ezimnandi ezikhe zenzeka ebomini bethu.” Siqinisekile nawe uthi licebiso elihle kakhulu eli.

8. Yamnceda njani udadewethu into awayicetyiswa ngumyeni wakhe?

8 Udadewethu wayenza into awayicetyiswa ngumyeni wakhe. Zange agungqe ekukhonzeni uYehova de wasweleka eneminyaka eyi-92. Kwiminyaka embalwa ngaphambi kokuba asweleke wathi: “Xa ndicinga ngeminyaka engaphezu kweyi-63 ndikwinkonzo yexesha elizeleyo, ndinokuthi bendonwabe kakhulu.” Kutheni esitsho? Uthi: “Into esenza sonwabe kukuba siyintsapho yabazalwana noodade abasemhlabeni wonke, abakhonza uMdali Ozukileyo nokuphela koThixo oyinyaniso, uYehova, ngonaphakade.” * Ininzi into esinokuyifunda kulo dade obejonge phambili kwizinto esizithenjiswe nguYehova.

UKUBA NENZONDO

9. ILevitikus 19:18 ibonisa ukuba kunokuba nzima xa kutheni ukuxolela umntu osicaphukisileyo?

9 Funda iLevitikus 19:18. Ngamanye amaxesha kuba nzima ukuxolela umntu osebandleni, umhlobo okanye umntu ozalana naye xa ekucaphukisile. Ngokomzekelo, omnye udade watyhola omnye esithi ube imali yakhe. Ekuhambeni kwexesha, udade otyholileyo waxolisa, kodwa lo utyholiweyo wayekhathazeke kakhulu kangangokuba wayengakwazi nokuyilibala into ayenziwe ngulo dade. Ngaba nawe wakhe wanjengalo dade utyholiweyo? Nokuba zange kwenzeke le nto yenzeka kulo dade, mhlawumbi abanye bethu bakhe bamzonda umntu owayebacaphukisile, bezixelela ukuba soze bamxolele.

10. Yintoni enokusinceda xa sinenzondo?

10 Yintoni enokusinceda xa sinenzondo? Singaze silibale ukuba uYehova ubona yonke into. Wazi yonke into eyenzekayo kuthi, uyabona naxa singaphathwanga kakuhle. (Heb. 4:13) Uyakhathazeka xa sikhathazekile. (Isa. 63:9) Usithembisa ukuba uza kuziphelisa zonke izinto ezisivisa iintlungu.​—ISityhi. 21:3, 4.

11. Kusinceda njani ukuxolela?

11 Enye into esimele siyikhumbule kukuba, ukuxolela kunceda kwathina. Wafunda loo nto udade owayetyholiwe. Ekuhambeni kwexesha, wayeka ukumzonda udade owayemtyholile. Wafunda ukuba xa sibaxolela abantu, noYehova uza kusixolela. (Mat. 6:14) Akazange enze ngathi udade owayemtyholile zange amcaphukise, kodwa wakhetha ukumxolela. Loo nto yamenza wonwaba waza waqhubeka ekhonza uYehova ngamandla akhe onke.

UKUNGAZIXOLELI

12. Yintoni esiyifundayo ku-1 Yohane 3:19, 20?

12 Funda u-1 Yohane 3:19, 20. Abantu bayathanda ukuzibeka ityala. Ngokomzekelo, abanye abantu abakazixoleli ngenxa yezinto abazenza ngaphambi kokuba bafunde inyaniso. Kanti abanye abakazixoleli ngenxa yeempazamo abazenza emva kokuba bebhaptiziwe. (Roma 3:23) Sifuna ukusoloko sisenza izinto ezilungileyo. Kodwa “sonke sihlala sizenza iimpazamo.” (Yak. 3:2; Roma 7:21-23) Asikuthandi ukuzibek’ ityala, kodwa kunokusinceda. Njani? Kaloku kunokusenza silungise iimpazamo zethu size singaziphindi.​—Heb. 12:12, 13.

