Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 45

Singabanceda Njani Abantu Bazenze Izinto Esiziyalelwe NguKristu

Singabanceda Njani Abantu Bazenze Izinto Esiziyalelwe NguKristu

“Ngoko ke, hambani niyokubenza abafundi . . . , nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.”​—MAT. 28:19, 20.

INGOMA 89 Mamela, Uthobele Uze Usikelelwe

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. KuMateyu 28:18-20, uYesu wabayalela ukuba benze ntoni abafundi bakhe?

EMVA kokuba uYesu evusiwe, wabonakala kubafundi bakhe ababedibene eGalili. Wayenento ebalulekileyo awayefuna ukubaxelela yona. Yayiyintoni leyo? Yifunde kuMateyu 28:18-20.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 Nanamhlanje, bonke abakhonzi bakaThixo bamele bayenze into uYesu awayiyalela abafundi bakhe. Ngoku makhe siphendule imibuzo emithathu ethetha ngalo msebenzi uYesu awasithuma ukuba siwenze. Owokuqala, yeyiphi enye into esimele siyenze ngaphandle kokufundisa abantu izinto ezifunwa nguThixo? Owesibini, bona abavakalisi ebandleni banokubanceda njani abantu abafundelwayo bazenze izinto abazifundayo? Owesithathu, sinokubanceda njani abazalwana noodadewethu abapholileyo baphinde benze umsebenzi wokwenza abafundi?

BAFUNDISE UKUBA BENZE IZINTO ESIZIYALELWE NGUKRISTU

3. Yeyiphi eyona nto ibalulekileyo esimele singayilibali kwinto uYesu awayalela ukuba siyenze?

3 Izinto esiziyalelwe nguYesu zicacile. Simele sifundise abantu izinto asiyalele zona. Kodwa kukho into ebalulekileyo esimele singayilibali. UYesu zange athi: ‘Nibafundise zonke izinto endiniyalele zona.’ Wathi: “Nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.” Ukuze sikwazi ukuyenza le nto, xa sifundisa abantu ukuba benze imiyalelo kaYesu, kufuneka babone kuthi ukuba yenziwa njani. (IZe. 8:31) Kutheni ibalulekile nje le nto?

4. Khawenze umzekelo ngendlela esinokubafundisa ngayo abantu ukwenza umyalelo kaKristu?

4 ‘Ukwenza’ into oyiyalelweyo kuthetha ukuyithobela. Makhe senze umzekelo ngendlela onokumfundisa ngayo umntu ukuba azenze okanye azithobele izinto esiziyalelwe nguKristu. Umntu ofundisa ukuqhuba unokumfundisa njani umntu ukuba athobele imithetho yendlela? Mhlawumbi unokuqala ngokumfundisa encwadini. Kodwa ikhona enye into ekufuneka ayenze. Kufuneka bangene endleleni ukuze ambonise indlela yokwenza ezi zinto ebezifunda encwadini. Yintoni esiyifundayo kulo mzekelo?

5. (a) UYohane 14:15 no-1 Yohane 2:3 bathi yintoni esimele simfundise yona umntu esimfundelayo? (b) Khawenze umzekelo ngendlela esimele simfundise ngayo ukuba azenze izinto azifundayo.

5 Xa sifundisa abantu iBhayibhile, sibafundisa izinto uThixo afuna bazenze. Kodwa simele singapheleli apho. Masibafundise nokuba ezi zinto bazifundayo mabazenze ebomini babo. (Funda uYohane 14:15; 1 Yoh. 2:3.) Ngezinto esizenzayo, sinokubabonisa indlela yokwenza izinto abazifundayo xa besesikolweni, emsebenzini okanye bonwabile. Sinokubabalisela into ekhe yenzeka kuthi ukuze babone indlela ukwenza izinto esizixelelwa yiBhayibhile okusikhusela ngayo kwiingozi, nendlela okusinceda ngayo senze izigqibo eziza kusinceda. Sinokuthandaza nabo, sicele uYehova abakhokele ngomoya wakhe oyingcwele.​—Yoh. 16:13.

6. Yeyiphi enye into esinokuyenza xa sifundisa abantu ukugcina imiyalelo kaYesu?

6 Yeyiphi enye into esinokuyenza xa sifundisa abantu ukugcina imiyalelo kaYesu? Kufuneka sibancede bafune ukwenza abafundi. Abanye basenokoyika xa becinga ngokushumayela. Xa sibanceda baziqonde kakuhle izinto ezifundiswa yiBhayibhile kufuneka sibe nomonde, de ukholo lwabo luqine. Lwakuqina, baza kufuna ukuya kushumayela. Sinokubanceda njani bafune ukuxelela abanye iindaba ezilungileyo?

7. Unokumnceda njani umntu omfundelayo afune ukuxelela abanye iindaba ezilungileyo?

7 Umntu ofunda naye unokumbuza imibuzo enjengethi: “Ukwenza izinto ozifunde eBhayibhileni kukuncede njani wakwazi ukutshintsha indlela obuphila ngayo? Ucinga ukuba nabanye abantu kufuneka baxelelwe izinto eziseBhayibhileni? Unokwenza ntoni ukuze ubancede?” (IMize. 3:27; Mat. 9:37, 38) Mbonise amaphecana akwiZixhobo Zokufundisa Entsimini uze umcele akhethe lawo acinga ukuba banokuba nomdla wokuwafunda abantu azalana nabo, abahlobo bakhe okanye abantu asebenza nabo. Mnike lawo awakhethileyo abe maninzi. Mbonise indlela anokuwahambisa ngayo, mhlawumbi omnye wenu abe ngumninimzi omnye abe ngumvakalisi. Xa esandukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, unokuhamba naye entsimini ukuze umncede abone indlela ekwenziwa ngayo.​—INtshu. 4:9, 10; Luka 6:40.

INDLELA IBANDLA ELINOKUBANCEDA NGAYO ABANTU ABAFUNDELWAYO

8. Kutheni kubalulekile ukuba abantu esibafundelayo bathande uThixo nommelwane? (Jonga nebhokisi ethi “ Indlela Esinokubanceda Ngayo Abantu Esibafundelayo Bamthande Kakhulu UThixo.”)

8 UYesu wasiyalela ukuba sifundise abantu ukuba ‘bazenze zonke izinto asiyalele zona.’ Ezinye zezi zinto, yimiyalelo emibini emikhulu; ukuthanda uThixo nokuthanda abantu. Yomibini le miyalelo iyahambisana nomsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. (Mat. 22:37-39) Ihambisana njani? Kaloku eyona nto isenza sishumayele kukuba sithanda uThixo nabantu. Siyaqonda kona ukuba abanye abantu esibafundelayo basenokoyika xa becinga ngokushumayela. Kodwa sinokubenza baqiniseke ukuba uYehova uza kubanceda bayeke ukoyika abantu. (INdu. 18:1-3; IMize. 29:25) Ibhokisi ekweli nqaku iza kusixelela izinto esinokuzenza ukuze sincede abantu esibafundelayo bamthande kakhulu uThixo. Lona ibandla linokubanceda njani?

9. Kumzekelo womntu ofundiswa ukuqhuba, unokuzifunda njani izinto ekufuneka azenze xa eqhuba?

9 Makhe sibuyele kula mzekelo womntu ofundiswa ukuqhuba. Zeziphi iindlela afunda ngazo njengoko eqhuba, nomntu omfundisayo ehleli ecaleni kwakhe? Kukumamela lo mntu umfundisayo nokujonga abanye abantu abaqhuba kakuhle. Ngokomzekelo, umntu omfundisayo usenokumbonisa umqhubi ovumela enye imoto ingene phambi kwakhe. Usenokumbonisa nomnye umqhubi owenza izibane zemoto yakhe zingakhanyi kakhulu ukuze angaphandli abanye abaqhubi. Zonke ezi zinto zenziwa ngaba baqhubi, zifundisa umfundi izinto amele azenze xa eqhuba.

10. Yintoni eza kunceda umntu omfundisayo abe ngumfundi?

10 Ngukufanayo, umntu ofundelwayo noqalayo ukuhamba kwindlela eya ebomini okanye ukukhonza uYehova akafundi kumntu omfundelayo qha, ufunda nakwabanye abakhonzi bakaYehova. Ngoko yeyiphi eyona nto inokumnceda ukuze naye ade abe ngumfundi kaKristu? Kukuya kwiintlanganiso. Kutheni sisitsho? Izinto ezifundiswa ebandleni ngeBhayibhile zinokumnceda azi izinto ezininzi, ukholo lwakhe lomelele aze amthande kakhulu uThixo. (IZe. 15:30-32) Enye into, xa ekwiintlanganiso unokumazisa kwabanye abazalwana noodade abakhe baneengxaki ezifana nezakhe. Uza kubona abazalwana noodade abathandanayo ebandleni. Khawucinge ngale mizekelo.