13. Kutheni kufuneka sizixolele?

13 Umntu uyakwazi ukungazixoleli, angayeki ukuzibek’ ityala ngento awayenzayo, nasemva kokuba eguqukile waza uYehova wambonisa ukuba umxolele. Loo nto inokumenzakalisa. (INdu. 31:10; 38:3, 4) Njani? Khawuve into eyathethwa ngomnye udade owayesoloko ezibek’ ityala ngenxa yezinto ezimbi awazenza kudala. Wathi: “Ndabona ukuba akuzukundinceda nganto ukukhonza uYehova ngentliziyo yam yonke kuba kusenokwenzeka ukuba akazukundisindisa.” Mhlawumbi abaninzi kuthi bacinga njengaye. Ngoko kubalulekile ukuba singazibek’ ityala ngento esayenza kudala, masizixolele. Khawucinge nendlela uSathana anokuvuya ngayo xa sinokuyeka ukukhonza uYehova, ngoxa yena uYehova esixolele!​—Thelekisa ama-2 Korinte 2:5-7, 11.

14. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYehova akasincamanga?

14 Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ndiza kuqiniseka njani ukuba uYehova undixolele?’ Xa uzibuza loo mbuzo ubonisa ukuba uyazi ukuba uYehova unokukuxolela. Kwiminyaka emininzi eyadlulayo enye iMboniselo yathi: “Sisenokufumanisa ukuba amaxesha amaninzi sisoloko sisenza impazamo efanayo. Mhlawumbi loo nto yenziwa kukuba asizange siyiyeke into embi esasiyenza ngaphambi kokuba sikhonze uThixo. Masingancami. Masingacingi ukuba uYehova akasoze asixolele. USathana ufuna sicinge njalo. Xa sikhathazawa kukuba simonile uYehova, sibonisa ukuba asingabokuncanywa, uYehova angasixolela. Masithobeke ngalo lonke ixesha size sicele uYehova asixolele, asincede sibe nesazela esicocekileyo size singaphindi siyenze le nto sasiyenza ngaphambi kokuba simkhonze. Thetha naye njengomntwana ethetha notata wakhe ngengxaki anayo. Lo mntwana uya kutata wakhe qho enale ngxaki, ngoko nawe sukucinga ukuba uYehova uza kudinwa xa usoloko umxelela into enye. Uza kukunceda kuba nguThixo onobubele kakhulu.” *

15-16. Kuye kwenzeka ntoni kwabanye bakuqiniseka ukuba uYehova uyabathanda?

15 Abakhonzi abaninzi bakaYehova baye bathuthuzelwa kukwazi ukuba uYehova akabancamanga. Ngokomzekelo, kwiminyaka eyadlulayo omnye umzalwana wancedwa yinto awayifunda kwelinye lamanqaku athi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu.” Kweli nqaku kuthethwa ngodade ekwakunzima ukukholwa ukuba uYehova unokumthanda ngenxa yezinto ezimbi awazenzayo. Wayesoloko ecinga loo nto nasemva kweminyaka emininzi ebhaptiziwe. Yintoni eyamncedayo? Wacinga kakhulu ngento yokuba uYesu wasihlawulela. Loo nto yamenza wakholwa ukuba uYehova uyamthanda. *

16 Eli nqaku lamnceda njani umzalwana? Wathi: “Ndisengumfana, ndandiyithanda kakhulu iphonografi, kwakunzima nyhani ukuyiyeka. Ikhe yabuya le ngxaki nangoku sendimdala. Ndiye ndacela abadala bandincede, baza bandinceda ndakwazi ukulwa nayo. Bandenze ndaqiniseka ukuba uThixo uyandithanda kwaye uyafuna ukundinceda. Kodwa ngamanye amaxesha, ndikhe ndizive ngathi andibalulekanga kuYehova ibe akasoze andithande. Indincede kakhulu into endiyifunde kweli nqaku. Ngoku ndiyaqonda ukuba xa ndicinga ukuba uThixo akasoze andixolele, ngamany’ amazwi ndithi igazi loNyana wakhe alinakumenza azixolele zonke izono zam. Ndalikhupha kwiMboniselo eli nqaku, ndaligcina, ukuze ndilifunde qho xa ndicinga ukuba uThixo akandithandi.”