11. Ziintoni anokuzibona kubavakalisi abasebandleni umntu ofundelwayo, ibe ezo zinto zinokumnceda njani?

11 Ibhinqa elifundelwayo elikhulisa abantwana lodwa libona omnye udade okhulisa abantwana yedwa. Limangaliswa kukubona indlela lo dade azama ngayo ukuza nabantwana bakhe abancinci kwiintlanganiso. Umfundi ekunzima ukuba ayeke ukutshaya uqhelana nomvakalisi owayenengxaki efana neyakhe kodwa wade wakwazi ukuliyeka icuba. Lo mvakalisi umxelela ukuba waya emthanda uYehova, yaza loo nto yamnceda wakwazi ukuthobela imiyalelo yakhe. (2 Kor. 7:1; Fil. 4:13) Emva kokuba embalisele indlela awakwazi ngayo ukuyeka ukutshaya, uthi kuye, “Nawe unokukwazi ukuliyeka icuba.” Lo mfundi iyamkhuthaza le nto aze azixelele ukuba naye uza kukwazi ukuliyeka. Intombi esafundelwayo iqaphela ukuba omnye udade oselula uyakuthanda ukuba liNgqina. Loo nto iyenza ifune ukwazi izinto ezininzi ezenza lo dade asoloko ebonakala onwabile.

12. Kutheni sisithi nabavakalisi ebandleni banokumnceda umntu ofundelwayo?

12 Xa abantu abafundelwayo besiya besazi abavakalisi abaninzi abathembekileyo, baye bafunde ukuba kuthetha ukuthini ukuthobela umyalelo kaKristu othi masithande uThixo nommelwane. (Yoh. 13:35; 1 Tim. 4:12) Kodwa njengokuba sekutshiwo kwiziqendu ezidlulileyo, aba bantu banokufunda nakubavakalisi abaneengxaki ezifana nezabo. Banokubona ukuba nabo banokukwazi ukutshintsha indlela abaphila ngayo ukuze babe ngabafundi bakaKristu. (Dut. 30:11) Bonke abavakalisi ebandleni banokumnceda umntu ofundelwayo ngeendlela ezahlukeneyo. (Mat. 5:16) Wena, ubakhuthaza njani abantu abafundelwayo abeze kwiintlanganiso?

NCEDA ABAPHOLILEYO BAPHINDE BASHUMAYELE

13-14. UYesu wabaphatha njani abapostile bakhe ababetyhafile?

13 Sifuna ukunceda abazalwana noodadewethu abapholileyo ukuba baphinde benze into esiyithunywe nguKristu, bashumayele baze benze abafundi. Sifuna ukubaphatha ngendlela uYesu awabaphatha ngayo abapostile bakhe ababetyhafile.

14 Ngaphambi kokuba uYesu abulawe, bonke abapostile “babaleka bamshiya.” (Marko 14:50; Yoh. 16:32) Xa babetyhafile, uYesu wabaphatha njani? Emva kokuba evusiwe, waxelela abanye babalandeli bakhe wathi: “Sanukoyika! Hambani niyokuxelela abazalwana bam [ukuba ndivusiwe].” (Mat. 28:10a) Akazange abalahle abapostile bakhe. Nakuba babemshiyile, akazange ayeke ukubabiza ngokuthi, “abazalwana bam.” UYesu wayefana noYehova, wayenenceba kwaye exolela.​—2 Kum. 13:23.

15. Sithini ngabazalwana noodadewethu abaye bayeka ukushumayela?

15 Nathi sibakhathalele kakhulu abavakalisi abayekileyo ukushumayela. Ngabazalwana noodadewethu esibathanda kakhulu! Sisayikhumbula indlela abamsebenzele nzima ngayo uYehova. Abanye kwaba bazalwana noodade bamsebenzele nzima iminyaka emininzi. (Heb. 6:10) Sibakhumbula nyhani! (Luka 15:4-7) NjengoYesu, ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba sibakhathalele?

16. Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba sibakhathalele abazalwana noodadewethu abapholileyo?

16 Bamemele kwiintlanganiso. UYesu wabakhuthaza abapostile bakhe ababetyhafile nangokubamema ukuba baye kudibana naye. (Mat. 28:10b; 1 Kor. 15:6) Nathi sinokukhuthaza abazalwana noodadewethu abapholileyo ukuba baye kudibana nathi kwiintlanganiso. Siyaqonda ukuba kusenokufuneka sibameme kaninzi ngaphambi kokuba baye. Siqinisekile ukuba uYesu wavuya kakhulu xa wayebona abafundi bakhe kuloo ndawo wayebamemele kuyo.​—Thelekisa uMateyu 28:16 noLuka 15:6.