17. Yintoni eyanceda umpostile uPawulos wazixolela?

17 Izinto ezifana nezi sigqib’ okuzifunda zisikhumbuza umpostile uPawulos. Ngaphambi kokuba abe ngumKristu, wenza izinto ezininzi ezimbi kakhulu. Wayeyazi loo nto, kodwa wayengasoloko ecinga ngayo. (1 Tim. 1:12-15) Wayekholwa ukuba naye uKristu wamfela, ngoko uYehova unokumxolela. (Gal. 2:20) Loo nto yamenza wazixolela, waza wasoloko ecinga ngokwenza yonke into anokukwazi ukuyenzela uYehova.

JONGA PHAMBILI KWIHLABATHI ELITSHA!

Masizimisele ukusoloko sicinga ngexesha elizayo (Jonga isiqendu 18-19) *

18. Yintoni esiyifundileyo kweli nqaku?

18 Yintoni esiyifundileyo kweli nqaku? (1) UYehova usiphe into entle, ukukwazi ukukhumbula izinto ezimnandi ezikhe zenzeka ebomini bethu. Nokuba sasikhe saphila kamnandi kangakanani, abukho ubumnandi obodlula obo siza kubuphila kwihlabathi elitsha. (2) Xa sibaxolela abantu abasicaphukisileyo, siza kukwazi ukumkhonza kakuhle uYehova kungekho nto isiphazamisayo. (3) Ukuba asizixoleli, asinakukuvuyela ukukhonza uYehova. Ngoko simele sifane noPawulos, sikholwe ukuba uYehova usixolele.

19. Sazi njani ukuba kwihlabathi elitsha asizukuzikhumbula nakancinci izinto ezisikhathazayo?

19 Sinethemba lokuphila ngonaphakade. Xa sikwihlabathi elitsha likaThixo, asizukuzikhumbula nakancinci izinto ezisikhathazayo. NeBhayibhile ithi: “Izinto zangaphambili azizukukhunjulwa.” (Isa. 65:17) Khawucinge ngabazalwana noodade abamkhonze uYehova bade babadala. Kwihlabathi elitsha, nabo baza kuphinda babe batsha. (Yobhi 33:25) Ngoko masizimisele ukungasoloko sicinga ngezinto ezenzeka kuthi okanye esazenzayo. Masijonge phambili kwihlabathi elitsha size senze yonke into esinokumenzela yona uYehova ukuze siphile kwelo hlabathi!

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

^ isiqe. 5 Kuhle ukukhumbula izinto ezakha zenzeka ebomini bethu. Kodwa asifuni ukuhlala sicinga kakhulu ngazo kuba sinokuzibona sesiyeka ukwenza izinto ezifunwa nguYehova nokucinga ngezinto ezintle asithembise ukuba uza kusenzela zona eParadesi. Eli nqaku liza kuthetha ngezinto ezintathu esimele sizilumkele, kuba zinokusenza sicinge kakhulu ngezinto ezenzeka kudala. Siza kuthetha nangendlela esinokuncedwa ngayo yimigaqo yeBhayibhile nezinto ezikhe zenzeka kwabanye abazalwana noodadewethu.

^ isiqe. 8 Funda IMboniselo kaJulayi 1, 2004, iphe. 23-29.

^ isiqe. 14 Funda iMboniselo yesiNgesi kaFebruwari 15, 1954, iphe. 123.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: Ukufuna ubomi buphinde bube njengakuqala, ukuba nenzondo nokungazixoleli; zonke ezi zinto zifana nemithwalo enzima esiyirhuqayo, eyenza kube nzima ukuhamba kwindlela eya ebomini.

^ isiqe. 65 IMIFANEKISO: Sakuyeka ukurhuqana nale mithwalo, siyakhululeka, sonwabe, siphinde sibe namandla, size sikwazi ukujonga phambili.