17. Simele senze ntoni xa umzalwana okanye udade opholileyo eze kwiintlanganiso?

17 Masibamkele ngezandl’ ezishushu. UYesu wabenza abafundi bakhe bazibona ukuba bamkelekile xa wayedibana nabo. Zange abalinde beze kuye, kodwa nguye owaya kuncokola nabo. (Mat. 28:18) Thina siza kwenza ntoni xa kufika umzalwana okanye udade opholileyo eholweni? Masingamlindi eze kuthi, mayibe sithi abamamkela ngezandla ezishushu. Ekuqaleni, sisenokungazi ukuba masithini. Masingamenzi abe neentloni, masimxelele indlela esikuvuyela ngayo ukumbona.

18. Sinokubakhuthaza njani abavakalisi abapholileyo?

18 Bakhuthaze. Kusenokwenzeka ukuba abafundi bakaYesu babecinga ukuba abanakukwazi ukushumayela emhlabeni wonke. UYesu wabakhuthaza esithi: “Ndikunye nani yonke imihla.” (Mat. 28:20) Abakhuthaza ke loo mazwi? Ewe, kuba kungabanga xesha lide emva koko, baxakeka ‘befundisa yaye beshumayela iindaba ezilungileyo.’ (IZe. 5:42) Nabavakalisi abapholileyo bafuna ukukhuthazwa. Basenokoyika ukuphinda baqalise ukushumayela. Sinokubanceda bangoyiki ngokubenza baqiniseke ukuba abazukuya kushumayela bodwa. Xa sele befuna ukuya entsimini, siza kuhamba nabo. Ngokuqinisekileyo baza kukuvuyela ukuhamba nathi xa beqala ukuphinda bashumayele. Xa sibabonisa ukuba ngabazalwana noodadewethu, basenokuphinda bamkhonze uYehova, ize loo nto ilivuyise ibandla.

SIFUNA UKUWUGQIBA UMSEBENZI ESIWUTHUNYIWEYO

19. Yintoni esifuna ukuyenza, ngoba?

19 Siza kuwenza de kube nini lo msebenzi wokwenza abafundi? De kube sekuphelisweni kweli hlabathi. (Mat. 28:20) Siza kukwazi ukushumayela nokwenza abafundi de kube lelo xesha? Sizimisele ukwenza njalo. Singanyanzelwa, sinikela ngexesha, amandla nemali yethu ukuze sifumane ‘abo bazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’ (IZe. 13:48) Xa sisenza le nto, silinganisa uYesu. Wathi: “Ukutya kwam kukwenza ukuthanda kwaLowo undithumileyo, nokuwugqiba umsebenzi wakhe.” (Yoh. 4:34; 17:4) Yeyona nto siyifunayo leyo. Sifuna ukuwugqiba lo msebenzi siwuthunyiweyo. (Yoh. 20:21) Sifuna nabanye, nkqu nabo bapholileyo, banyamezele kunye nathi kulo msebenzi.​—Mat. 24:13.

20. AmaFilipi 4:13 athi yintoni eza kusinceda siwugqibe umsebenzi esiwuthunywe nguYesu?

20 Akukho lula ukwenza umsebenzi uYesu asiyalele ukuba siwenze. Into evuyisayo kukuba asiwenzi sodwa. UYesu wasithembisa ukuba uza kuba nathi. “Sisebenza noThixo,” “sikunye noKristu.” (1 Kor. 3:9; 2 Kor. 2:17) Ngoko siza kuwugqiba. Siyayivuyela le nyhweba sinayo yokwenza umsebenzi esiwuyalelwe nguKristu nokunceda abanye bawenze.​—Funda amaFilipi 4:13.

INGOMA 79 Zifundise Ukuhlala Ziqinile

^ isiqe. 5 UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba baye kwenza abafundi baze bafundise abantu ukuba benze yonke into abayalele yona. Eli nqaku liza kuthetha ngendlela esinokuwenza ngayo lo myalelo kaYesu. Ezinye izinto ezikweli nqaku zithathwe kwiMboniselo kaJulayi 1, 2004, iphepha 14-19.

^ isiqe. 66 IMIFANEKISO: Udade uxelela umntu amfundelayo izinto amele azenze ukuze aye emthanda uThixo. Emva koko, lo mntu usebenzisa amacebiso awanikwe ngudade.